IMIZEKELISO 11:1-9
IMIZEKELISO 11:1-9 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Isikali• esikhohlisayo singamasikizi kuYehova; Ilitye• elizeleyo lilikholo kuye. Kwafika ukukhukhumala, kofika ukucukucezwa; Bunabathozamileyo ubulumko. Ingqibelelo yabathe tye iyabakhapha; Ukuphenula kwamanginingini kuyawabhuqa. Àbunyusi ubuncwane ngemini yokuphuphuma komsindo; Ubulungisa buyahlangula ekufeni. Ubulungisa bogqibeleleyo bulungelelanisa indlela yakhe; Ongendawo uwa kwangokungendawo kwakhe. Ubulungisa babathe tye buyabahlangula; Amanginingini athiwa hlasi kwayimbimbithelo yawo. Ekufeni komntu ongendawo liyaphela ithemba lakhe; Ukulinda kwabanamandla obudoda kutshabalele. Ilungisa liyahlangulwa embandezelweni, Kufike ongendawo esikhundleni salo. Intshembenxa iyamonakalisa ummelwane wayo ngomlomo; Ke ayahlangulwa amalungisa ngokwazi.

IMIZEKELISO 11:1-9 IBHAYIBHILE (XHO96)
UNdikhoyo umthiyile umntu osebenzisa isilinganiso esinegobe; kambe ke uyamthanda lowo usebenzisa isilinganiso esingenaxanasi. Umntu ozigwagwisayo uyakhawuleza ukuhlazeka; kambe ke kona ukuzithoba kuhamba nobulumko. Ukunyaniseka kuyamalusa umntu othe ngqo, kodwa ke bona ubuqhokolo buyawabhangisa amaqhophololo. Ubutyebi bomntu abumsindisi kwingqumbo kaThixo; sisimo esisulungekileyo kuphela esimhlangulayo umntu ekufeni. Indlela yabantu abamsulwa igudiswa sisimo sabo; ke bona abakhohlakeleyo bawiswa yinkohlakalo yabo. Isimilo siyamsindisa umntu othe ngqo; kodwa bona abangcatshi babhajiswa kukunyoluka. Akufa umntu okhohlakeleyo amathemba akhe ayadaka, nokukholosa kwakhe ngamandla akhe kuyaphutha. Umntu olilungisa uyahlangulwa enkathazweni – endaweni yakhe iwa phezu kwesikhohlakali. Umlomo womntu ongakhathalele Thixo wenzakalisa ummelwane wakhe; ke bona abathobela uThixo balondolozwa lulwazi.
IMIZEKELISO 11:1-9 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Lisikizi kuYehova isikali esixokayo; Kwafika ukukhukhumala, kofika ukucukucezwa; Ke bona abathobekileyo ubulumko. Ubulungisa babalungileyo buyabakhapha; ke bona ububi babangendawo buyabatshabalalisa. Ubutyebi abuyincedi nganto ngemini yembandezelo; Ke bona ubulungisa buhlangula ekufeni. Ubulungisa bogqibeleleyo bulungelelanisa indlela yakhe; Ongendawo ukhubeka ngokungendawo kwakhe. Ubulungisa bamalungisa buyabasindisa, Ke bona abakreqi baya kubanjwa bubulukhuni babo. Ekufeni kongendawo liyadaka ithemba lakhe; Ithemba labangendawo liyadaka. Ilungisa liyahlangulwa embandezelweni, Ongendawo afike endaweni yakhe. Intshembenxa iyamonakalisa ummelwane wayo ngomlomo; Ke wona amalungisa aya kusindiswa ngokwazi.
IMIZEKELISO 11:1-9 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
ISILINGANISELO senkohliso siyintshontsho KUYEHOVA; kodwa ilitye lokulinganisa elizalisekileyo liyimvuyiso kuye. Kuti kwakufika iratshi, kufike nehlazo; kodwa ubulumko bunabalulamileyo. Inene yabalungisayo yobakapa; kodwa inkani yabenza ngobuxoki yobacita. Ubutyebi abuncedi luto emhleni womsindo; kodwa ubulungisa buyasindisa ekufeni. Ubulungisa bofezekileyo bolungelelanisa indlela yake; kodwa okohlakeleyo wowa ngokukohlakala kwake. Ubulungisa babalungisayo bobasindisa; kodwa abenza ngobuxoki bobanjiswa ngobabo ubumenemene. Uti akufa umntu okohlakeleyo, isikangelo sake siya kububa; kanjalo itemba labangendawo liyabuba. Olungileyo uyahlangulwa ebunzimeni, aze angene okohlakeleyo esikundleni sake. Ngawo umlomo umginwa uyatshabalalisa ummelwane wake; kodwa ngako ukwazi kwabalungileyo, baya kusindiswa.