UMARKO 6:33-56
UMARKO 6:33-56 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Isihlwele sababona bemka bathi abaninzi bamazi, babalekela khona ngeenyawo, bevela kuyo yonke imizi; babaphangela, bathuthelana kuye. Uthe ke akuphuma uYesu, wabona isihlwele esikhulu; wasikwa yimfesane ngabo, ngokuba babenjengezimvu ezingenamalusi; waqala ukubafundisa iindawo ezininzi. Kuthi kwakubon' ukuba seyihambile kakhulu imini, beze kuye abafundi bakhe, bathi, Le ndawo iyintlango, nemini seyihambile kakhulu; bándulule bemke, baye emaphandleni ajikelezileyo nasemizaneni, bazithengele izonka; kuba bengenanto bangayidlayo. Waphendula wathi kubo, Bapheni nina badle. Bathi kuye, Símke na siye kuthenga izonka ngeedenariyo• ezimakhulu mabini, sibaphe badle? Úthi ke yena kubo, Izonka eninazo zingaphi na? Hambani niye kukhangela. Besazi, bathi, Zihlanu, neentlanzi ezimbini. Wabathethela ngelithi, mababangqengqise bonke, babe ziziqhu ngeziqhu engceni eluhlaza. Bahlala phantsi beziingcamba ngeengcamba ngamakhulu, nangamashumi ngamahlanu. Wazithabatha izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wathi ekhangele ezulwini wasikelela, waziqhekeza izonka, wanika abafundi bakhe, ukuba babeke phambi kwabo; wathi neentlanzi zombini wazabela bona bonke. Badla ke bonke bahlutha. Baza basusa izitya zizele ngamaqhekeza zalishumi elinazibini, basusa nakwiintlanzi. Baye abo babezidla izonka ezo bekumawaka omahlanu amadoda. Wabanyanzela kwaoko abafundi bakhe ukuba bangene emkhombeni, bamandulele baye ngaphesheya eBhetesayida, lo gama asindululayo isihlwele yena. Akuba ebulisene nabo, wemka waya kuthandaza entabeni. Ke kaloku, kwakuhlwa, umkhombe ubuphakathi elwandle, waye yena eyedwa emhlabeni. Wababona bebulaleka ekuqhubeni; kuba umoya ububavele ngaphambili. Athi ngolwesiné ulindo lobusuku eze kubo, ehamba phezu kolwandle; wanga uza kugqitha kubo. Bathi ke, bakumbona ehamba phezu kolwandle, baba ngumshologu, bakhala; kuba bonke bambona, bakhathazeka. Wathetha kwaoko nabo, wathi kubo, Yomelelani; ndim; musani ukoyika. Wenyuka waya kubo emkhombeni, wadamba umoya. Bathi nqa ngaphakathi kwabo ngokuncamisileyo kunene, bamangaliswa; kuba bengakuqondanga okwezonka; kuba intliziyo yabo yabe iqaqadekile. Bakuphumela, bafika ezweni laseGenesarete, batsalela elunxwemeni. Bakuphuma emkhombeni, bamazi kwaoko abantu; bawubaleka wonke loo mmandla, baqala ukubathwala ngeenkuko abafayo, bebása apho babemva ukuba ukhona. Nalapho sukuba ebengena khona, nokuba kusemzaneni, nokuba kusemzini, nokuba kusemaphandleni, babesithi, bababeke abafayo ezindaweni zembutho, bambongoze ukuba khe bachukumise intshinga yengubo yakhe. Baye ke besindiswa abasukuba bemchukumisa.
UMARKO 6:33-56 IBHAYIBHILE (XHO96)
Babonwa besimka, baza baziwa ngabaninzi. Bathi ke abantu, bevela kuzo zonke iidolophu, bakhawuleza baya khona ngeenyawo, bafika ngaphambi kwabo. Uthe ke uYesu, akuphuma esikhitshaneni, wasibona eso sihlwele, wavelana naso, kuba sasinjengeegusha ezingenamalusi, waza ke wasifundisa izinto ezininzi. Lakuba limkile ixesha, abafundi bakhe beza kuye, bathi: “Le ndawo ayinamizi, nexesha selimkile; bandulule abantu bemke, baye emizini ejikelezileyo nasezidolophaneni, bazithengele ukutya.” Kodwa waphendula wathi kubo: “Bapheni nina ukutya.” Bathi kuye ke: “Masithini ke? Uthi masiye kuthenga izonka zeerandi ezingamakhulu amabini, sibaphe batye?” Wathi yena kubo: “Izonka eninazo zingaphi? Hambani niye kukhangela.” Besazi ke, bathi: “Sinezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini.” UYesu wabayalela abafundi bakhe ukuba babahlalise phantsi bonke engceni eluhlaza, babe ngamaqela ngamaqela. Bahlala phantsi ke bengamaqela ngamaqela, bengamakhulu namashumi ngamahlanu. Wazithatha uYesu ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, wathi, ekhangele ezulwini, wabulela, waziqhekeza izonka, wazinika abafundi bakhe, ukuba bazabele abantu. Kwanezo ntlanzi zimbini wazabela bona bonke. Batya ke bonke bahlutha. Kwaqokelelwa okuseleyo esonkeni nasentlanzini, kwazalisa iingobozi ezilishumi elinambini. Abo bâthi bazitya izonka ezo babekumawaka amahlanu amadoda. Kwangoko ke uYesu wabanyanzela abafundi bakhe ukuba bangene esikhitshaneni, bamandulele baye ngaphesheya eBhetesayida, ngeli xa yena asindululayo isihlwele. Akuba ke ebulisile, wemka waya kuthandaza entabeni. Kuhlwe isikhitshana siphakathi elwandle, yena uYesu esele yedwa emhlabeni. Wababona ke abafundi bebulaleka kukubheqa isikhitshana, kuba umoya wawuvela ngaphambili. Ke, emva kwentsimbi yesithathu ekuseni, waya kubo ehamba phezu kwamanzi olwandle. Xa wayeza kugqitha kubo, bambona ehamba phezu kwamanzi olwandle, baza bathi: “Ngumhlola lo!” Batsho bakhala, kuba bambona bonke, babethwa luvalo. Kwangoko ke wathetha nabo, wathi kubo: “Zolani; ndim; musani ukoyika.” Waya kukhwela apho esikhitshaneni, waza umoya wadamba. Bamangaliswa kunene, kuba nommangaliso wezonka babengawuqondanga, kuba iintliziyo zabo zaziqaqadekile. Bakuwelela ngaphesheya uYesu nabafundi bakhe bafika kwelaseGenesarete, basirhuqela elunxwemeni isikhitshana. Bakuphuma esikhitshaneni, abantu bamqonda kwangoko uYesu, bathi saa kuwo wonke loo mmandla, baza babathwala ngeenkukho abagulayo, bebasa apho babesiva ukuba ukho khona. Naphi na apho wayehamba khona, nokuba kusezidolophaneni, nokuba kusezidolophini, nokuba kusemaphandleni, babesithi bababeke abagulayo kwiindawo zembutho, bambongoze ukuba khe bachukumise nokuba ngumqukumbelo nje wesambatho sakhe. Baphila ke abo bâmchukumisáyo.
UMARKO 6:33-56 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Isihlwele sababona bemka bathi abaninzi bamazi, babalekela khona ngeenyawo, bevela kuyo yonke imizi; babaphangela, bathuthelana kuye. Uthe ke akuphuma uYesu, wabona isihlwele esikhulu; wasikwa yimfesane ngabo, ngokuba babenjengezimvu ezingenamalusi; waqala ukubafundisa iindawo ezininzi. Kwakubon’ ukuba seyihambile kakhulu imini, beza kuye abafundi bakhe, bathi, Le ndawo iyintlango, nemini seyihambile kakhulu; bandulule bemke, baye emaphandleni ajikelezileyo nasemizaneni, bazithengele izonka; kuba bengenanto bangayidlayo. Waphendula ke wathi kubo, Bapheni nina batye. Bathi kuye, Simke na siye kuthenga izonka ngeedenariyo ezimakhulu mabini, sibaphe badle? Athi kubo, Zingaphi na izonka eninazo? yiyani nibone. Besazi, bathi, Zintlanu, neentlanzi ezimbini. Wabathethela ngelithi, mababangqengqise bonke, babe ziziqhu ngeziqhu engceni eluhlaza. Bahlala phantsi beziingcamba ngeengcamba ngamakhulu, nangamashumi ngamahlanu. Wazithabatha izonka zozihlanu neentlanzi zombini, wathi ekhangele ezulwini wasikelela, waziqhekeza izonka, wanika abafundi bakhe, ukuba babeke phambi kwabo; wathi neentlanzi zombini wazabela bona bonke. Badla bahlutha bonke. Baza basusa izitya zizele ngamaqhekeza zalishumi elinazibini, basusa nakwiintlanzi. Ababesidla izonka babengamadoda akumawaka amahlanu. Wabanyanzela kwaoko abafundi bakhe ukuba bangene emkhombeni, bamandulele baye ngaphesheya eBhetesayida, lo gama asindululayo isihlwele yena. Akuba ebulisene nabo, wemka waya kuthandaza entabeni. Kwakuhlwa, umkhombe ubuphakathi elwandle, eyedwa emhlabeni. Wababona bebulaleka ekuqhubeni; kuba umoya ububavele ngaphambili. Athi ngolwesine ulindo lobusuku eze kubo, ehamba phezu kolwandle; wanga angacanda kubo. Kodwa bakumbona ehamba phezu kolwandle, bangathi ngumshologu, bakhala; kuba bonke bambona, bakhathazeka. Wathetha kwaoko nabo, wathi kubo, Yomelelani; ndim; musani ukoyika. Wenyuka waya kubo emkhombeni, wadamba umoya. Bathi nqa ngaphakathi kwabo ngokuncamisileyo kunene, bamangaliswa; kuba bengakuqondanga okwezonka; kuba intliziyo yabo yabe iqaqadekile. Bewelile, bafika emhlabeni waseGenesarete, balubeka elunxwemeni. Bakuphuma emkhombeni, bamazi kwaoko; bawubaleka wonke loo mmandla, baqala ukubathwala ngeenkuko abafayo, bebasa apho babemva ukuba ukhona. Nalapho sukuba ebengena khona, nokuba kusemzaneni, nokuba kusemizini, nokuba kusemaphandleni, babesithi, bababeke abafayo ezitratweni, bambongoze ukuba khe bachukumise intshinga yengubo yakhe. Baye ke bephiliswa abo babemchukumisa.
