UMARKO 6:1-29

UMARKO 6:1-29 XHO75

Waphuma apho ke weza kwelakowabo; bamlandela abafundi bakhe. Uthe kwakubakho isabatha, waqala ukufundisa endlwini yesikhungu; baza abaninzi, bakuva, bakhwankqiswa, besithi, Lo uzizuze phi na ezi zinto? Bubulumko buni na obu abunikiweyo, le nto nemisebenzi yamandla enjengale yenzekayo ngezandla zakhe? Lo akayiyo na ingcibi yokwakha, unyana kaMariya, umzalwana ke kaYakobi noYose noYuda noSimon? Noodade babo àbakuthi apha na? Baye bekhubeka kuye. Wayesithi ke uYesu kubo, Umprofeti akasweli mbeko, kungaba kukowabo, nakwizizalwana zakhe, nakokwabo. Wayengenako ukwenza namnye umsebenzi wamandla khona apho, kwakuphela ukubeka izandla phezu kwemilwelwe embalwa, wayiphilisa. Wamangaliswa kukungakholwa kwabo. Wayeyihambahamba imizana ejikeleza, efundisa. Ubabizele kuye abalishumi elinababini, waqala ukubathuma ngababini, ngababini; wayebanika igunya koomoya abangcolileyo; wabathethela ngelithi, mabangaphathi nto yandlela, ibe ngumsimelelo wodwa; bangaphathi ngxowa, nasonka, namali embhinqweni; bathi kodwa banxibe izixathula; bangambathi neengubo zangaphantsi ngambini. Wayesithi kubo, Apho nithe nangena endlwini, hlalani khona nide nimke kuloo ndawo. Abo sukuba benganamkeli, benganiva nokuniva, nakuphuma kuloo ndawo, vuthululani uthuli oluphantsi kweenyawo zenu, kube bubungqina oko kubo. Inene ndithi kuni, Koba nokunyamezeleka okweSodom nokweGomora ngomhla womgwebo, kunokwaloo mzi. Baphuma bavakalisa ukuba mabaguquke abantu. Bakhupha needemon ezininzi, bayithambisa ngeoli imilwelwe emininzi, beyiphilisa. Ke kaloku wakúva oko ukumkani uHerode (kuba igama lakhe lalithe laduma); wayesithi, Uvukile kwabafileyo uYohane umbhaptizi; ngenxa yoko le misebenzi yamandla iyenzeka ngaye. Baye abanye besithi, NguEliya; baye ke abanye besithi, Ngumprofeti, nokuba ufana nomnye wakubaprofeti. Ekuvile ke oko uHerode, wathi, Lo nguYohane, lowa ndamnqamla intloko mna; uvukile kwabafileyo. Kuba uHerode ngokwakhe wabethé wathuma, wambamba uYohane, wambopha entolongweni, ngenxa kaHerodiya, umfazi kaFilipu umzalwana wakhe; kuba ebemzekile. Kuba wayesithi uYohane kuHerode, Akuvumelekile ukuba ube nomfazi womzalwana wakho. Ke kaloku uHerodiya waba nenqala ngakuye, wafuna ukumbulala; kodwa akabanga nako; kuba uHerode wayemoyika uYohane, emazi ukuba uyindoda elilungisa, engcwele, wayemgcinile; wayesithi ke akumva, enze iindawo ezininzi, amve kamnandi. Kwathi, kwakufika umhla owamlungelayo uHerodiya, xeshikweni uHerode ngemini yokuzalwa kwakhe wayezenzela isidlo izidwangube zakhe, nabathetheliwaka, namanene elaseGalili, yakubon' ukuba ingene intombi kaHerodiya lowo, yangqungqa, yamkholisa uHerode nabo babehleli ndawonye naye. Wathi ukumkani kwintombazana leyo, Ndícele into osukuba uyithanda; ndokupha. Wayifungela ngelithi, Into othe wayicela kum ndokupha, kude kube kwisiqingatha sobukumkani bam. Iphumile ke yathi kunina, Ndicèle ntoni na? Wathi ke yena, Intloko kaYohane umbhaptizi. Yeza kungena kwaoko ngokungxama kuye ukumkani, yacela, isithi, Ndithanda ukuba undinike kalokunje ngesitya intloko kaYohane umbhaptizi. Waba buhlungu kakhulu ukumkani; noko, ngenxa yezifungo zakhe, nangenxa yabo babehleli ndawonye naye, akathandanga kuyilandulela. Uthe kwaoko ukumkani wasusa umsiki, wamthethela ngelithi, mayiziswe intloko yakhe. Wesuka waya ke lowo, wamnqumla intloko entolongweni. Wayizisa intloko yakhe ngesitya, wayinika intombazana leyo; yaza intombazana yayinika unina. Bekuvile oko abafundi bakhe, beza basithabatha isidumbu sakhe, basibeka engcwabeni.