Waza uYesu wathetha kwindimbane nakubafundi bakhe, besithi, Ababhali nabaFarisi bahleli esihlalweni sikaMoses; Konke ngoko abasukuba besithi kuni kugcineni, ze nikugcine nikwenze; kodwa ze ningenzi ngokwemisebenzi yabo; kuba bayathetha baze bangenzi. Kuba babopha imithwalo enzima, esindayo, bayibeke emagxeni abantu; kodwa bona abafuni kuzishukumisa nangomnwe lo wabo. Yonke imisebenzi yabo ke bayenza ukuze babonwe ngabantu; bawenza banzi amafilakteriyu abo, bayandise imiqukumbelo yeengubo zabo. Bathanda izihlalo eziphambili esidlweni, nezihlalo eziphambili ezindlwini zesikhungu, nemibuliso ezindaweni zembutho, nokubizwa kwabantu ngokuthi, Rabhi, Rabhi. Ke nina maningabizwa kuthiwe Rabhi, kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu; nina ke nonke ningabazalwana. Ningabizi mntu ngokuba nguyihlo emhlabeni apha; kuba mnye uYihlo wenu, lowo usemazulwini. Kananjalo maningabizwa ngokuba ningabakhokeli; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu. Omkhulu ke kuni makabe ngumlungiseleli wenu. Osukuba ke eziphakamisa uya kuthotywa; nozithobayo uya kuphakanyiswa. Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! Kuba nibuvala ubukumkani bamazulu phambi kwabantu; kuba aningeni nina, nabangenayo anibavumeli ukuba bangene. Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngokuba nizidla izindlu zabahlolokazi, nize ngokunyhwalaza nithandaze uzungu; Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nijikajika ulwandle nomhlaba ukuze nenze abe mnye ongena ebuYudeni; nithi ke, nakuba nibe, nimenze abe ngumntwana wesihogo ngokuphindiweyo kunani. Yeha, nina bakhokelindini baziimfama! Nina nithi, Othe wafunga itempile, akunto oko; ke othe wafunga igolide yetempile, unetyala. Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Yigolide, yitempile eyingcwalisayo igolide, kusini na? Kanjalo nothi, Othe wafunga isibingelelo, akunto; ke othe wafunga umnikelo ophezu kwawo, unetyala. Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Ngumnikelo, sisibingelelo esiwungcwalisayo umnikelo, kusini na? Lowo usifungayo ngoko isibingelelo ufunga sona neento zonke eziphezu kwaso. Nalowo uyifungayo itempile, ufunga yona nomiyo kuyo. Nalowo usifungayo izulu, ufunga itrone kaThixo nohleli phezu kwayo.