Wayesithi kubo, Inene ndithi kuni, Kukho abathile kwabemiyo apha, abangayi kukha beve kufa bona, bade babubone ubukumkani bukaThixo busiza ngamandla. uYesu ke, emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros noYakobi noYohane, abanyuse baye entabeni ende ngasese, bebodwa. Zabengezela iingubo zakhe, zamhlophe njengekhephu; njengokuba kungekho mcoci weempahla emhlabeni unako ukuba mhlophe. Kwabonakala kubo uEliya enoMoses; baye bethetha noYesu. Waphendula ke uPetros wathi kuYesu, Rabhi, kuhle ukuba sibe lapha; masenze iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho; omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya. Kuba ubengayazi into abengayithethayo; ngokuba bebesoyika kunene. Kwabakho ilifu elibenzela ithinzi, kweza nezwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda; mveni yena. Basingasinga, ababi sabona mntu, yanguYesu yedwa enabo. Bakubon’ ukuba bayehla entabeni apho, wabayala ukuba bangazityeli bani ezo zinto bazibonileyo, ade avuke kwabafileyo uNyana woMntu. Elo zwi balibamba lakubo bodwa bebuzana ukuba ukuvuka kubo abafileyo kukuthini na. Bambuza besithi, Yini na ukuba ababhali bathi, uEliya umelwe kukufika tanci? Uphendule ke wathi kubo, Okunene uEliya, efike tanci, wobuya azimise zonke izinto; kwaba njani na kubhalwe ngaye uNyana woMntu, ukuba umelwe kukuthi eve ubunzima obukhulu, enziwe into engento? Ke ndithi kuni, ufikile uEliya, baza benza kuye konke abakuthandayo, kwanjengoko kubhaliweyo ngaye.