UMATEYU 27:62-66
UMATEYU 27:62-66 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku ngengomso, eliyimini yokulungiselela, bahlanganisana ababingeleli abakhulu nabaFarisi kuPilato; besithi, Nkosi, sikhumbule ukuba umlahlekisi lowa wathi esahleli, Emveni kweentsuku ezintathu, ndiya kuvuka. Yitsho ngoko linqatyiswe ingcwaba, kude kube lusuku lwesithathu, hleze abafundi bakhe beze ebusuku, bambe, bathi ke ebantwini, Uvukile kwabafileyo; luze olokugqibela ulahlekiso lube lubi kunolokuqala. Wathi ke uPilato kubo, Ninabo abalindi; Baya ke bona balinqabisa ingcwaba, ngokulitywina ilitye, bekunye nabalindi.
UMATEYU 27:62-66 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku ngengomso, eliyimini esemva kwaleyo yokulungiselela, bahlanganisana ababingeleli abakhulu nabaFarisi kuPilato, besithi, Nkosi, sikhumbule ukuba umlahlekisi lowa wathi esahleli, Emveni kweentsuku ezintathu, ndiya kuvuka. Yitsho ngoko linqatyiswe ingcwaba, kude kube lusuku lwesithathu, hleze abafundi bakhe beze ebusuku, bambé, bathi ke ebantwini, Uvukile kwabafileyo; luze olokugqibela ulahlekiso lube lubi kunolokuqala. Wathi ke uPilato kubo, Ninabo abalindi; hambani niye kunqabisa ngoko nazi ngako. Baya ke bona balinqabisa ingcwaba, ngokulitywina ilitye, bekunye nabalindi.
UMATEYU 27:62-66 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngengomso, ngemini elandela eyokulungiselela *iPasika, ababingeleli abaziintloko *nabaFarasi badibana noPilato, bathi: “Nkosi, sikhumbule okokuba esahleli umlahlekisi lowa wathi: ‘Emva kweentsuku ezintathu ndiya kuvuka ekufeni.’ Ke ngoko yalela okokuba ingcwaba linqatyiswe de kube lusuku lwesithathu, hleze abafundi bakhe beze bambe, ze bathi ebantwini uvukile ekufeni, luze olu lahlekiso lokugqibela lube ngaphezulu kunolokuqala.” Waza uPilato wathi kubo: “Ningáwafumana amajoni okugada. Yiyani, nilitywine ingcwaba kangangoko nazi ngako.” Baya ke, balinqabisa ingcwaba ngokulitywina, laza lalindwa ngoomantshingilane.
UMATEYU 27:62-66 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku ngengomso, eliyimini yokulungiselela, bahlanganisana ababingeleli abakhulu nabaFarisi kuPilato; besithi, Nkosi, sikhumbule ukuba umlahlekisi lowa wathi esahleli, Emveni kweentsuku ezintathu, ndiya kuvuka. Yitsho ngoko linqatyiswe ingcwaba, kude kube lusuku lwesithathu, hleze abafundi bakhe beze ebusuku, bambe, bathi ke ebantwini, Uvukile kwabafileyo; luze olokugqibela ulahlekiso lube lubi kunolokuqala. Wathi ke uPilato kubo, Ninabo abalindi; Baya ke bona balinqabisa ingcwaba, ngokulitywina ilitye, bekunye nabalindi.
UMATEYU 27:62-66 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku ngomhla olandelayo, ongowasemva kwowokulungiselela, bahlanganisana abaperisite abakulu nabafarisi ngaku‐Pilati, besiti: Nkosi! sikumbule ukuba lowamkohlisi watsho nxa asahleli ukuti: Emveni kwentsuku ntatu ndobuya ndivuke. Yalela ngoko ukuba kuqiniswe incw̔aba lude lube lolwesitatu usuku; hlezibe abadisipile bake beze ebusuku bambe̔, baze bati ebantwini: Uvukile ekufeni; ize iti inkohliso yokupela igqitise eyokuqala ngokuba mbi. Wayesiti kubo u‐Pilati: Seninawo umlisela; hambani, niqinise ngendawo eniyaziyo. Baya ke baqinisa incw̔aba, bencamatisela ilitye, bemisa umlisela kanjalo.