UMARKO 6:1-29

UMARKO 6:1-29 XHO96

Wemka apho uYesu, wabuyela kowabo, elandelwa ngabafundi bakhe. Uthe ke, kwakuba *nguMhla woPhumlo, wafundisa *endlwini yesikhungo. Kwakukho abantu abaninzi apho, abathe, bakuva, bamangaliswa, besithi: “Lo uyithathe phi na yonke le nto? Bulumko buni na obu abunikiweyo ukuze enze imimangaliso elolu hlobo? Lo akanguye na umchweli, unyana kaMariya, umntakwabo-Yakobi noYose noJuda noSimon? Noodade wabo abakho na apha phakathi kwethu?” Ngenxa yale nto ke bambukula. Ke uYesu wathi kubo: “Kakade *umshumayeli uyayinikwa imbeko; kukowabo kuphela, kwizizalwana zakhe, ekhayeni lakhe, apho angayifumaniyo khona.” Wayengenako ke ukwenza namnye ummangaliso apho, ngaphandle kokuba abeke izandla kwimilwelwe embalwa, ayiphilise. Wayemangaliswa kukungakholwa kwabo. Wayejikeleza uYesu ezityhutyha iidolophana efundisa. Wababizela kuye abafundi abalishumi elinambini, waza wabathuma ngababini, ebanike igunya lokoyisa iindimoni. Wabayalela ukuba bangaphathi nto ngaphandle komsimelelo. Wayesithi mabangaphathi nangxowa, nasonka, namali embhinqweni; bathi noko banxibe izihlangu, kodwa bangaphathi zambatho zingazibini. Ngaphezu koko wathi kubo: “Kuloo ndlu nithe naya kungena kuyo, hlalani kuyo nide nimke kuloo dolophu. Ukuba nithe nafika endaweni apho sukuba ningàmkelwa khona, okanye ningàphulaphulwa nokuphulaphulwa oku, mkani apho, nivuthulule uthuli olusezinyaweni zenu, ukuze oko kube bubungqina bokuba abanamkelanga.” Baphuma ke, bashumayela besithi abantu mabaguquke. Bakhupha iindimoni ezininzi, bayithambisa ngeoyile imilwelwe emininzi, bayiphilisa. Wakuva ke oko ukumkani uHerode, kuba igama likaYesu lalithe laduma, kusithiwa: “UnguYohane umbhaptizi ovusiweyo kwabafileyo; kungoko ayenzayo le mimangaliso.” Abanye babesithi: “ÚnguEliya;” abanye besithi: “*Úngumshumayeli ofana nabashumayeli bamandulo.” Ekuvile ke oko uHerode, wathi: “Lo nguYohane, lowa ndamnqumla intloko. Naku evukile ngoku!” Kuba uHerode ngokwakhe wayethumele ukuba abanjwe uYohane, afakwe entolongweni. UHerode wakwenza oku ngenxa kaHerodiya awayethe wamzeka nangona angumka-Filipu, umninawe wakhe. Kaloku uYohane wayethe kuHerode: “Akuvumelekanga ukuba umthathe umfazi womntakwenu.” UHerodiya ke wamxhiba, wazungula ukumbulala. Kodwa wayengenako, kuba uHerode wayemoyika uYohane, emazi ukuba uyindoda elungileyo, engcwele, waza wambeka elugcinweni. UHerode wayethanda ukumphulaphula uYohane, nangona wayedideka kakhulu akumva. Lada ke lafika ithuba elihle kuHerodiya. Yayisisikhumbuzo sokuzalwa kukaHerode, waza wazenzela itheko izikhulu zakhe, neenjengele zakhe, namanene elaseGalili. Yangena ke intombi kaHerodiya, yangqungqa yamkholisa uHerode nabo babesethekweni kunye naye. Waza ukumkani wathi kwintombi leyo: “Cela nantoni na oyifunayo; ndokupha.” Wafunga esithi: “Into othe wayicela kum ndokupha, nokuba sisiqingatha sobukumkani bam.” Yaphuma ke intombi, yaya kunina, yathi: “Ndicelè ntoni, mama?” Wathi yena: “Cela intloko kaYohane umbhaptizi.” Kwangoko intombi leyo yaya kungena ngokungxama kukumkani, yacela isithi: “Ndifuna undinike intloko kaYohane umbhaptizi ngesitya ngoku.” Waba buhlungu kakhulu ukumkani, kodwa akabanga nakulandula, kuba wayefunge phambi kwabo bonke ababesethekweni. Kwangoko ke ukumkani wathuma umxhomi, emyalela ukuba azise intloko kaYohane. Waya ke, wamnqumla intloko entolongweni apho, waza wayizisa ngesitya intloko yakhe, wayinika intombi leyo; yaza yona yayinika unina. Bekuvile oko abafundi bakaYohane, beza basithatha isidumbu sakhe, baya kusingcwaba.