ISITYHILELO 18:1-20

ISITYHILELO 18:1-20 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ndaza emva koko ndabona isithunywa sezulu sisihla, siphuma ezulwini, sinegunya elikhulu; umhlaba wakhanyiselwa bubuqaqawuli baso. Sadanduluka ngamandla, ngezwi elikhulu, sisithi: Iwile, iwile iBhabheli enkulu, Yaba likhaya leedemon, nentolongo yoomoya bonke abangcolileyo, Nentolongo yeentaka zonke ezingcolileyo, ezithiyekileyo. Ngokuba zonke iintlanga zisele kuyo iwayini yomsindo wobuhenyu bayo, Nookumkani bomhlaba bahenyuza nayo, Nabarhwebi bomhlaba baba zizityebi, ngamandla okuxhamla kwabo iziyolo zayo. Ndeva elinye izwi liphuma emazulwini lisithi: Phumani kuyo, bantu bam, Ukuze ningadlelani nayo ngezono zayo, Nokuze ningamkeliswa kwizibetho zayo. Ngokuba izono zayo ziye zafikelela emazulwini, Nezinto zayo zokungalungisi uzikhumbule uThixo. Yibuyekezeni, njengoko nayo yanibuyekezayo, Niyiphinde impinda ngokwemisebenzi yayo; Indebe eyaniphithikezela yona, yiphithikezeleni impinda nani. Yinikeni intuthumbo nesijwili, ngangoko yazizukisayo, yaxhamla iziyolo. Ngokuba ithi entliziyweni yayo, Ndihleli ndingukumkanikazi, Andimhlolokazi, andisayi kubona sijwili. Ngenxa yoko ziya kufika ngamininye izibetho zayo, Ukufa, nesijwili, nendlala. Iya kutsha ngumlilo, Ngokuba ligorha iNkosi uThixo, lowo uyigwebayo. Ookumkani bomhlaba, abo bahenyuza nayo, baxhamla iziyolo nayo, baya kuyililela, Bayimbambazelele, bakuwubona umsi wokutsha kwayo; Bemi kude, ngenxa yokoyika intuthumbo yayo, Besithi, Yeha, yeha, mzi mkhulu Bhabheli, mzi unamandla! Ngokuba kufike ngaxa linye ukugwetywa kwakho. Nabarhwebi bomhlaba baya kulila, benzé isijwili ngenxa yayo, Ngokuba ingasathengwa bani impahla yabo yomkhombe: Impahla yegolide, neyesilivere, neyelitye elinqabileyo, neyeeperile,• Neyelinen ecikizekileyo, neyeengubo ezibomvu, neyesilika, neyeengubo ezimfusa, Nomthi wonke ongumsedare,• Nezitya zonke zeempondo zeendlovu, Nezitya zonke zomthi onqabileyo kakhulu, Nezobhedu, nezentsimbi, nezemarmore,• Nesinamon,• neziqhumiso, namafutha aqholiweyo, nentlaka emhlophe, Newayini, neoli, nomgubo ocoliweyo, nengqolowa, Namaqegu, nezimvu, namahashe, neenqwelo, Nemizimba nemiphefumlo yabantu. Neziqhamo ezikhanukwa ngumphefumlo wakho zimkile kuwe, Nazo zonke izinto ezityebileyo neziqaqambileyo zimkile kuwe; Akusayi kuba sazifumana zona. Abarhwebi bezo zinto, abo batyeba ngayo, Baya kuma kude, ngenxa yokoyika intuthumbo yayo, Belila, besenza isijwili, besithi, Yeha, yeha, mzi mkhulu Owawuthiwe wambu ngelinen ecikizekileyo, nengubo ebomvu, nengubo emfusa, Uhonjiswe ngegolide, namatye anqabileyo, neeperile! Ngokuba buphanziswe ngalixa linye ubutyebi obungaka. Bonke abaqhubi-mikhombe, nayo yonke indibandiba esezinqanaweni, Noomateloshe, nabo bonke abasebenza elwandle, Bema kude, bamana bedanduluka, bakuwubona umsi wokutsha kwayo, Besithi, Nguwuphi na ofana nalo mzi mkhulu? Bagalela uthuli entloko, Bamana bedanduluka, belila, besenza isijwili, Besithi, Yeha, yeha, mzi mkhulu, Apho baba nobutyebi khona bonke aba baneenqanawa elwandle, ngeento ezinqabileyo zawo! Ngokuba ngalixa linye úphanzisiwe. Wénzele imihlali, nina mazulu, Nani bapostile• bangcwele, nani baprofeti; Ngokuba uThixo eniphindezelele kuwo.

ISITYHILELO 18:1-20 IBHAYIBHILE (XHO96)

Kamva ke ndabona esinye isithunywa sisiza siphuma ezulwini. Ke sona sasingusomagunya; futhi ukubengezela kwaso kwaqaqamba ehlabathini liphela. Sadanduluka samemeza sathi: “Siwile isikhulukazi uBhabheli! Ngoku sesilikhaya leendimoni. Igquba khona imimoya emibi, ngokunjalo nentaka yeshwangusha. Kaloku izizwe zilugongqozile uluchwe lokurheletya kwakhe. Ewe, izikumkani zehlabathi bezirheletya naye. Ngoku oosomashishini zizinhanha ngenxa yokuqhuba ngobuqili bakhe.” Kwaphuma elinye ilizwi ezulwini lisithi: “Bantu bam, phumani kuye, hleze nide nithelele kwizono zakhe, nibe nenxaxheba nakwizibetho zakhe. Kaloku izono zakhe ziyimfumba eye kufikelela ezulwini. Kambe ke uThixo akawalibalanga amatyala akhe. Mbuyiseleni kwaizitya zakhe! Mbuyekezeni ngokuphindiweyo ngezenzo zakhe! Isikhuni masibuye nomkhwezeli! Iinzingo nokungcungcutheka kwakhe mazifane nodumo nozuko ebekade ekulo. Kaloku uthi xa ezithuthuzela: ‘Ndiyikumkanikazi, kukhonya mna! Soze ndigixe, andingomhlolokazi!’ Ngenxa yale nto ke, uya kuhlelwa zizibetho ngamini-nye: izifo, iinzingo, nendlala. Uya kutshiswa ngumlilo. Kaloku uThixo omgwebayo unamandla. “Ookumkani behlabathi ababerheletya naye, bexhamla intlala-kahle kunye naye, baya kukhala bakuwubona umsi womlilo omtshisayo. Baya kuhambela phaya bebindekile ngenxa yokungcungcutheka kwakhe. Baya kukhuza bathi: ‘Awu, kunyembelekile! Hayi kambe, sixekokazi singuBhabheli! Ngomzuzwana nje usuke wee shwaka! ’ “Nditsho noosomashishini beli hlabathi baya kungqukruleka beselusizini ngenxa yakhe. Kaloku koba kungasekho bani uyithengayo imithwalo yorhwebo lwabo. Igolide, isiliva, amatye exabiso, nentsimbi; imichako yelinen, eyamalaphu amfusa, isilika, kunye nemichako ebomvu; imithi evumba limnandi, amazinyo endlovu, nazo zonke izinto ezenziwe ngemithi eyomeleleyo; ubhedu, intsimbi, nemabhile; iziqholo zokutya, iziqhumiso, iziqholo zomzimba, intlaka emhlophe; iwayini namafutha, iflawa nengqolowa, iinkomo neegusha, amahashe neenqwelo, amakhoboka nobomi babantu; ewe, zonke ezi ntlobo-ntlobo zoba zingasenamthengi. Abantu baya kuphoxisa bathi: ‘Zonke izinto ezintle owawuzilangazelela ziphel' emehlweni; kanti nobutyebi nobuyokoyoko bakho bubhangile; futhi awusoze uphinde ubufumane!’ Oosomashishini abafumana ubutyebi beshishina kwesi sixeko baya kuhambela mgama bebindekile ngenxa yokungcungcutheka kwaso. Baya kungqukruleka beselusizini, bathi: ‘Heyi, kunyembelekile kwesi sixekokazi! Kaloku sona sasivethe ezelinen ecikiziweyo, ezimfusa nezibomvu; sasiyokozela yigolide, amatye exabiso nentsimbi! Engaka yona ilahleko yobutyebi ngomzuzwana nje!’ “Abaphathi-nqanawa noomatiloshe, nabahamba ngolwandle, nabo bonke abaphila lulwandle, bahambela phaya, bekhuza kukubona umsi womlilo ositshisayo, besithi: ‘Sakhe sakho phi na isixeko esifana nesi sixekokazi? ’ Bazigalela ngomhlaba, bengqukruleka beselusizini besithi: ‘Awu, kunyembelekile, sixekokazindini, apho bonke abahamba ngeenqanawa bamfimfithe khona ubutyebi! Ngomzuzwana nje usuke uthi shwaka.’ “Vuyani nimemelele, mazulu, ngenxa yokutshabalala kwakhe! Vuyani, lusapho lukaThixo, bathunywa, nani bavakalisi beendaba! Kaloku uThixo uyigwebile iBhabheli waniphindezela.”

