Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IMIZEKELISO 11:1-9

IMIZEKELISO 11:1-9 XHO75

Isikali• esikhohlisayo singamasikizi kuYehova; Ilitye• elizeleyo lilikholo kuye. Kwafika ukukhukhumala, kofika ukucukucezwa; Bunabathozamileyo ubulumko. Ingqibelelo yabathe tye iyabakhapha; Ukuphenula kwamanginingini kuyawabhuqa. Àbunyusi ubuncwane ngemini yokuphuphuma komsindo; Ubulungisa buyahlangula ekufeni. Ubulungisa bogqibeleleyo bulungelelanisa indlela yakhe; Ongendawo uwa kwangokungendawo kwakhe. Ubulungisa babathe tye buyabahlangula; Amanginingini athiwa hlasi kwayimbimbithelo yawo. Ekufeni komntu ongendawo liyaphela ithemba lakhe; Ukulinda kwabanamandla obudoda kutshabalele. Ilungisa liyahlangulwa embandezelweni, Kufike ongendawo esikhundleni salo. Intshembenxa iyamonakalisa ummelwane wayo ngomlomo; Ke ayahlangulwa amalungisa ngokwazi.