IsiThyilelo IsiThyilelo 13

IsiThyilelo 13
1Ndaza ndema phezu kwentlabathi yolwandle. Ndabona kunyuka, kuphuma elwandle, irhamncwa, lineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi, ezimpondweni zalo izizithsaba ezilishumi, kwiintloko zalo iligama lonyeliso. 2Laye irhamncwa elo ndalibonayo lifana nengwe, iinyawo zalo zinjengezebhere, umlomo walo unjengomlomo wengonyama. Inamba yalinika amandla alo, netrone yalo, negunya elikhulu. 3Ndabona enye yazo iintloko zalo, ingathi ixatyelwe yafa; lathi inxeba lalo elibanga ukufa laphila. Lamangaliswa ihlabathi liphela, lilandela irhamncwa. 4Bayinqula inamba eyalinika igunya irhamncwa, balinqula irhamncwa, besithi, Ngubani na ofana nerhamncwa elo? ngubani na onako ukulwa nayo? 5Sanikwa umlomo othetha izinto ezinkulu, nezinyeliso; lanikwa igunya lokuqhubeka iinyanga ezimashumi mane anesibini. 6Lawuvulela umlomo walo ekumnyeliseni uThixo, ukuba lilinyelise igama lakhe, nomnquba wakhe, nabo bahleli emazulwini. 7Lanikwa igunya lokulwa nabangcwele, libeyise; lanikwa igunya kuzo zonke izizwe, neelwimi, neentlanga. 8Baya kulinqula bonke abo bemiyo phezu komhlaba, abamagama angabhalwanga encwadini yobomi yayo iMvana, exheliweyo kususela ekusekweni kwehlabathi. 9Ukuba ubani unendlebe, makeve. 10Ukuba ubani ukhokelela ekuthinjweni, uya kusiwa ekuthinjweni; lowo ubulala ngekrele, umelwe kukubulawa naye ngekrele. Nalu unyamezelo nokholo lwabangcwele. 11Ndabona elinye irhamncwa linyuka liphuma emhlabeni; laye lineempondo ezimbini zifana nezemvana, laye lithetha njengenamba. 12Lenza lonke igunya lelokuqala irhamncwa, elalingaphambi kwalo; lenza umhlaba nabo bawumiyo ukuba balinqule irhamncwa lokuqala, elaphiliswayo inxeba lalo elibanga ukufa. 13Senza imiqondiso emikhulu, ngokokude senze umlilo uhle ezulwini, uze emhlabeni phambi kwabantu; 14Lalahlekisa abo bemiyo phezu komhlaba, ngemiqondiso elayinikwayo ukuba liyenze emehlweni erhamncwa; lisithi kwabo bemiyo phezu komhlaba, ukuba balenze umfanekiselo irhamncwa, elibe linenxeba lalo ikrele, laphila. 15Lanikwa igunya lokuwunika umfanekiselo werhamncwa umoya, ukuze umfanekiselo werhamncwa elo uthethe nokuthetha, wenze ukuba babulawe abasukuba bengaqubudi kuwo umfanekiselo werhamncwa. 16Lenza ukuba bonke, abancinane nabakhulu, abazizityebi nabangamahlwempu, abakhululekileyo nabangamakhoboka, ukuba baphawulwe esandleni sabo sokunene, nokuba kusebunzi; 17Kwaye ukuze kungabikho bani unako ukuthenga nokuthengisa, ingenguye lowo unophawu, nokuba ligama lerhamncwa, nokuba linani legama lalo. 18Nabu ke ubulumko. Lowo unengqiqo makalibale inani lerhamncwa; kuba linani lomntu; inani lakhe ngamakhulu amathandathu anamanci mathandathu anesithandathu.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena