Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMARKO 9:1-13

UMARKO 9:1-13 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Wayesithi kubo, Inene ndithi kuni, Kukho abathile kwabemiyo apha, abangayi kukha beve kufa bona, bade babubone ubukumkani bukaThixo busiza ngamandla. Uthi uYesu, emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros noYakobi noYohane, abanyuse baye entabeni ende ngasese, bebodwa. Waza wenziwa wakumila kumbi phambi kwabo. Zasuka neengubo zakhe zabengezela, zamhlophe kunene njengekhephu, ekungekho mchazi wangubo emhlabeni apha unako ukuzenza mhlophe kangako. Kwabonakala kubo uEliya enoMoses; baye bethetha noYesu. Uthi aphendule uPetros athi kuYesu, Rabhi,• kuhle ukuba sibe lapha; masenze iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya. Kuba ubengayazi into abengayithethayo; kuba bebesoyika kakhulu. Kwabakho ilifu elibenzela ithinzi; kweza nezwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda; mveni yena. Bakuthi ukusingasinga, ababa sabona mntu, babona selinguYesu yedwa onabo. Ke kaloku, bakubon' ukuba bayehla entabeni apho, wabayala ukuba bangazityeli bani ezo zinto bazibonileyo, kungaba kude kube kuxa athe wavuka kwabafileyo uNyana woMntu. Elo zwi balibamba lakubo bodwa bebuzana ukuba ukuvuka kubo abafileyo kukuthini na. Baye bembuza besithi, Bathini na ababhali, ukuthi uEliya umelwe kukufika tanci? Uphendule ke wathi kubo, UEliya okunene, efike tanci, wobuya azimise zonke izinto; wabaxelela nokokuba kuthiweni na ukubhalwa ngaye uNyana woMntu, ukuba ufanele ukuva ubunzima obukhulu, enziwe into engento yanto. Ke ndithi kuni, Ufikile uEliya, baza benza kuye konke abakuthandayo, kwanjengoko kubhaliweyo ngaye.

UMARKO 9:1-13 IBHAYIBHILE (XHO96)

Wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, kukho abathile kwabakhoyo apha abangayi kuze beve kufa, bade bakubone ukuthwasa kolawulo lukaThixo olunobunganga. ” Emva kweentsuku ezintandathu, uYesu uthathe uPetros noYakobi noYohane, banyuka intaba ephakamileyo bebodwa. UYesu ke wenziwa kumila kumbi phambi kwabo. Zasuka nezambatho zakhe zabengezela, zamhlophe qhwa; zamhlophe ngangokuba kungabikho bani emhlabeni apha unokuzenza njalo. Kwabonakala uEliya noMosis bethetha noYesu. Wasuka ke uPetros wathi kuYesu: “Mfundisi, kulungile ukuba sibe lapha. Masakhe amaphempe abe mathathu: elinye libe lelakho, elinye libe lelikaMosis, elinye libe lelikaEliya.” Wayesitsho kuba ebengayazi into anokuyithetha, kuba babesoyika kakhulu. Ke kwabakho ilifu elibagubungelayo, kwavakala nelizwi livela efini apho, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; yivani yena.” Bakusinga-singa ke, ababa sabona mntu wumbi ngaphandle koYesu. Xa babesihla entabeni, uYesu wabayala ukuba bangazixeleli bani ezo zinto bazibonileyo, ade yena *uNyana woLuntu avuke kwabafileyo. Babambelela kule ntetho, bebuzana bodwa ukuba ngaba ukuvuka kubo abafileyo kukuthini na. Bambuza uYesu besithi: “Kungani na ukuba abachazi-mthetho bathi uEliya umelwe kukufika kuqala?” Waphendula wathi kubo: “Ewe, okunene nguEliya ofikayo kuqala azilungise zonke izinto. Kodwa ke kutheni ukuba *iziBhalo zitsho ukuthi uNyana woLuntu ufanele ukuva ubunzima obukhulu, enziwe into engento yanto? Mna ke ndithi kuni: ufikile uEliya, baza abantu benza kuye konke abakuthandayo, kwanjengoko zitshoyo ngaye iziBhalo.”

