UMATEYU 26:55-75
UMATEYU 26:55-75 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngalo elo lixa wathi uYesu kwindimbane, Niphumele ukuza kubamba mna na, ninamakrele neentonga nje, ngathi niphumele isihange? Bendihleli nani imihla ngemihla, ndifundisa etempileni, anandibamba. Oku ke konke kwenzeké, ukuze zizaliseke izibhalo zabaprofeti. Basuka bonke abafundi bamshiya, babaleka. Abo ke bambambáyo uYesu, bamrholela kuKayafa, umbingeleli omkhulu, apho babehlanganisene khona ababhali namadoda amakhulu. Ke kaloku uPetros wayemlandela, ebekele kude, kwada kwaya entendelezweni yendlu yombingeleli omkhulu. Engene ngaphakathi, wahlala phantsi namadindala, ukuba abone isiphelo. Ke kaloku, baye ababingeleli abakhulu, namadoda amakhulu, nentlanganiso yamatyala iphelele, befuna ubungqina obubuxoki ngoYesu, ukuze bambulale; ababufumananga; nangona afikáyo amangqina abuxoki aba maninzi, ababufumananga. Ada ke afika amangqina abuxoki emabini, athi, Lo wathi, Ndinako ukuyichitha itempile kaThixo, ndibuye ndiyakhe ngeentsuku ezintathu. Wesuka wema umbingeleli omkhulu, wathi kuye, Akuphenduli nto na? Bangqina ntoni na aba ngawe? Wahlala yena uYesu wathi tu. Waphendula umbingeleli omkhulu wathi kuye, Ndikufungisa uThixo ophilileyo, ukuba usixelele ukuba unguye na uKristu,• unyana kaThixo. Athi uYesu kuye, Uselutshilo nawe. Ke ndithi kuni, Emveni koku niya kumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza esemafini ezulu. Waza umbingeleli omkhulu wazikrazula iingubo zakhe, esithi, Únyelisile; sisawafunelani na amangqina? Yabonani, ngoku nikuvile ukunyelisa kwakhe; nithini na nina? Baphendula ke bona bathi, Únetyala lokuba afe. Baza bamtshicela ebusweni, bamntlitha, abanye bammonxoza, besithi, Siprofetele, wena Kristu; ubethwe ngubani na? Ke kaloku uPetros wayehleli ngaphandle entendelezweni; kweza kuye sicakazana sithile, sisithi, Nawe ubunaye uYesu lo waseGalili. Wakhanyela ke yena phambi kwabo bonke, esithi, Andiyazi into oyithethayo. Kuthe ke, ephume waya esangweni, sambona esinye; sithi kwababekhona, Naye lo ebenaye uYesu waseNazarete. Waphinda wakhanyela efunga, esithi, Andimazi loo mntu. Kwathi ke kwakuba mzuzwana, beza abo babemi khona, bathi kuPetros, Inyaniso, nawe ungowabo; kuba nokuthetha kwakho kuyakudiza. Waza waqala ukushwabula nokufunga, esithi, Andimazi loo mntu. Yasuka yalila kwaoko inkuku. Walikhumbula uPetros ilizwi likaYesu, abelithethile kuye, esithi, Ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu. Ephume phandle, walila ngokukrakra.
