Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uMateyu 27:62-66

uMateyu 27:62-66 CXB24

Ke kaloku ngengomso, eliyimini yokulungiselela, bahlanganisana ababingeleli abakhulu nabaFarisi kuPilato; besithi, Nkosi, sikhumbule ukuba umlahlekisi lowa wathi esahleli, Emveni kweentsuku ezintathu, ndiya kuvuka. Yitsho ngoko linqatyiswe ingcwaba, kude kube lusuku lwesithathu, hleze abafundi bakhe beze ebusuku, bambe, bathi ke ebantwini, Uvukile kwabafileyo; luze olokugqibela ulahlekiso lube lubi kunolokuqala. Wathi ke uPilato kubo, Ninabo abalindi; Baya ke bona balinqabisa ingcwaba, ngokulitywina ilitye, bekunye nabalindi.