UMARKO 9:1-13 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Wayesithi kubo, Inene ndithi kuni, Kukho abathile kwabemiyo apha, abangayi kukha beve kufa bona, bade babubone ubukumkani bukaThixo busiza ngamandla. uYesu ke, emveni kweentsuku ezintandathu, athabathe uPetros noYakobi noYohane, abanyuse baye entabeni ende ngasese, bebodwa. Zabengezela iingubo zakhe, zamhlophe njengekhephu; njengokuba kungekho mcoci weempahla emhlabeni unako ukuba mhlophe. Kwabonakala kubo uEliya enoMoses; baye bethetha noYesu. Waphendula ke uPetros wathi kuYesu, Rabhi, kuhle ukuba sibe lapha; masenze iminquba ibe mithathu, omnye ube ngowakho; omnye ube ngowakho, omnye ube ngokaMoses, omnye ube ngokaEliya. Kuba ubengayazi into abengayithethayo; ngokuba bebesoyika kunene. Kwabakho ilifu elibenzela ithinzi, kweza nezwi liphuma efini apho, lisithi, Lo nguNyana wam oyintanda; mveni yena. Basingasinga, ababi sabona mntu, yanguYesu yedwa enabo. Bakubon’ ukuba bayehla entabeni apho, wabayala ukuba bangazityeli bani ezo zinto bazibonileyo, ade avuke kwabafileyo uNyana woMntu. Elo zwi balibamba lakubo bodwa bebuzana ukuba ukuvuka kubo abafileyo kukuthini na. Bambuza besithi, Yini na ukuba ababhali bathi, uEliya umelwe kukufika tanci? Uphendule ke wathi kubo, Okunene uEliya, efike tanci, wobuya azimise zonke izinto; kwaba njani na kubhalwe ngaye uNyana woMntu, ukuba umelwe kukuthi eve ubunzima obukhulu, enziwe into engento? Ke ndithi kuni, ufikile uEliya, baza benza kuye konke abakuthandayo, kwanjengoko kubhaliweyo ngaye.

UMARKO 9:1-13 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Wayesiti kubo: Ngokwenene nditi kuni: Bako inxenye yabemiyo apa, abangasayi kuva ukufa, bade babone ubukumkani BUKATIXO buzile ngamandla. WAZA u‐Yesu emveni kwentsuku ntandatu watabata naye u‐Petrosi, no‐Yakobi, no‐Johane, wabanyusela entabeni ende ngasese bebodwa. Waza wenziwa ngakumbi isimilo sake pambi kwabo, zati izivato zake zaba zibengezela, zimhlope kakulu njengengqweqwe, ngendawo ekungeko msuki emhlabeni ongazenzayo zibe mhlope kangaka. Kwati kekaloku kwabonakala kubo u‐Elija ndawonye no‐Mosesi, ababeteta no‐Yesu. Waza wapendula u‐Petrosi wati ku‐Yesu: Rabi! kulungile ukuba sibe lapa; masenze ke amapempe abe matatu, elinye libe lelako, elinye libe lelika‐Mosesi, elinye libe lelika‐Elija. Ngokuba ebengazi ukuba woteta nto nina; ngokuba bebesoyika kakulu. Kwaye kuko nelifu libasibekelela; kanjalo kwavela ilizwi elifini, lisiti: Lo ungunyana wam otandiweyo; mveni yena. Baza bati bakusingasinga ngokwalama, ababi sabona mntu, kupela u‐Yesu yedwa enabo. Kekaloku bakuhla entabeni, wabayala ukuba mabangabaliseli mntu izinto ababezibonile, xeshekweni angekatanga unyana wesintu wavuka ekufeni. Nelozwi balibamba pakati kwabo, bebuzisana ukuba kukuti nina ukuvuka ekufeni. Baza bambuza, besiti: Yinina lento ababa̔li bati: u‐Elija ufanele ukuza tanci? Wapendula wati kubo: u‐Elija okunene esiza tanci, uyabuya amise into zonke; nokuba kutiwe nina ukuba̔lwa ngaye unyana wesintu, ukuba eve intlungu ezininzi, adelwe nokudelwa. Koko nditi kuni: u‐Elija selezile, benza ngakuye kanjako konke bakwenzayo, njengokuba kuba̔liwe ngaye.