UMATEYU 26:55-75 IBHAYIBHILE (XHO96)
UYesu ke ngelo xesha wathi kwindimbane: “Niphumele ukuza kubamba mna na, ninamakrele neentonga nje, ngokungathi niphumele isihange? Bendinani ndifundisa imihla ngemihla *endlwini kaThixo, naza anandibamba. Kodwa kunje ukuze kuzaliseke okwabhalwayo *ngabashumayeli bamandulo.” Emva koko ke babaleka bonke abafundi bakhe, bamshiya. Abo babembambile uYesu, bamsa kuKayafa, umbingeleli omkhulu, apho babehlanganisene khona abachazi-mthetho namadoda amakhulu. Ke yena uPetros wamlandela uYesu, ebekele kude, wada waya kungena eyadini yomzi wombingeleli omkhulu, wahlala phantsi ndawonye nezicaka, ukuze abone ukuba kuya kuphelela phi na. Ke ababingeleli abaziintloko nalo lonke *iBhunga babefuna ubungqina bobuxoki ngoYesu, ukuze bambulalise, kodwa ababufumananga, nangona babebaninzi ababengqina ubuxoki ngaye. Ekugqibeleni kwavela ababini, bathi: “Lo mntu uthe: ‘Mna ndingayichitha indlu kaThixo, ndibuye ndiyakhe ngeentsuku ezintathu.’ ” Waphakama ke umbingeleli omkhulu, wathi kuYesu: “Akuphenduli nento le na? Yintoni kanye le aba bayingqinayo ngawe?” Kodwa uYesu wahlala wathi tu. Waphinda umbingeleli omkhulu wathi kuye: “Ndikufungisa uThixo ophilayo okokuba usixelele ukuba unguye na *uKrestu, uNyana kaThixo.” Wamphendula uYesu wathi: “Nawe utsho. Ke ndithi kuni, ukususela ngoku niya kumbona uNyana woLuntu ehleli ewongeni kwaSomandla, nimbone esiza ngamafu ezulu. ” Wazikrazula ke izambatho zakhe umbingeleli omkhulu, esithi: “Únyelise uThixo! Sisawafunelani na amangqina? Niyabona, nikuvile ngoku ukunyelisa kwakhe. Nithini nina?” Baphendula bathi: “Úfanele ukufa.” Bamtshicela ebusweni ke, bemxhimfa, baza abanye bembetha, bathi: “Sixelele, Krestu; ngubani lo ukubethileyo?” UPetros ke wayehleli ngaphandle eyadini. Seza kuye esinye sezicakazana, sathi: “Nawe ubunaye uYesu waseGalili.” Kodwa yena wakhanyela phambi kwabo bonke, esithi: “Andazani konke nale nto uyithethayo.” Waphuma ke, esiya ngasesangweni, wabonwa sesinye isicakazana, esathi kwababelapho: “Naye lo wayenaye uYesu waseNazarete.” Waphinda ke wakhanyela uPetros, wathi: “Inene, andimazi loo mntu.” Kwakuba mzuzwana, abo babemi apho baya kuPetros, bathi: “Inene, ungomnye wabo. Nokuthetha oku kwakho kuyakudiza.” Wasuka waziqalekisa efunga esithi: “Andimazi loo mntu!” Kwathi ke kwangoko yakhala inkuku. Walikhumbula ke uPetros ilizwi awayelithethe kuye uYesu, esithi: “Ingekakhali inkuku, woba undikhanyele kathathu.” Waphuma waya phandle, walila kabuhlungu.
UMATEYU 26:55-75 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngalo elo lixa wathi uYesu kwindimbane, Niphumele ukuza kubamba mna na, ninamakrele neentonga nje, ngathi niphumele isihange? Bendihleli nani imihla ngemihla, ndifundisa etempileni, anandibamba. Kodwa konke oku kwenzeke, ukuze zizaliseke izibhalo zabaprofeti. Basuka bonke abafundi bamshiya, babaleka. Abo ke bambambayo uYesu, bamrholela kuKayafa, umbingeleli omkhulu, apho babehlanganisene khona ababhali namadoda amakhulu. Ke yena uPetros wamlandela, ebekele kude, kwada kwaya entendelezweni yendlu yombingeleli omkhulu. Engene ngaphakathi, wahlala phantsi namadindala, ukuba abone isiphelo. Ke kaloku, baye ababingeleli abakhulu, namadoda amakhulu, nentlanganiso yamatyala iphelele, befuna ubungqina obubuxoki ngoYesu, ukuze bambulale; nangona afikayo amangqina abuxoki aba maninzi, ababufumananga. Ada ke afika amangqina abuxoki emabini. Athi, Lo wathi, Ndinako ukuyichitha itempile kaThixo, ndibuye ndiyakhe ngeentsuku ezintathu. Wesuka wema umbingeleli omkhulu, wathi kuye, Akuphenduli nto na? bangqina ntoni na aba ngawe? Wathi tu uYesu. Waphendula umbingeleli omkhulu wathi kuye, Ndikufungisa uThixo ophilileyo, ukuba usixelele ukuba unguye na uKristu, uNyana kaThixo. Athi uYesu kuye, Uselutshilo nawe. Ke ndithi kuni, Emveni koku niya kumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza esemafini ezulu. Waza umbingeleli omkhulu wazikrazula iingubo zakhe, esithi, Unyelisile; sisawafunelani na amangqina? yabonani, ngoku nikuvile ukunyelisa kwakhe. Nithini na? Baphendula ke bona bathi, Unetyala lokufa. Baza bamtshicela ebusweni, bamntlitha, abanye ke bambetha ngentende zezandla. Zithi, Siprofetele, wena Kristu, ukubethileyo ngubani na? Ke kaloku uPetros wayehleli ngaphandle entendelezweni; kweza kuye sicakazana sithile, sisithi, Nawe ubunaye uYesu lo waseGalili. Wakhanyela ke yena phambi kwabo bonke, esithi, Andiyazi into oyithethayo. Ephumile waya esangweni, sambona esinye, sathi kwababekhona, Naye lo ebenaye uYesu waseNazarete. Waphinda wakhanyela efunga, esithi, Andimazi loo mntu. Kwakuba mzuzwana, beza abo babemi khona, bathi kuPetros, Inyaniso, nawe ungowabo; kuba intetho yakho iyakudiza. Waza waqala ukushwabula nokufunga, esithi, Andimazi loo mntu. Yalila kwaoko inkuku. Walikhumbula uPetros ilizwi likaYesu, abelithethile kuye, esithi, Ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu. Waza waphuma phandle, walila ngokukrakra.
