Ephumile ke apho, weza kwelakowabo; bamlandela ke abafundi bakhe. Kwathi kwakubakho isabatha, waqala ukufundisa endlwini yesikhungu; baza abaninzi, bakuva, bakhwankqiswa, besithi, Lo uzizuze phi na ezi zinto? Bubulumko buni na obu abunikiweyo, le nto nemisebenzi yamandla engaka yenziwe ngezandla zakhe? Lo akayiyo na ingcibi yokwakha, unyana kaMariya, umzalwana ke kaYakobi noYose noYuda noSimon? Noodade wabo abakho kuthi na apha? Baye bekhubeka kuye. Wathi ke uYesu kubo, Umprofeti akasweli mbeko, kungaba kukowabo, nakwizizalwana zakhe, nakokwabo. Wayengenako ukwenza namnye umsebenzi wamandla khona apho, kwakuphela ukubeka izandla phezu kwemilwelwe embalwa, wayiphilisa. Wamangaliswa kukungakholwa kwabo. Waye ejikeleza imizana, efundisa. Ubabizele kuye abalishumi elinababini, waqala ukubathuma ngababini, ngababini; ebanika igunya koomoya abangcolileyo; Wabathethela ngelithi, mabangaphathi nto yandlela, ibe ngumsimelelo wodwa; nangxowa yamphako, nasonka, namali enxilini; Banxibe iimbadada; ningambathi neengubo zangaphantsi ngambini. Wayesithi kubo, Apho nithe nangena endlwini, hlalani khona nide nimke kuloo ndawo. Abo sukuba benganamkeli, benganiva nokuniva, nakuphuma kuloo ndawo, vuthululani uthuli oluphantsi kweenyawo zenu, kube bubungqina oko kubo. Inene ndithi kuni, Koba nokunyamezeleka okweSodom neGomora ngomhla womgwebo, kunokwaloo mzi. Baphuma bavakalisa ukuba mabaguquke abantu. Bakhupha needemon ezininzi, bayithambisa ngeoli imilwelwe emininzi, beyiphilisa. Wakuva ukumkani uHerode; (kuba lalithe laduma igama lakhe;) wayesithi, Uvukile kwabafileyo uYohane umbhaptizi; ngenxa yoko le misebenzi yamandla iyenzeka ngaye. Baye abanye besithi, NguEliya; Babesithi ke abanye, Ngumprofeti, nokuba ufana nomnye wakubaprofeti. Ekuvile ke oko uHerode, wathi, Lo nguYohane, lowa ndamnqamla intloko mna; uvukile kwabafileyo. Kuba uHerode ngokwakhe wabethe wathuma, wambamba uYohane, wambopha entolongweni, ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu umninawa wakhe; kuba ebemzekile. Kuba wayesithi uYohane kuHerode, Akuvumelekile ukuba ube nomfazi womzalwana wakho. Ke kaloku uHerodiya waba nenqala ngakuye, wafuna ukumbulala; kodwa akabanga nako: kuba uHerode wayemoyika uYohane, emazi ukuba uyindoda elilungisa, engcwele, wayemgcinile; wayesithi ke akumva, enze iindawo ezininzi, amve kamnandi. Ke kaloku, kwakufika umhla owamlungelayo, uHerode ngemini yokuzalwa kwakhe wayebenzela isidlo izikhulu zakhe, namabamba akhe amakhulu, namagqala elaseGalili; yakubon’ ukuba ingene intombi kaHerodiya lowo, yangqungqa, yamkholisa uHerode nabo babehleli ndawonye naye. Wathi ukumkani kwintombazana leyo, Ndicele into osukuba uyithanda; ndokupha. Wayifungela ngelithi, Into othe wayicela kum ndokupha, kude kube kwisiqingatha sobukumkani bam. Iphumile ke yathi kunina, Ndicele ntoni na? Wathi ke yena, Intloko kaYohane umbhaptizi. Yena kungena kwaoko ngokungxama kuye ukumkani, yacela, isithi, Ndithanda ukuba undinike kalokunje ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi. Ukumkani waba buhlungu kakhulu; noko, ngenxa yesifungo sakhe, nangenxa yabo babehleli ndawonye naye, akathandanga kuyilandulela. Ukumkani ke wasusa umsiki, wamthethela ngelithi, mayiziswe intloko yakhe. Wayizisa intloko yakhe ngesitya, wayinika intombazana leyo; yaza intombazana yayinika unina. Bekuvile oko abafundi bakhe, beza basithabatha isidumbu sakhe, basibeka engcwabeni.