Kwathi uYesu eseBhetani, esetafileni endlwini kaSimon uZitshangubana, kwafika umntu obhinqileyo, eneqhaga lelitye lelabhastile, linamafutha angangxengwanga axabiso likhulu esiqholo esiyinadusi. Waliqhekeza ke elo qhaga, wathambisa intloko kaYesu ngamafutha lawo. Kwakukho abathile abacaphukáyo, besithi omnye komnye: “Kutheni na ukuba kwenziwe le nkcitho yamafutha aqholiweyo? Ngethengiswe ngemali engaphezu kweerandi ezingamakhulu amathathu, kwaphiwa amahlwempu.” Baza ke bayikhalazela loo ntokazi. UYesu ke wathi: “Myekeni; nimkhathazelani? Úndenzele into entle. Kaloku amahlwempu lawo nihleli ninawo: nanini na nakuthanda ningawanceda. Mna ke anihleli ninam. Le ntokazi yenze loo nto ibinokuyenza. Umzimba wam iwuthambisele ukungewatywa kwangaphambili. Ndithi kuni, inene, naphi na apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zimnandi kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto iyenzileyo yona, ibe sisikhumbuzo ngayo.”
Funda UMARKO 14
Share
Compare All Versions: UMARKO 14:3-9
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos