Khumbula ilizwi lakho kumkhonzi wakho, Ngenxa enokuba ùndithembise lona. Yiyo le intuthuzelo yam ekucinezelekeni kwam, Yokuba intetho yakho indiphilisile. Abakhukhumali bada bandigxeka kakhulu; Kanti àndithi gu bucala emyalelweni wakho. Ndawakhumbula amasiko akho kususela kwanaphakade, Yehova, Ndathuthuzeleka. Ndingenwé ngumsindo oshushu, Ndisenziwa ngabangendawo abalahla umyalelo wakho. Iziingoma kum imimiselo yakho, Endlwini yokuphambukela kwam. Ndilikhumbúle ebusuku igama lakho, Yehova, Ndawugcina umyalelo wakho. Ndinikwe oku, Ukuba ndibambe iziyalezo zakho. Isabelo sam, Yehova, ndithi, Sesokuba ndigcine amazwi akho. Ndiya kubongoza ngentliziyo yonke, Ndíbabale ngokwentetho yakho. Ndazicingela iindlela zam, Ndazibuyisela iinyawo zam ezingqinisweni zakho. Ndikhawulezile andazila-zila Ukugcina imithetho yakho. Izintya zabangendawo zindithandele, Àndiwulibele umyalelo wakhe noko. Ndivuka phakathi kobusuku, ndibulele kuwe, Ngenxa yezigwebo zobulungisa bakho. Ndilidlelane labo bonke abakoyikayo, Nelabazigcinayo iziyalezo zakho. Inceba yakho, Yehova, izalise ihlabathi; Ndífundise imimiselo yakho.
Funda IINDUMISO 119
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: IINDUMISO 119:49-64
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo