Iindumiso 119:49-64

Iindumiso 119:49-64 CXB24

ZAIN. Khumbula ilizwi owalithethayo kumkhonzi wakho, lowo undithembise ngako. Yiyo le intuthuzelo ekubandezelekeni kwam, Ngokuba ilizwi lakho lindiphilisile. Abakhukhumali bandiqumbele kakhulu, Noko ke andiphambuki emyalelweni wakho. Yehova, ndiwagqale amasiko akho angunaphakade; ndaye ndazithuthuzela. Ndisuke ndankwantya ngabangendawo abakreqayo emyalelweni wakho. Iziyalezo zakho beziziingoma kum endlwini yokuphambukela kwam. Yehova, ndikhumbule igama lakho ebusuku, Ndawugcina umyalelo wakho. Ndifumene yona, ngokuba ndiyigcinile imithetho yakho. CHET. Isabelo sam, Yehova, ndithi, Ndigcine amazwi akho. Ndithandazele inceba yakho ngentliziyo yam yonke; ndibabale ngokwelizwi lakho. Ndizikhumbule iindlela zam, Ndazibuyisela iinyawo zam ezicengeni zakho. Ndikhawulezile, andayekelela ukuyigcina imiyalelo yakho. Izintya zabangendawo zindibambile, Noko andiwulibali umyalelo wakho. Ndiya kuvuka phakathi kobusuku ukuze ndikudumise ngenxa yezigwebo zobulungisa bakho. Ndilidlelane labo bonke abakoyikayo, abayigcinayo imithetho yakho. Yehova, ihlabathi lizele zinceba zakho; Ndifundise iimfihlelo zakho.