Kuthe eseBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa, akubon’ ukuba uhleli, kweza umfazi enehlala lelabhastile, linamafutha enadusi engangxengelelweyo, exabiso likhulu; walityumza iselwa, wamgalela entloko. Kwaye ke kukho abathile abacaphukayo phakathi kwabo, besithi, Yenzelweni na le nkcitho yamafutha aqholiweyo? Kuba la mafutha bekungathengiswa ngawo ngeedenariyo ezingaphezu kwamakhulu amathathu, kuphiwe amahlwempu. Baye bamkrokrela. Uthe ke uYesu, Myekeni; yini na ukuba nimkhathaze? Undenzele umsebenzi omhle. Kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo, nize xa sukuba nithanda, nibe nako ukuwenzela okulungileyo; ke mna anihleli ninam. Yena ukwenzile abenako; uphange weza wawuthambisela ukungcwatywa umzimba wam. Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye.
Funda uMarko 14
Share
Compare All Versions: uMarko 14:3-9
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos