Kekaloku ese‐Betaniya, endlwini ka‐Simone ileperi, xa abehleli pantsi, kweza umfazi eneqaka leyalabastere linamafuta mnandi enadusi anqabileyo kunene, waliqekeza iqaka leyalabastere, wawagalela amafuta entloko yake. Kwaye kuko abatile bequmbile kunene pakati kwabo, besiti nokuti: Kwenzelwe nina okukuci̔takala kwamafuta mnandi? ngokuba kunge kutengiwe ngawo la okupezulu kwamakulu amatatu edenari, kwaza kwapiwa amahlwempu. Baṙoṙa ngaye ke. Kodwa u‐Yesu wati: Myekeni; yinina ukuba nimkataze? umsebenzi olungileyo uwenzile kum. Ngokuba ninawo amahlwempu futi ekuni; kanjalo wona ningawenzela okulungileyo, nxa nitanda ukwenje njalo; kanti aninam futi. Oko wabenako lo, wenzile ngako; umzimba wam uwutambisele ukuncw̔atywa kwam ngokupangela. Ngokwenene nditi kuni: Apo kusukuba kushunyayelwa kona ivangeli le kulo lonke ilizwe, kuya kutyelwa nalento ayenzileyo lo, ibe sisikumbuzo sake.
Funda Ivangeli ka‐Maraki 14
Share
Compare All Versions: Ivangeli ka‐Maraki 14:3-9
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos