Ngalo elo lixa wathi uYesu kwindimbane, Niphumele ukuza kubamba mna na, ninamakrele neentonga nje, ngathi niphumele isihange? Bendihleli nani imihla ngemihla, ndifundisa etempileni, anandibamba. Kodwa konke oku kwenzeke, ukuze zizaliseke izibhalo zabaprofeti. Basuka bonke abafundi bamshiya, babaleka. Abo ke bambambayo uYesu, bamrholela kuKayafa, umbingeleli omkhulu, apho babehlanganisene khona ababhali namadoda amakhulu. Ke yena uPetros wamlandela, ebekele kude, kwada kwaya entendelezweni yendlu yombingeleli omkhulu. Engene ngaphakathi, wahlala phantsi namadindala, ukuba abone isiphelo. Ke kaloku, baye ababingeleli abakhulu, namadoda amakhulu, nentlanganiso yamatyala iphelele, befuna ubungqina obubuxoki ngoYesu, ukuze bambulale; nangona afikayo amangqina abuxoki aba maninzi, ababufumananga. Ada ke afika amangqina abuxoki emabini. Athi, Lo wathi, Ndinako ukuyichitha itempile kaThixo, ndibuye ndiyakhe ngeentsuku ezintathu. Wesuka wema umbingeleli omkhulu, wathi kuye, Akuphenduli nto na? bangqina ntoni na aba ngawe? Wathi tu uYesu. Waphendula umbingeleli omkhulu wathi kuye, Ndikufungisa uThixo ophilileyo, ukuba usixelele ukuba unguye na uKristu, uNyana kaThixo. Athi uYesu kuye, Uselutshilo nawe. Ke ndithi kuni, Emveni koku niya kumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza esemafini ezulu. Waza umbingeleli omkhulu wazikrazula iingubo zakhe, esithi, Unyelisile; sisawafunelani na amangqina? yabonani, ngoku nikuvile ukunyelisa kwakhe. Nithini na? Baphendula ke bona bathi, Unetyala lokufa. Baza bamtshicela ebusweni, bamntlitha, abanye ke bambetha ngentende zezandla. Zithi, Siprofetele, wena Kristu, ukubethileyo ngubani na? Ke kaloku uPetros wayehleli ngaphandle entendelezweni; kweza kuye sicakazana sithile, sisithi, Nawe ubunaye uYesu lo waseGalili. Wakhanyela ke yena phambi kwabo bonke, esithi, Andiyazi into oyithethayo. Ephumile waya esangweni, sambona esinye, sathi kwababekhona, Naye lo ebenaye uYesu waseNazarete. Waphinda wakhanyela efunga, esithi, Andimazi loo mntu. Kwakuba mzuzwana, beza abo babemi khona, bathi kuPetros, Inyaniso, nawe ungowabo; kuba intetho yakho iyakudiza. Waza waqala ukushwabula nokufunga, esithi, Andimazi loo mntu. Yalila kwaoko inkuku. Walikhumbula uPetros ilizwi likaYesu, abelithethile kuye, esithi, Ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu. Waza waphuma phandle, walila ngokukrakra.