Lisikizi kuYehova isikali esixokayo; Kwafika ukukhukhumala, kofika ukucukucezwa; Ke bona abathobekileyo ubulumko. Ubulungisa babalungileyo buyabakhapha; ke bona ububi babangendawo buyabatshabalalisa. Ubutyebi abuyincedi nganto ngemini yembandezelo; Ke bona ubulungisa buhlangula ekufeni. Ubulungisa bogqibeleleyo bulungelelanisa indlela yakhe; Ongendawo ukhubeka ngokungendawo kwakhe. Ubulungisa bamalungisa buyabasindisa, Ke bona abakreqi baya kubanjwa bubulukhuni babo. Ekufeni kongendawo liyadaka ithemba lakhe; Ithemba labangendawo liyadaka. Ilungisa liyahlangulwa embandezelweni, Ongendawo afike endaweni yakhe. Intshembenxa iyamonakalisa ummelwane wayo ngomlomo; Ke wona amalungisa aya kusindiswa ngokwazi.
Funda iMizekeliso 11
Share
Compare All Versions: iMizekeliso 11:1-9
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos