Wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, kukho abathile kwabakhoyo apha abangayi kuze beve kufa, bade bakubone ukuthwasa kolawulo lukaThixo olunobunganga. ” Emva kweentsuku ezintandathu, uYesu uthathe uPetros noYakobi noYohane, banyuka intaba ephakamileyo bebodwa. UYesu ke wenziwa kumila kumbi phambi kwabo. Zasuka nezambatho zakhe zabengezela, zamhlophe qhwa; zamhlophe ngangokuba kungabikho bani emhlabeni apha unokuzenza njalo. Kwabonakala uEliya noMosis bethetha noYesu. Wasuka ke uPetros wathi kuYesu: “Mfundisi, kulungile ukuba sibe lapha. Masakhe amaphempe abe mathathu: elinye libe lelakho, elinye libe lelikaMosis, elinye libe lelikaEliya.” Wayesitsho kuba ebengayazi into anokuyithetha, kuba babesoyika kakhulu. Ke kwabakho ilifu elibagubungelayo, kwavakala nelizwi livela efini apho, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; yivani yena.” Bakusinga-singa ke, ababa sabona mntu wumbi ngaphandle koYesu. Xa babesihla entabeni, uYesu wabayala ukuba bangazixeleli bani ezo zinto bazibonileyo, ade yena *uNyana woLuntu avuke kwabafileyo. Babambelela kule ntetho, bebuzana bodwa ukuba ngaba ukuvuka kubo abafileyo kukuthini na. Bambuza uYesu besithi: “Kungani na ukuba abachazi-mthetho bathi uEliya umelwe kukufika kuqala?” Waphendula wathi kubo: “Ewe, okunene nguEliya ofikayo kuqala azilungise zonke izinto. Kodwa ke kutheni ukuba *iziBhalo zitsho ukuthi uNyana woLuntu ufanele ukuva ubunzima obukhulu, enziwe into engento yanto? Mna ke ndithi kuni: ufikile uEliya, baza abantu benza kuye konke abakuthandayo, kwanjengoko zitshoyo ngaye iziBhalo.”
Funda UMARKO 9
Share
Compare All Versions: UMARKO 9:1-13
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos