IsiThyilelo 18:1-20

IsiThyilelo 18:1-20 CXB24

Ndaza emva koko ndabona isithunywa sezulu sisihla, siphuma ezulwini, sinegunya elikhulu; kwaye umhlaba wakhanyiselwa bubuqaqawuli bakhe. Sadanduluka ngamandla, ngezwi elikhulu, sisithi, Iwile, iwile iBhabheli enkulu, yaba likhaya leedemon, nentolongo yoomoya bonke abangcolileyo, nentolongo yeentaka zonke ezingcolileyo, ezithiyekileyo. Ngokuba zonke iintlanga zisele kuyo iwayini yomsindo wobuhenyu bayo, Nookumkani bomhlaba bahenyuza nayo, Nabarhwebi bomhlaba baba zizityebi, ngenxa yobuninzi bokudla kwayo. Ndaza ndeva elinye izwi liphuma ezulwini lisithi: “Phumani kuyo, bantu bam, ukuze ningadlelani nayo ngezono zayo, nokuze ningamkeliswa kwizibetho zayo. Izono zayo ziye zafikelela emazulwini, Nezinto zayo zokungalungisi uzikhumbule uThixo. Mbuyekezeni njengoko naye ndanivuzayo, niyibuyekeze kabini ngokwemisebenzi yayo; Yinikeni intuthumbo nesijwili, ngangoko yazizukisayo, yaxhamla iziyolo; ngokuba ibisithi entliziyweni yayo, Ndihleli ndingukumkanikazi, andimhlolokazi, andisayi kubona sijwili. Ngenxa yoko ziya kufika ngamini-nye izibetho zayo, Ukufa, nesijwili, nendlala; Iya kutsha ngumlilo; ngokuba ligorha iNkosi uYehova, lowo uyigwebayo. Ookumkani bomhlaba, abo bahenyuza nayo, baxhamla iziyolo nayo, baya kuyimbambazela, bayenzele isijwili, bakuwubona umsi wokutsha kwayo; Bemi kude, ngenxa yokoyika intuthumbo yayo, Besithi, Yeha, yeha, mzi mkhulu iBhabheli, mzi unamandla! ngokuba kufike ngaxa linye umgwebo wakho. Nabarhwebi bomhlaba baya kuyililela, benze isijwili ngenxa yayo; kuba akusekho bani uluthengayo urhwebo lwabo; Urhwebo lwegolide, nesilivere, namatye anqabileyo, neeperile, nelinen ecikizekileyo, nemfusa, nesilika, nebomvu, nomthi wakho wonke, neempahla zonke zeempondo zeendlovu, neempahla zonke zomthi onqabileyo; nobhedu, nesinyithi, nelitye lenyengane; nesinamon, neziqhumiso, namafutha aqholiweyo, nentlaka yokuqhumisa, newayini, neoli, nomgubo ocoliweyo, nengqolowa, neenkomo, nempahla emfutshane, namahashe, neenqwelo, nezicaka, nemiphefumlo yabantu. Neziqhamo ezikhanukwa ngumphefumlo wakho zimkile kuwe, nazo zonke izinto ezityebileyo neziqaqambileyo zimkile kuwe; akusayi kuphinda uzifumane. Abarhwebi bezo zinto, abo batyeba ngayo, Baya kuma kude, ngenxa yokoyika intuthumbo yayo, belila nokwenza isijwili; Besithi, Yeha, yeha, mzi mkhulu Owawuthiwe wambu ngelinen ecikizekileyo, nengubo ebomvu, nengubo emfusa, Uhonjiswe ngegolide, namatye anqabileyo, neeperile! Ngokuba buphanziswe ngalixa linye ubutyebi obungaka. Bonke oomatiloshe, nebandla lonke lasezinqanaweni, noomateloshe, nabo bonke abashishina elwandle, bema kude. Baye bedanduluka, bakuwubona umsi wokutsha kwayo, besithi, Nguwuphi na ofana nalo mzi mkhulu? Bagalela uthuli entloko, Bamana bedanduluka, belila, besenza isijwili, Besithi, Yeha, yeha, mzi mkhulu, Apho baba nobutyebi khona bonke aba baneenqanawa elwandle, ngeento ezinqabileyo zawo! ngokuba ngalixa linye uphanzisiwe. Wenzele imihlali, nina mazulu, nani bapostile bangcwele, nani baprofeti; ngokuba uThixo ukuphindezele phezu kwayo.