IsiThyilelo IsiThyilelo 12

IsiThyilelo 12
1Kwabonakala umqondiso omkhulu ezulwini: inkazana ethiwe wambu ngelanga, inyanga iphantsi kweenyawo zakhe, entloko kuye isisithsaba seenkwenkwezi ezilishumi elinambini. 2Uthe ke emithi, walila, eneneni, egcuma ekuzaleni. 3Kwabonakala omnye umqondiso ezulwini: nantso, inamba enkulu ebomvu, ineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi, kwiintloko zayo izizithsaba ezisixhenxe. 4Umsila wayo wawurhola isahlulo sesithathu seenkwenkwezi, waziphosa emhlabeni. Yathi inamba leyo yema phambi komfazi owayeza kuzala, ukuze, xa athe wazala, imdle imgqibe umntwana wakhe. 5Wazala umntwana oyinkwenkwe, oza kuzalusa zonke iintlanga ngentonga yentsimbi, umntwana wakhe lowo wathiwa xwi, wasiwa kuye uThixo, nakuyo itrone yakhe. 6Umfazi wasabela entlango, apho ikhona indawo ayilungiselwe nguThixo, ukuze bamnqake khona iintsuku eziliwaka elinamakhulu mabini anamanci mathandathu. 7Kwaza kwabakho imfazwe emazulwini, uMikayeli nezithunywa zakhe besilwa nenamba; yasilwa inamba nezithunywa zayo; 8Akazange abeyise; azaba safunyanwa indawo yazo emazulwini. 9Yaphoswa phantsi inamba enkulu, inyoka yakudala, leyo kuthiwa nguMtyholi, uSathana ke, lowo ulilahlekisayo elimiweyo liphela; yaphoswa phantsi emhlabeni, nezithunywa zayo zaphoswa phantsi kunye nayo. 10Ndeva izwi elikhulu emazulwini lisithi, Ngoku luthe usindiso, namandla, nobukumkani bukaThixo wethu, namandla kaKristu wakhe; ngokuba ukhahlelwe phantsi ummangaleli wabazalwana bethu, lowo ubamangalelayo phambi koThixo wethu imini nobusuku, busuku. 11Bameyisile bona ngenxa yegazi leMvana, nangenxa yelizwi lobungqina babo; ababuthandanga ubomi babo kwada kwasekufeni. 12Ngoko ke yibani nemihlali, nina mazulu, nani ninomnquba kuwo. Yeha, abo bawumiyo umhlaba nolwandle! ngokuba uhlile weza kuni uMtyholi, enomsindo omkhulu, esazi nje ukuba ixesha analo lincinane. 13Yathi inamba, yakubona ukuba iphoswe emhlabeni, yamtshutshisa umfazi ozele umntwana oyinkwenkwe. 14Umfazi wanikwa amaphiko amabini okhozi olukhulu, ukuze aphaphazele aye entlango, endaweni yakhe, apho anqakwa khona ixesha, namaxesha, nesiqingatha sexesha, kude nobuso benyoka. 15Inyoka yakhupha emlonyeni wayo amanzi anjengomlambo emva komfazi, ukuze imkhukulise nomlambo. 16Waza umhlaba wamncedisa umfazi, waza umhlaba wawuvula umlomo wawo, wawuginya umlambo eyawukhuphayo inamba emlonyeni wayo. 17Yamqumbela umfazi inamba, yemka yaya kulwa nabaseleyo bembewu yakhe, abo bayigcinayo imithetho kaThixo, abanobungqina bukaYesu Kristu.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena