uMarko 6:33-56

uMarko 6:33-56 CXB24

Isihlwele sababona bemka bathi abaninzi bamazi, babalekela khona ngeenyawo, bevela kuyo yonke imizi; babaphangela, bathuthelana kuye. Uthe ke akuphuma uYesu, wabona isihlwele esikhulu; wasikwa yimfesane ngabo, ngokuba babenjengezimvu ezingenamalusi; waqala ukubafundisa iindawo ezininzi. Kwakubon’ ukuba seyihambile kakhulu imini, beza kuye abafundi bakhe, bathi, Le ndawo iyintlango, nemini seyihambile kakhulu; bandulule bemke, baye emaphandleni ajikelezileyo nasemizaneni, bazithengele izonka; kuba bengenanto bangayidlayo. Waphendula ke wathi kubo, Bapheni nina batye. Bathi kuye, Simke na siye kuthenga izonka ngeedenariyo ezimakhulu mabini, sibaphe badle? Athi kubo, Zingaphi na izonka eninazo? yiyani nibone. Besazi, bathi, Zintlanu, neentlanzi ezimbini. Wabathethela ngelithi, mababangqengqise bonke, babe ziziqhu ngeziqhu engceni eluhlaza. Bahlala phantsi beziingcamba ngeengcamba ngamakhulu, nangamashumi ngamahlanu. Wazithabatha izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wathi ekhangele ezulwini wasikelela, waziqhekeza izonka, wanika abafundi bakhe, ukuba babeke phambi kwabo; wathi neentlanzi zombini wazabela bona bonke. Badla bahlutha bonke. Baza basusa izitya zizele ngamaqhekeza zalishumi elinazibini, basusa nakwiintlanzi. Ababesidla izonka babengamadoda akumawaka amahlanu. Wabanyanzela kwaoko abafundi bakhe ukuba bangene emkhombeni, bamandulele baye ngaphesheya eBhetesayida, lo gama asindululayo isihlwele yena. Akuba ebulisene nabo, wemka waya kuthandaza entabeni. Kwakuhlwa, umkhombe ubuphakathi elwandle, eyedwa emhlabeni. Wababona bebulaleka ekuqhubeni; kuba umoya ububavele ngaphambili. Athi ngolwesine ulindo lobusuku eze kubo, ehamba phezu kolwandle; wanga angacanda kubo. Kodwa bakumbona ehamba phezu kolwandle, bangathi ngumshologu, bakhala; kuba bonke bambona, bakhathazeka. Wathetha kwaoko nabo, wathi kubo, Yomelelani; ndim; musani ukoyika. Wenyuka waya kubo emkhombeni, wadamba umoya. Bathi nqa ngaphakathi kwabo ngokuncamisileyo kunene, bamangaliswa; kuba bengakuqondanga okwezonka; kuba intliziyo yabo yabe iqaqadekile. Bewelile, bafika emhlabeni waseGenesarete, balubeka elunxwemeni. Bakuphuma emkhombeni, bamazi kwaoko; bawubaleka wonke loo mmandla, baqala ukubathwala ngeenkuko abafayo, bebasa apho babemva ukuba ukhona. Nalapho sukuba ebengena khona, nokuba kusemzaneni, nokuba kusemizini, nokuba kusemaphandleni, babesithi, bababeke abafayo ezitratweni, bambongoze ukuba khe bachukumise intshinga yengubo yakhe. Baye ke bephiliswa abo babemchukumisa.