Ungalilibali idinga lakho kwisicaka sakho. Andithi kaloku wandithembisa! Nasebunzimeni ndiyathuthuzeleka, kuba isithembiso sakho siyandihlaziya. Abangakhathalele Thixo baphoxisa ngam; kambe ke mna andihexi emyalelweni wakho. Ndakukhumbula izimiso zakho zantlandlolo, nditsho ndithuthuzeleke, *Ndikhoyo. Ndikhathazeka gqitha ndakubona abanxaxhayo, abo bangawukhathalelanga umyalelo wakho. Imithetho yakho yingoma yam; ndimemelela ngayo xa ndikwelasemzini. Ndicinga ngawe noba ndilele, *Ndikhoyo; ewe, ndiyayithobela imiyalelo yakho. Ngenene mna andinakumbi, koko ndithobela imimiselo yakho. Ndathi ke mna: Isabelo sam nguwe, *Ndikhoyo; ndiya kulithobela ilizwi lakho. Awu, velana nam, ndiyakubongoza; ndibabale ngokwesithembiso sakho. Ndiyiqondile indlela endiziphethe ngayo; ngoko ke ndibuyela kwizithethe zakho. Sendingxamile, andisayi kulibazisa; ndozithobela iziyalo zakho. Noba bangandirhintyela abakhohlakeleyo, soze ndiwulibale umyalelo wakho. Nasezinzulwini zobusuku ndiyavuka; ewe, ndivuka ndikudumise ngenxa yokusulungeka kwesigwebo sakho. Amaqabane am ngabakuthobelayo, abahamba ngemimiselo yakho. Ihlabathi liphuphuma izibele zakho, Ndikhoyo; nceda undifundise imithetho yakho.
Funda IINDUMISO 119
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: IINDUMISO 119:49-64
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo