Babonwa besimka, baza baziwa ngabaninzi. Bathi ke abantu, bevela kuzo zonke iidolophu, bakhawuleza baya khona ngeenyawo, bafika ngaphambi kwabo. Uthe ke uYesu, akuphuma esikhitshaneni, wasibona eso sihlwele, wavelana naso, kuba sasinjengeegusha ezingenamalusi, waza ke wasifundisa izinto ezininzi. Lakuba limkile ixesha, abafundi bakhe beza kuye, bathi: “Le ndawo ayinamizi, nexesha selimkile; bandulule abantu bemke, baye emizini ejikelezileyo nasezidolophaneni, bazithengele ukutya.”
Kodwa waphendula wathi kubo: “Bapheni nina ukutya.”
Bathi kuye ke: “Masithini ke? Uthi masiye kuthenga izonka zeerandi ezingamakhulu amabini, sibaphe batye?”
Wathi yena kubo: “Izonka eninazo zingaphi? Hambani niye kukhangela.”
Besazi ke, bathi: “Sinezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini.”
UYesu wabayalela abafundi bakhe ukuba babahlalise phantsi bonke engceni eluhlaza, babe ngamaqela ngamaqela. Bahlala phantsi ke bengamaqela ngamaqela, bengamakhulu namashumi ngamahlanu. Wazithatha uYesu ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, wathi, ekhangele ezulwini, wabulela, waziqhekeza izonka, wazinika abafundi bakhe, ukuba bazabele abantu. Kwanezo ntlanzi zimbini wazabela bona bonke. Batya ke bonke bahlutha. Kwaqokelelwa okuseleyo esonkeni nasentlanzini, kwazalisa iingobozi ezilishumi elinambini. Abo bâthi bazitya izonka ezo babekumawaka amahlanu amadoda.
Kwangoko ke uYesu wabanyanzela abafundi bakhe ukuba bangene esikhitshaneni, bamandulele baye ngaphesheya eBhetesayida, ngeli xa yena asindululayo isihlwele. Akuba ke ebulisile, wemka waya kuthandaza entabeni. Kuhlwe isikhitshana siphakathi elwandle, yena uYesu esele yedwa emhlabeni. Wababona ke abafundi bebulaleka kukubheqa isikhitshana, kuba umoya wawuvela ngaphambili. Ke, emva kwentsimbi yesithathu ekuseni, waya kubo ehamba phezu kwamanzi olwandle. Xa wayeza kugqitha kubo, bambona ehamba phezu kwamanzi olwandle, baza bathi: “Ngumhlola lo!” Batsho bakhala, kuba bambona bonke, babethwa luvalo.
Kwangoko ke wathetha nabo, wathi kubo: “Zolani; ndim; musani ukoyika.” Waya kukhwela apho esikhitshaneni, waza umoya wadamba. Bamangaliswa kunene, kuba nommangaliso wezonka babengawuqondanga, kuba iintliziyo zabo zaziqaqadekile.
Bakuwelela ngaphesheya uYesu nabafundi bakhe bafika kwelaseGenesarete, basirhuqela elunxwemeni isikhitshana. Bakuphuma esikhitshaneni, abantu bamqonda kwangoko uYesu, bathi saa kuwo wonke loo mmandla, baza babathwala ngeenkukho abagulayo, bebasa apho babesiva ukuba ukho khona. Naphi na apho wayehamba khona, nokuba kusezidolophaneni, nokuba kusezidolophini, nokuba kusemaphandleni, babesithi bababeke abagulayo kwiindawo zembutho, bambongoze ukuba khe bachukumise nokuba ngumqukumbelo nje wesambatho sakhe. Baphila ke abo bâmchukumisáyo.