UMARKO 14:3-9
UMARKO 14:3-9 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kuthe eseBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa, akubon’ ukuba uhleli, kweza umfazi enehlala lelabhastile, linamafutha enadusi engangxengelelweyo, exabiso likhulu; walityumza iselwa, wamgalela entloko. Kwaye ke kukho abathile abacaphukayo phakathi kwabo, besithi, Yenzelweni na le nkcitho yamafutha aqholiweyo? Kuba la mafutha bekungathengiswa ngawo ngeedenariyo ezingaphezu kwamakhulu amathathu, kuphiwe amahlwempu. Baye bamkrokrela. Uthe ke uYesu, Myekeni; yini na ukuba nimkhathaze? Undenzele umsebenzi omhle. Kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo, nize xa sukuba nithanda, nibe nako ukuwenzela okulungileyo; ke mna anihleli ninam. Yena ukwenzile abenako; uphange weza wawuthambisela ukungcwatywa umzimba wam. Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye.
UMARKO 14:3-9 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kuthe eseBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa, akubon' ukuba uhleli, kweza umfazi enehlala lelabhastile,• linamafutha enadusi• engangxengelelweyo, exabiso likhulu; walityumza ihlala elo lelabhastile, wamgalela ngawo entloko. Kwaye ke kukho abathile abacaphukáyo phakathi kwabo, besithi, Yenzelweni na le nkcitho yamafutha aqholiweyo? Kuba la mafutha bekungáthengiswayo ngawo ngenani elingaphezu kweedenariyo• ezimakhulu mathathu, kuphiwe amahlwempu; basuka bamfuthela. Uthe ke uYesu, Myekeni; nimaphulelani na? Usebenzé umsebenzi omhle kum; kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo, nize xa sukuba nithanda, nibe nako ukuwenzela okulungileyo; ke mna anihleli ninam. Yena ukwenzile abénako; uphange weza wawuthambisela ukungcwatywa umzimba wam. Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye.

UMARKO 14:3-9 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwathi uYesu eseBhetani, esetafileni endlwini kaSimon uZitshangubana, kwafika umntu obhinqileyo, eneqhaga lelitye lelabhastile, linamafutha angangxengwanga axabiso likhulu esiqholo esiyinadusi. Waliqhekeza ke elo qhaga, wathambisa intloko kaYesu ngamafutha lawo. Kwakukho abathile abacaphukáyo, besithi omnye komnye: “Kutheni na ukuba kwenziwe le nkcitho yamafutha aqholiweyo? Ngethengiswe ngemali engaphezu kweerandi ezingamakhulu amathathu, kwaphiwa amahlwempu.” Baza ke bayikhalazela loo ntokazi. UYesu ke wathi: “Myekeni; nimkhathazelani? Úndenzele into entle. Kaloku amahlwempu lawo nihleli ninawo: nanini na nakuthanda ningawanceda. Mna ke anihleli ninam. Le ntokazi yenze loo nto ibinokuyenza. Umzimba wam iwuthambisele ukungewatywa kwangaphambili. Ndithi kuni, inene, naphi na apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zimnandi kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto iyenzileyo yona, ibe sisikhumbuzo ngayo.”
UMARKO 14:3-9 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kuthe eseBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa, akubon’ ukuba uhleli, kweza umfazi enehlala lelabhastile, linamafutha enadusi engangxengelelweyo, exabiso likhulu; walityumza iselwa, wamgalela entloko. Kwaye ke kukho abathile abacaphukayo phakathi kwabo, besithi, Yenzelweni na le nkcitho yamafutha aqholiweyo? Kuba la mafutha bekungathengiswa ngawo ngeedenariyo ezingaphezu kwamakhulu amathathu, kuphiwe amahlwempu. Baye bamkrokrela. Uthe ke uYesu, Myekeni; yini na ukuba nimkhathaze? Undenzele umsebenzi omhle. Kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo, nize xa sukuba nithanda, nibe nako ukuwenzela okulungileyo; ke mna anihleli ninam. Yena ukwenzile abenako; uphange weza wawuthambisela ukungcwatywa umzimba wam. Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye.
UMARKO 14:3-9 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku ese‐Betaniya, endlwini ka‐Simone ileperi, xa abehleli pantsi, kweza umfazi eneqaka leyalabastere linamafuta mnandi enadusi anqabileyo kunene, waliqekeza iqaka leyalabastere, wawagalela amafuta entloko yake. Kwaye kuko abatile bequmbile kunene pakati kwabo, besiti nokuti: Kwenzelwe nina okukuci̔takala kwamafuta mnandi? ngokuba kunge kutengiwe ngawo la okupezulu kwamakulu amatatu edenari, kwaza kwapiwa amahlwempu. Baṙoṙa ngaye ke. Kodwa u‐Yesu wati: Myekeni; yinina ukuba nimkataze? umsebenzi olungileyo uwenzile kum. Ngokuba ninawo amahlwempu futi ekuni; kanjalo wona ningawenzela okulungileyo, nxa nitanda ukwenje njalo; kanti aninam futi. Oko wabenako lo, wenzile ngako; umzimba wam uwutambisele ukuncw̔atywa kwam ngokupangela. Ngokwenene nditi kuni: Apo kusukuba kushunyayelwa kona ivangeli le kulo lonke ilizwe, kuya kutyelwa nalento ayenzileyo lo, ibe sisikumbuzo sake.