UNdikhoyo umthiyile umntu osebenzisa isilinganiso esinegobe; kambe ke uyamthanda lowo usebenzisa isilinganiso esingenaxanasi. Umntu ozigwagwisayo uyakhawuleza ukuhlazeka; kambe ke kona ukuzithoba kuhamba nobulumko. Ukunyaniseka kuyamalusa umntu othe ngqo, kodwa ke bona ubuqhokolo buyawabhangisa amaqhophololo. Ubutyebi bomntu abumsindisi kwingqumbo kaThixo; sisimo esisulungekileyo kuphela esimhlangulayo umntu ekufeni. Indlela yabantu abamsulwa igudiswa sisimo sabo; ke bona abakhohlakeleyo bawiswa yinkohlakalo yabo. Isimilo siyamsindisa umntu othe ngqo; kodwa bona abangcatshi babhajiswa kukunyoluka. Akufa umntu okhohlakeleyo amathemba akhe ayadaka, nokukholosa kwakhe ngamandla akhe kuyaphutha. Umntu olilungisa uyahlangulwa enkathazweni – endaweni yakhe iwa phezu kwesikhohlakali. Umlomo womntu ongakhathalele Thixo wenzakalisa ummelwane wakhe; ke bona abathobela uThixo balondolozwa lulwazi.
Funda IZAFOBE 11
Share
Compare All Versions: IZAFOBE 11:1-9
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos