Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMATEWU 26:55-75

UMATEWU 26:55-75 XHO96

UYesu ke ngelo xesha wathi kwindimbane: “Niphumele ukuza kubamba mna na, ninamakrele neentonga nje, ngokungathi niphumele isihange? Bendinani ndifundisa imihla ngemihla *endlwini kaThixo, naza anandibamba. Kodwa kunje ukuze kuzaliseke okwabhalwayo *ngabashumayeli bamandulo.” Emva koko ke babaleka bonke abafundi bakhe, bamshiya. Abo babembambile uYesu, bamsa kuKayafa, umbingeleli omkhulu, apho babehlanganisene khona abachazi-mthetho namadoda amakhulu. Ke yena uPetros wamlandela uYesu, ebekele kude, wada waya kungena eyadini yomzi wombingeleli omkhulu, wahlala phantsi ndawonye nezicaka, ukuze abone ukuba kuya kuphelela phi na. Ke ababingeleli abaziintloko nalo lonke *iBhunga babefuna ubungqina bobuxoki ngoYesu, ukuze bambulalise, kodwa ababufumananga, nangona babebaninzi ababengqina ubuxoki ngaye. Ekugqibeleni kwavela ababini, bathi: “Lo mntu uthe: ‘Mna ndingayichitha indlu kaThixo, ndibuye ndiyakhe ngeentsuku ezintathu.’ ” Waphakama ke umbingeleli omkhulu, wathi kuYesu: “Akuphenduli nento le na? Yintoni kanye le aba bayingqinayo ngawe?” Kodwa uYesu wahlala wathi tu. Waphinda umbingeleli omkhulu wathi kuye: “Ndikufungisa uThixo ophilayo okokuba usixelele ukuba unguye na *uKrestu, uNyana kaThixo.” Wamphendula uYesu wathi: “Nawe utsho. Ke ndithi kuni, ukususela ngoku niya kumbona uNyana woLuntu ehleli ewongeni kwaSomandla, nimbone esiza ngamafu ezulu. ” Wazikrazula ke izambatho zakhe umbingeleli omkhulu, esithi: “Únyelise uThixo! Sisawafunelani na amangqina? Niyabona, nikuvile ngoku ukunyelisa kwakhe. Nithini nina?” Baphendula bathi: “Úfanele ukufa.” Bamtshicela ebusweni ke, bemxhimfa, baza abanye bembetha, bathi: “Sixelele, Krestu; ngubani lo ukubethileyo?” UPetros ke wayehleli ngaphandle eyadini. Seza kuye esinye sezicakazana, sathi: “Nawe ubunaye uYesu waseGalili.” Kodwa yena wakhanyela phambi kwabo bonke, esithi: “Andazani konke nale nto uyithethayo.” Waphuma ke, esiya ngasesangweni, wabonwa sesinye isicakazana, esathi kwababelapho: “Naye lo wayenaye uYesu waseNazarete.” Waphinda ke wakhanyela uPetros, wathi: “Inene, andimazi loo mntu.” Kwakuba mzuzwana, abo babemi apho baya kuPetros, bathi: “Inene, ungomnye wabo. Nokuthetha oku kwakho kuyakudiza.” Wasuka waziqalekisa efunga esithi: “Andimazi loo mntu!” Kwathi ke kwangoko yakhala inkuku. Walikhumbula ke uPetros ilizwi awayelithethe kuye uYesu, esithi: “Ingekakhali inkuku, woba undikhanyele kathathu.” Waphuma waya phandle, walila kabuhlungu.