ISITYHILELO 18:1-20 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ndaza emva koko ndabona isithunywa sezulu sisihla, siphuma ezulwini, sinegunya elikhulu; kwaye umhlaba wakhanyiselwa bubuqaqawuli bakhe. Sadanduluka ngamandla, ngezwi elikhulu, sisithi, Iwile, iwile iBhabheli enkulu, yaba likhaya leedemon, nentolongo yoomoya bonke abangcolileyo, nentolongo yeentaka zonke ezingcolileyo, ezithiyekileyo. Ngokuba zonke iintlanga zisele kuyo iwayini yomsindo wobuhenyu bayo, Nookumkani bomhlaba bahenyuza nayo, Nabarhwebi bomhlaba baba zizityebi, ngenxa yobuninzi bokudla kwayo. Ndaza ndeva elinye izwi liphuma ezulwini lisithi: “Phumani kuyo, bantu bam, ukuze ningadlelani nayo ngezono zayo, nokuze ningamkeliswa kwizibetho zayo. Izono zayo ziye zafikelela emazulwini, Nezinto zayo zokungalungisi uzikhumbule uThixo. Mbuyekezeni njengoko naye ndanivuzayo, niyibuyekeze kabini ngokwemisebenzi yayo; Yinikeni intuthumbo nesijwili, ngangoko yazizukisayo, yaxhamla iziyolo; ngokuba ibisithi entliziyweni yayo, Ndihleli ndingukumkanikazi, andimhlolokazi, andisayi kubona sijwili. Ngenxa yoko ziya kufika ngamini-nye izibetho zayo, Ukufa, nesijwili, nendlala; Iya kutsha ngumlilo; ngokuba ligorha iNkosi uYehova, lowo uyigwebayo. Ookumkani bomhlaba, abo bahenyuza nayo, baxhamla iziyolo nayo, baya kuyimbambazela, bayenzele isijwili, bakuwubona umsi wokutsha kwayo; Bemi kude, ngenxa yokoyika intuthumbo yayo, Besithi, Yeha, yeha, mzi mkhulu iBhabheli, mzi unamandla! ngokuba kufike ngaxa linye umgwebo wakho. Nabarhwebi bomhlaba baya kuyililela, benze isijwili ngenxa yayo; kuba akusekho bani uluthengayo urhwebo lwabo; Urhwebo lwegolide, nesilivere, namatye anqabileyo, neeperile, nelinen ecikizekileyo, nemfusa, nesilika, nebomvu, nomthi wakho wonke, neempahla zonke zeempondo zeendlovu, neempahla zonke zomthi onqabileyo; nobhedu, nesinyithi, nelitye lenyengane; nesinamon, neziqhumiso, namafutha aqholiweyo, nentlaka yokuqhumisa, newayini, neoli, nomgubo ocoliweyo, nengqolowa, neenkomo, nempahla emfutshane, namahashe, neenqwelo, nezicaka, nemiphefumlo yabantu. Neziqhamo ezikhanukwa ngumphefumlo wakho zimkile kuwe, nazo zonke izinto ezityebileyo neziqaqambileyo zimkile kuwe; akusayi kuphinda uzifumane. Abarhwebi bezo zinto, abo batyeba ngayo, Baya kuma kude, ngenxa yokoyika intuthumbo yayo, belila nokwenza isijwili; Besithi, Yeha, yeha, mzi mkhulu Owawuthiwe wambu ngelinen ecikizekileyo, nengubo ebomvu, nengubo emfusa, Uhonjiswe ngegolide, namatye anqabileyo, neeperile! Ngokuba buphanziswe ngalixa linye ubutyebi obungaka. Bonke oomatiloshe, nebandla lonke lasezinqanaweni, noomateloshe, nabo bonke abashishina elwandle, bema kude. Baye bedanduluka, bakuwubona umsi wokutsha kwayo, besithi, Nguwuphi na ofana nalo mzi mkhulu? Bagalela uthuli entloko, Bamana bedanduluka, belila, besenza isijwili, Besithi, Yeha, yeha, mzi mkhulu, Apho baba nobutyebi khona bonke aba baneenqanawa elwandle, ngeento ezinqabileyo zawo! ngokuba ngalixa linye uphanzisiwe. Wenzele imihlali, nina mazulu, nani bapostile bangcwele, nani baprofeti; ngokuba uThixo ukuphindezele phezu kwayo.

