ISITYHILELO 18:1-20

ISITYHILELO 18:1-20 XHO96

Kamva ke ndabona esinye isithunywa sisiza siphuma ezulwini. Ke sona sasingusomagunya; futhi ukubengezela kwaso kwaqaqamba ehlabathini liphela. Sadanduluka samemeza sathi: “Siwile isikhulukazi uBhabheli! Ngoku sesilikhaya leendimoni. Igquba khona imimoya emibi, ngokunjalo nentaka yeshwangusha. Kaloku izizwe zilugongqozile uluchwe lokurheletya kwakhe. Ewe, izikumkani zehlabathi bezirheletya naye. Ngoku oosomashishini zizinhanha ngenxa yokuqhuba ngobuqili bakhe.” Kwaphuma elinye ilizwi ezulwini lisithi: “Bantu bam, phumani kuye, hleze nide nithelele kwizono zakhe, nibe nenxaxheba nakwizibetho zakhe. Kaloku izono zakhe ziyimfumba eye kufikelela ezulwini. Kambe ke uThixo akawalibalanga amatyala akhe. Mbuyiseleni kwaizitya zakhe! Mbuyekezeni ngokuphindiweyo ngezenzo zakhe! Isikhuni masibuye nomkhwezeli! Iinzingo nokungcungcutheka kwakhe mazifane nodumo nozuko ebekade ekulo. Kaloku uthi xa ezithuthuzela: ‘Ndiyikumkanikazi, kukhonya mna! Soze ndigixe, andingomhlolokazi!’ Ngenxa yale nto ke, uya kuhlelwa zizibetho ngamini-nye: izifo, iinzingo, nendlala. Uya kutshiswa ngumlilo. Kaloku uThixo omgwebayo unamandla. “Ookumkani behlabathi ababerheletya naye, bexhamla intlala-kahle kunye naye, baya kukhala bakuwubona umsi womlilo omtshisayo. Baya kuhambela phaya bebindekile ngenxa yokungcungcutheka kwakhe. Baya kukhuza bathi: ‘Awu, kunyembelekile! Hayi kambe, sixekokazi singuBhabheli! Ngomzuzwana nje usuke wee shwaka! ’ “Nditsho noosomashishini beli hlabathi baya kungqukruleka beselusizini ngenxa yakhe. Kaloku koba kungasekho bani uyithengayo imithwalo yorhwebo lwabo. Igolide, isiliva, amatye exabiso, nentsimbi; imichako yelinen, eyamalaphu amfusa, isilika, kunye nemichako ebomvu; imithi evumba limnandi, amazinyo endlovu, nazo zonke izinto ezenziwe ngemithi eyomeleleyo; ubhedu, intsimbi, nemabhile; iziqholo zokutya, iziqhumiso, iziqholo zomzimba, intlaka emhlophe; iwayini namafutha, iflawa nengqolowa, iinkomo neegusha, amahashe neenqwelo, amakhoboka nobomi babantu; ewe, zonke ezi ntlobo-ntlobo zoba zingasenamthengi. Abantu baya kuphoxisa bathi: ‘Zonke izinto ezintle owawuzilangazelela ziphel' emehlweni; kanti nobutyebi nobuyokoyoko bakho bubhangile; futhi awusoze uphinde ubufumane!’ Oosomashishini abafumana ubutyebi beshishina kwesi sixeko baya kuhambela mgama bebindekile ngenxa yokungcungcutheka kwaso. Baya kungqukruleka beselusizini, bathi: ‘Heyi, kunyembelekile kwesi sixekokazi! Kaloku sona sasivethe ezelinen ecikiziweyo, ezimfusa nezibomvu; sasiyokozela yigolide, amatye exabiso nentsimbi! Engaka yona ilahleko yobutyebi ngomzuzwana nje!’ “Abaphathi-nqanawa noomatiloshe, nabahamba ngolwandle, nabo bonke abaphila lulwandle, bahambela phaya, bekhuza kukubona umsi womlilo ositshisayo, besithi: ‘Sakhe sakho phi na isixeko esifana nesi sixekokazi? ’ Bazigalela ngomhlaba, bengqukruleka beselusizini besithi: ‘Awu, kunyembelekile, sixekokazindini, apho bonke abahamba ngeenqanawa bamfimfithe khona ubutyebi! Ngomzuzwana nje usuke uthi shwaka.’ “Vuyani nimemelele, mazulu, ngenxa yokutshabalala kwakhe! Vuyani, lusapho lukaThixo, bathunywa, nani bavakalisi beendaba! Kaloku uThixo uyigwebile iBhabheli waniphindezela.”