UMARKO 6:33-56 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Zati izihlwele zababona behamba, bamazi ke abaninzi, babalekela kona ngenyawo bevela kuzo zonke izixeko, babapangela, beza kunye kuye. Waza u‐Yesu epumile nje wabona abantu abaninzi, wabetwa lusizi pezu kwabo, ukuba bebenjengegusha ezingenamalusi, waqala ukubafundisa into ezininzi. Kekaloku sekudlule ixesha elikulu nje, beza kuye abadisipile bake, bati: Lendawo ilubala; ixesha seliza kumka kanjalo: bandulule, baze bemke baye emapandleni apahlayo nasemizini, bazitengele izonka; ngokuba bengenanto yokutya. Kodwa wapendula wati kubo: Bapeni nina ukuba batye. Baza bati kuye: Simke siye kutenga izonka ngedenari zibe makulu mabini na, sibape ukuba batye? Wayesiti kubo: Zingapina izonka eninazo? hambani, nikangele. Bati ke bakuzazi: Zihlanu, nentlanzi ezimbini. Waza wabayalela ukuba babahlalise pantsi bonke ngamaqela ngamaqela etyanini obuluhlaza. Bahlala pantsi ke ngezintlu ngezintlu, ngezekulu nangezamashumi mahlanu. Waza watabata izonka zozihlanu nentlanzi zombini, wakangela ngasezulwini, wabulela; waza waziqezula izonka, wanikela kubadisipile bake, ukuze bazibeke pambi kwabo; nentlanzi zombini wazabela kubo bonke. Batya ke bonke, bahluta: kanjalo kwasuswa izitya zamaqezu zazilishumi linazibini zizele, kwa nawentlanzi. Kekaloku abo babezityile izonka ezo bebengamadoda anga amawaka mahlanu. Waza kwa oko wabanyanzela abadisipile bake bangene enqanaweni, bandulele ukuya ecaleni elingapesheya ngase‐Betesayida, nxa abandulula abantu yena. Wati akuba ebandulule, wemkela entabeni ukuya kutandaza. Kwati ke kwakuba kuhlwile, inqanawa ibipakati kwolwandle, esemhlabeni yena eyedwa. Waza wababona bezibulala ngokuqu̔ba ngemipini; ngokuba umoya ububavelela pambili. Kekaloku ngelesine ivaṙasho lobusuku weza kubo, ehamba pezu kwolwandle, wanga wafuna ukubadlula. Bati bakumbona ehamba pezu kwolwandle, baba ngumshologu, bakala ke: ngokuba bonke bebembona, baxaliswa. Waselesuka wateta nabo, wati kubo: Yomelelani; ndim, musani ukwoyika. Waza wenyukela kubo wangena enqanaweni, wadamba ke umoya: baye bemangaliswa kakulu ke pakati kwabo pezu kwembaliso, bati nqa. Ngokuba bebengacingelanga okwezonka; intliziyo yabo ibilukuni nje. Kekaloku nxa sebewelile, bafika ezweni le‐Genesarete, basondela elunxwemeni apo. Bati bakupuma enqanaweni, basebemazi ke, bapalapala kulo lonke elozwe langakona, baqala ukubatwalatwala pezu kwenku̔ko abo banezifo, ukuya apo bebesiva ukuba ukona. Nalapo asukuba ebengena kona, emizini, umhlaumbi ezixekweni, umhlaumbi emapandleni, babebeka abafayo ezindaweni zentengo, bambongoza ukuba makebacu̔kumise umqukumbelo wengubo yake wodwa; baza bonke ababemcu̔kumisa bapiliswa.