Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMATEWU 27:62-66

UMATEWU 27:62-66 XHO96

Ngengomso, ngemini elandela eyokulungiselela *iPasika, ababingeleli abaziintloko *nabaFarasi badibana noPilato, bathi: “Nkosi, sikhumbule okokuba esahleli umlahlekisi lowa wathi: ‘Emva kweentsuku ezintathu ndiya kuvuka ekufeni.’ Ke ngoko yalela okokuba ingcwaba linqatyiswe de kube lusuku lwesithathu, hleze abafundi bakhe beze bambe, ze bathi ebantwini uvukile ekufeni, luze olu lahlekiso lokugqibela lube ngaphezulu kunolokuqala.” Waza uPilato wathi kubo: “Ningáwafumana amajoni okugada. Yiyani, nilitywine ingcwaba kangangoko nazi ngako.” Baya ke, balinqabisa ingcwaba ngokulitywina, laza lalindwa ngoomantshingilane.