UMATEYU 26:55-75 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwa ngeloxeshana wati u‐Yesu kwizihlwele: Nipumile neziṙele nenduku ukuza kundibamba na, njengokungati nibe nipuma ngakulo ibada? Bendihleli imihla ngemihla kuni ndifundisa etempileni, anandibamba ke. Kodwa oku konke kwenzekile, ukuze zizaliseke iziba̔lo zabaprofite. Bandula bonke abadisipile bamshiya, babaleka. Bati kekaloku abo bambambayo u‐Yesu bamr̔olela ku‐Kayafasi umperisite omkulu, apo babehlanganisene kona ababa̔li nabadala. Waza u‐Petrosi wamlandela ekude, kwada kwasekusini lendlu yomperisite omkulu, wangena pakati, wahlala pantsi ndawonye namadindili, ukuba abone ukupela kwendawo. Kekaloku abaperisite abakulu, nabadala, nayo yonke intlanganiso yamapakati, bebefuna ubunqi̔na obubuxoki ngakuye u‐Yesu, ukuze bamfise; kanti abafumana ke: ewe, akufika amanqi̔na abuxoki amaninzi, abafumana ke. Ada afika amanqi̔na abuxoki emabini, ati: Watsho lo ukuti: Ndingayici̔ta itempile KATIXO, ndibuye ndiyake ngentsuku zibe ntatu. Waza wesuka umperisite omkulu, wati kuye: Akupenduli nto na? banqi̔na nto nina ngakuwe aba? Kuloko u‐Yesu wati tu. Waza wapendula umperisite omkulu wati kuye: Ndiyakufungisa UTIXO opilileyo, uze usixelele ukuba unguye na u‐Kristu, unyana KATIXO. Wati u‐Yesu kuye: Utshilo wena. Kanjako nditi kuni: Emveni kwoku niya kubona unyana wesintu ehleli ngasekunene kwamandla, esiza nokuza emafini ezulu. Wandula umperisite omkulu waṙazula ingubo zake, esiti: Ugxekile u‐Tixo; sisafunela nina amanqi̔na? bona ke, nikuvile ngoku ukugxeka kwake; niti nina ke? Baza bapendula bati: Unetyala lokuba afe. Bandula bamtshicela ebusweni, bamntliteka; bati inxenye bamtywakaza, besiti: Silaulele, Kristundini! wabetwa ngubanina? Kekaloku u‐Petrosi ebehleli ngapandle ekusini; saza isicakazana esitile seza kuye, sisiti: Nawe ubuno‐Yesu wase‐Galili. Koko wakanyelayo ebusweni babo bonke, esiti: Andiyazi into oyitetayo. Kanjalo akupumela esangweni, sambona esinye, sati kwabakona: Naye lo ebeno‐Yesu wase‐Nazarete. Waza wabuya wakanyela ngesifungo, esiti: Andimazi umntu lowo. Kwati ke kwakuba mzuzwana, basondela abebemi kona bati ku‐Petrosi: Ngenyaniso nawe ungowakubo; ngokuba nokuteta kwako kukuhlakazela. Wandula waqala ukuqalekisa nokufunga, esiti: Andimazi umntu lowo. Yasuka yalila inkuku kwa oko. Waza u‐Petrosi wakumbula ilizwi lika‐Yesu, abelitshilo kuye ukuti: Ingekalili inkuku, uya kundikanyela katatu. Waselepuma ngapandle, walila ngento ebuṙaṙa.