Wayesiti kubo: Ngokwenene nditi kuni: Bako inxenye yabemiyo apa, abangasayi kuva ukufa, bade babone ubukumkani BUKATIXO buzile ngamandla. WAZA u‐Yesu emveni kwentsuku ntandatu watabata naye u‐Petrosi, no‐Yakobi, no‐Johane, wabanyusela entabeni ende ngasese bebodwa. Waza wenziwa ngakumbi isimilo sake pambi kwabo, zati izivato zake zaba zibengezela, zimhlope kakulu njengengqweqwe, ngendawo ekungeko msuki emhlabeni ongazenzayo zibe mhlope kangaka. Kwati kekaloku kwabonakala kubo u‐Elija ndawonye no‐Mosesi, ababeteta no‐Yesu. Waza wapendula u‐Petrosi wati ku‐Yesu: Rabi! kulungile ukuba sibe lapa; masenze ke amapempe abe matatu, elinye libe lelako, elinye libe lelika‐Mosesi, elinye libe lelika‐Elija. Ngokuba ebengazi ukuba woteta nto nina; ngokuba bebesoyika kakulu. Kwaye kuko nelifu libasibekelela; kanjalo kwavela ilizwi elifini, lisiti: Lo ungunyana wam otandiweyo; mveni yena. Baza bati bakusingasinga ngokwalama, ababi sabona mntu, kupela u‐Yesu yedwa enabo. Kekaloku bakuhla entabeni, wabayala ukuba mabangabaliseli mntu izinto ababezibonile, xeshekweni angekatanga unyana wesintu wavuka ekufeni. Nelozwi balibamba pakati kwabo, bebuzisana ukuba kukuti nina ukuvuka ekufeni. Baza bambuza, besiti: Yinina lento ababa̔li bati: u‐Elija ufanele ukuza tanci? Wapendula wati kubo: u‐Elija okunene esiza tanci, uyabuya amise into zonke; nokuba kutiwe nina ukuba̔lwa ngaye unyana wesintu, ukuba eve intlungu ezininzi, adelwe nokudelwa. Koko nditi kuni: u‐Elija selezile, benza ngakuye kanjako konke bakwenzayo, njengokuba kuba̔liwe ngaye.
Funda Ivangeli ka‐Maraki 9
Share
Compare All Versions: Ivangeli ka‐Maraki 9:1-13
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos