uMarko 10:1-31

uMarko 10:1-31 CXB24

Esukile apho, uze kungena emideni yakwaYuda, ecanda kweliphesheya kweYordan. Wabuya wabafundisa ngokwesiqhelo. Beza kuye abaFarisi, bambuza ukuba kuvumelekile na ukuba indoda imale umfazi wayo? emlinga. Waphendula ke wathi kubo, Waniwisela mthetho mni na uMoses? Bathi ke bona, uMoses wakuvumela ukubhala incwadi yokwahlukana, nokumala. Waphendula uYesu wathi kubo, Ngokuba lukhuni kwentliziyo yenu, wanibhalela loo mthetho; Kodwa kwasekuqalekeni kwendalo, uThixo wabenza baba yindoda nenkazana. Ngenxa yoko ke, umntu womshiya uyise nonina, anamathele emfazini wakhe; baze abo babini babe nyama-nye. Ngako oko, abasebabini, banyama-nye. Oko ke ngoko uThixo akumanyileyo, makungahlulwa mntu. Endlwini abafundi bakhe babuya bambuza ngayo loo nto. Athi kubo, Othe wamala umfazi wakhe, wazeka omnye, uyakrexeza kulowa. Nokuba umfazi uthe wayala indoda yakhe, wendela kwenye, uyakrexeza. Kwaye bezisa abantwana kuye ukuze abachukumise; basuka abafundi babakhalimela abo babazisayo. Ke kaloku ekubonile oku uYesu, wacaphuka, wathi kubo, Bavumeleni abantwana beze kum, ningabaleli: ngokuba ubukumkani bukaThixo bubobabo banjalo. Inene, ndithi kuni, Othe akabamkela ubukumkani bukaThixo njengomntwana, akayi kukha angene kubo. Waza wabawola, wabeka izandla phezu kwabo, wabasikelela. Ephumile ke, uya endleleni, kweza othile ngokubaleka, wawa ngamadolo kuye, wambuza esithi, Mfundisi ulungileyo, ndenze ntoni na, ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade? Uthe ke uYesu kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela, nguThixo. Uyayazi imithetho: musa ukukrexeza, musa ukubulala, musa ukuba, musa ukungqina ubuxoki, musa ukulumkisa, beka uyihlo nonyoko. Uphendule ke wathi kuye, Mfundisi, zonke ezo zinto ndazigcina, kwasebuncinaneni bam. Uthe ke uYesu, ondele kuye wamthanda, wathi kuye, Kukho nto-nye uyisweleyo: hamba uye kuthengisa ngeento zonke onazo, uphe amahlwempu, woba nobutyebi ke emazulwini; yiza, uwuthabathe umnqamlezo, uwulandele, mna. Wathi ke khunubembe ngelo zwi, wemka ebuhlungu; kuba ebenemfuyo eninzi. uYesu esingasingile, wathi kubafundi bakhe, Hayi, ukuba ngenkankulu ukuya kungena kwabo banobutyebi ebukumkanini bukaThixo! Bakhwankqiswa ke abafundi ngamazwi akhe. Wabuya waphendula ke uYesu, wathi kubo, Bantwana, hayi, ukuba ngenkankulu ukuthi abo bakholose ngobutyebi bangene ebukumkanini bukaThixo! Kulula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi singene ebukumkanini bukaThixo. Baye bekhwankqiswa ke ngokuncamisileyo, besitshono ukuthi, Ngubani na ongasindiswayo? Ondele ke uYesu, wathi kubo, Kubantu akunakwenzeka; kuye yena uThixo akunakuba kungenzeki; kuba zonke izinto zinako ukwenzeka kuye uThixo. Waqala uPetros ukuthi kuye, Uyabona, thina sishiye iinto zonke sakulandela. Waphendula uYesu wathi, Inene, ndithi kuni, Akukho namnye ushiye indlu, nokuba ngabazalwana, nokuba ngoodade, nokuba nguyise, nokuba ngunina, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yam nangenxa yeendaba ezilungileyo ezi, ongayi kuthi amkeliswe kalikhulu: ngoku ngeli xesha, izindlu, nabazalwana, noodade, noonina, nabantwana, namasimi, ndawonye neentshutshiso; nakwelizayo iphakade, ubomi obungunaphakade. Ke baninzi abokuqala abaya kuba ngabokugqibela; nabokugqibela abokuqala.