ISITYHILELO 18:1-20 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

NASEMVENI kwezizinto ndabona enye ingelosi isihla ezulwini, inalo igunya elikulu; wati umhlaba wakanyiswa ngobungcwalisa bayo. Yaza yadanduluka ngamandla, ngelizwi elikulu, isiti: Iwile, iwile i‐Babilone enkulu, yaba yindawo yokuhlala yedemoni, nesikundla sabo bonke omoya abanco̔lileyo, nesikundla sazo zonke intaka ezinco̔lileyo nezitiyekileyo: ngokuba intlanga zonke ziselile kuyo iveyine yomsindo wombulo wayo, nokumkani bomhlaba benza umbulo nayo, nabatengi bomhlaba batyeba ngenxa yobukulu bobuyolo bayo. Ndaza ndeva elinye ilizwi livela ezulwini, lisiti: Pumani kuyo, bantu bam! ukuze ningabi nabudlelana nezono zayo, nokuze ningamkeli kuzo izibetwa zayo: ngokuba izono zayo zilandelene kude kwasezulwini, nezenzo zayo ezingalungileyo UTIXO uzikumbule. Vuzani yona njengokuba nayo ivuzile nina, nipindise kuyo okupindiweyo ngokwemisebenzi yayo: endebeni yapitikezayo kuyo, yipitikezeleni okupindiweyo. Njengoko izizukisile yapila ngobuyolo ngako, yenzeleni kwa ngokunjalo ututumbo nosizi: ngokuba isitsho entliziyweni yayo ukuti: Nidhleli ndingukumkanikazi, andinguye umhlolokazi, andisayi kubona lusizi. Ngako oko kwa semhleni mnye ziya kufika izibetwa zayo, ukufa, nosizi, nendlala, yaiya kutshiswa ngomlilo; ngokuba yomelele INKOSI UTIXO eyigwebayo. Babeya kuti okumkani bomhlaba, abawenza umbulo bapila ngobuyolo nayo, bayililele, benze isijwili pezu kwayo, okuya bawubonayo umsi wokutsha kwayo, bemi bekude ngenxa yokwoyika ututumbo lwayo, besiti: Yo, yo, esosixeko esikulu i‐Babilone, esosixeko esomeleleyo! kuba kwiyure inye kufikile ukugwetywa kwako. Boti nabatengi bomhlaba balile bakale pezu kwayo, kuba intengelo yabo kungaseko mntu oyitengayo: intengelo yegolide, neyesilivere, neyamatye anqabileyo, neyeperule, neyeqiya eshiceneyo, neyencawe ebomvu, neyesilike, neyencawe ebomvumnyama; nemiti yonke enuka mnandi, nempahla zonke zopondo lwendlovu, nempahla zonke zemiti enqabileyo kakulu, nezexina, nezesincete, nezamatye akazimlayo; nekinamone, nento zokuqu̔misa, namafuta amnandi, nentlakamhlope, neveyine, neoli, nomgubo ocolekileyo, nenqolowa, nenkomo, negusha; neyamahashe, neyenqwelo, neyamakoboka; nemipefumlo yabantu. Ziti iziqa̔mo zenkanuko yompefumlo wako zimkile kuwe, nazo zonke izinto zako ezityebileyo nezintle zimkile kuwe, waungasayi kubuya uzifumane. Bona abatengi bezizinto, abatyeba ngayo, baya kuma bekude ngenxa yokwoyika ututumbo lwayo, belila, bekala, besiti nokuti: Yo, yo, esosixeko esikulu, esibe sambete izivato zeqiya eshiceneyo, nezibomvu, nezibomvumnyama, sahonjiswa ngegolide, nangamatye anqabileyo, nangeperule! kuba kwiyure inye buci̔takele ubutyebi obungaka. Kanjako bonke abakokeli benqanawa, nabo bonke abahambayo ezinqanaweni, nomatrose, nabo bonke abasebenzayo elwandle, bema bekude, badanduluka, bebona umsi wokutsha kwayo, besiti: Sisipina isixeko esifana nesisixeko esikulu? Baza baposa utuli ezintlokweni zabo, badanduluka, belila bekala nokukala, besiti: Yo, yo, esosixeko esikulu, abati kuso batyeba bonke ababenazo inqanawa elwandle ngenxa yendyebo yaso enqabileyo! kuba kwiyure inye sici̔takele. Gcoba pezu kwaso, wena zulu! nani bapostile nabaprofite abangcwele! kuba UTIXO enipindezelele kwa kuso.