Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMATEYU 23:1-22

UMATEYU 23:1-22 XHO75

Waza uYesu wathetha kwisihlwele nakubafundi bakhe, esithi, Ababhali nabaFarisi bahleli esihlalweni sikaMoses. Konke ngoko abasukuba besithi kuni kugcineni, ze nikugcine nikwenze; kodwa ze ningenzi ngokwemisebenzi yabo; kuba bathetha baze bangenzi. Kuba babopha imithwalo enzima, esindayo, bayibeke emagxeni abantu, babe ke bona bengathandi kuyishukumisa nangomnwe lo wabo. Yonke imisebenzi yabo ke bayenza ngokunga bangabonwa ngabantu; bawènze banzi amaqhaga abo ezikhumbuzo, bayàndise imiqukumbelo yeengubo zabo. Kananjalo bathanda izilili zobukhulu ezidlweni, kwanezihlalo zobukhulu ezindlwini zesikhungu, nemibuliso ezindaweni zembutho, nokubizwa ngabantu kuthiwe, Rabhi, Rabhi.• Ke nina maningabizwa kuthiwe Rabhi; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu; nina ke nonke ningabazalwana. Ningabizi mntu ngokuba nguyihlo emhlabeni apha; kuba mnye uYihlo wenu, lowo usemazulwini. Kananjalo maningabizwa ngokuba ningabakhokeli; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu. Omkhulu ke kuni makabe ngumlungiseleli wenu. Osukuba ke eziphakamisa uya kuthotywa; nosukuba ezithoba uya kuphakanyiswa. Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nibuvala ubukumkani bamazulu phambi kwabantu; kuba aningeni nina, nabangénayo anibavumeli ukuba bangene. Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nisidla izindlu zabahlolokazi, nize ngokunyhwalaza nithandaze uzungu; ngenxa yoko niya kwamkela ugwebo olugqithiseleyo. Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nijikajika ulwandle nomhlaba ukuze nenze nokuba mnye ongena ebuYudeni; nithi, xa athe wazuzeka, nimenze abe ngumntwana wesihogo ngokuphindiweyo kunani. Yeha, nina bakhokelindini baziimfama! Nina nithi, Othe wafunga itempile, akunto oko; ke othe wafunga igolide yetempile, unetyala. Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Yigolide, yitempile eyingcwalisayo igolide, kusini na? Kanjalo nina nithi, Othe wafunga isibingelelo, akunto oko; ke othe wafunga umnikelo ophezu kwaso, unetyala. Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Ngumnikelo, sisibingelelo esiwungcwalisayo umnikelo, kusini na? Lowo usifungayo ngoko isibingelelo ufunga sona neento zonke eziphezu kwaso. Nalowo uyifungayo itempile, ufunga yona nomiyo kuyo. Nalowo uwafungayo amazulu, ufunga itrone kaThixo nohleli phezu kwayo.