UMATEYU 23:1-22
UMATEYU 23:1-22 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Waza uYesu wathetha kwisihlwele nakubafundi bakhe, esithi, Ababhali nabaFarisi bahleli esihlalweni sikaMoses. Konke ngoko abasukuba besithi kuni kugcineni, ze nikugcine nikwenze; kodwa ze ningenzi ngokwemisebenzi yabo; kuba bathetha baze bangenzi. Kuba babopha imithwalo enzima, esindayo, bayibeke emagxeni abantu, babe ke bona bengathandi kuyishukumisa nangomnwe lo wabo. Yonke imisebenzi yabo ke bayenza ngokunga bangabonwa ngabantu; bawènze banzi amaqhaga abo ezikhumbuzo, bayàndise imiqukumbelo yeengubo zabo. Kananjalo bathanda izilili zobukhulu ezidlweni, kwanezihlalo zobukhulu ezindlwini zesikhungu, nemibuliso ezindaweni zembutho, nokubizwa ngabantu kuthiwe, Rabhi, Rabhi.• Ke nina maningabizwa kuthiwe Rabhi; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu; nina ke nonke ningabazalwana. Ningabizi mntu ngokuba nguyihlo emhlabeni apha; kuba mnye uYihlo wenu, lowo usemazulwini. Kananjalo maningabizwa ngokuba ningabakhokeli; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu. Omkhulu ke kuni makabe ngumlungiseleli wenu. Osukuba ke eziphakamisa uya kuthotywa; nosukuba ezithoba uya kuphakanyiswa. Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nibuvala ubukumkani bamazulu phambi kwabantu; kuba aningeni nina, nabangénayo anibavumeli ukuba bangene. Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nisidla izindlu zabahlolokazi, nize ngokunyhwalaza nithandaze uzungu; ngenxa yoko niya kwamkela ugwebo olugqithiseleyo. Yeha, nina babhali, baFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nijikajika ulwandle nomhlaba ukuze nenze nokuba mnye ongena ebuYudeni; nithi, xa athe wazuzeka, nimenze abe ngumntwana wesihogo ngokuphindiweyo kunani. Yeha, nina bakhokelindini baziimfama! Nina nithi, Othe wafunga itempile, akunto oko; ke othe wafunga igolide yetempile, unetyala. Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Yigolide, yitempile eyingcwalisayo igolide, kusini na? Kanjalo nina nithi, Othe wafunga isibingelelo, akunto oko; ke othe wafunga umnikelo ophezu kwaso, unetyala. Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Ngumnikelo, sisibingelelo esiwungcwalisayo umnikelo, kusini na? Lowo usifungayo ngoko isibingelelo ufunga sona neento zonke eziphezu kwaso. Nalowo uyifungayo itempile, ufunga yona nomiyo kuyo. Nalowo uwafungayo amazulu, ufunga itrone kaThixo nohleli phezu kwayo.
UMATEYU 23:1-22 IBHAYIBHILE (XHO96)
Waza uYesu wathetha nesihlwele nabafundi bakhe, esithi: “Abachazi-mthetho *nabaFarasi banegunya lokuchaza *umthetho kaMosis. Ke ngoko kuveni nikwenze konke abanokuthi banixelele kona; kodwa ukwenza ze ningenzi ngokwezenzo zabo, kuba bayathetha baze kwabona bangakwenzi oko bakuthethileyo. Kaloku iimfundiso zabo ziyimithwalo enzima, abayibeka emagxeni abantu, kanti bona ngokwabo abafuni ukuyichukumisa nangomnwe lo. Konke okulungileyo abakwenzayo, bakwenzela ukuze babonwe ngabantu. Bawabopha ngemixwayo ebanzi amaqhaga anezicatshulwa zomthetho; bazenze nde iintshinga zezambatho zabo; bathande iindawo zamawonga ezidlweni, nezihlalo eziphambili ezindlwini zesikhungo; bathande ukuba kukhahlelwe kubo emabaleni embutho, bethanda nokuba abantu bathi kubo: ‘Mfundisi!’ Ke kuni ze kungathiwa ‘mfundisi,’ kuba mnye uMfundisi eninaye, nibe nina nonke niyimilowo. Ze ningabizi mntu emhlabeni apha ngokuthi nguyihlo, kuba mnye uYihlo, lowo ke usezulwini. Ngokukwanjalo ze kungàthiwa niziinkokheli, kuba mnye uMkhokeli wenu, *uKrestu ke. Omkhulu kuni makabe sisicaka senu. Lowo uziphakamisayo uya kuthotywa, athi lowo uzithobayo aphakanyiswe.” “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani *baFarasi, mamenemenendini! Niyabathintela abantu ekulawulweni nguThixo, kuba nina ngokwenu anivumi ukulawulwa nguye, nize nibanqande nâbo bafuna ukulawulwa nguye. [ “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Niyayiphanga imizi yabahlolokazi, nize nihanahanise nitsho ngemilembelele yemithandazo. Ngenxa yoko niya kufumana esona sohlwayo sikhulu.] “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Nityhutyha ulwandle nomhlaba ukuze nizuze nokuba mnye ongenayo ebuJudeni; kuthi ke, nakuba nimzuzile, nimenze ofanelwe sisihogo ngokuphindiweyo kunani. “Mawoo, nina zinkokheli ziziimfama, nina enithi: ‘Ofunge *indlu kaThixo, akunto oko; kodwa ofunge igolide yendlu leyo, ubotshiwe sisifungo sakhe.’ Zidengendini zeemfama, kanene yintoni na enkulu? Ngaba yigolide leyo, okanye yindlu eyenza ibaluleke loo golide? Kwakhona nithi: ‘Ofunge iqonga lamadini, akunto oko; kodwa ofunge umnikelo ophezu kweqonga, ubotshiwe sisifungo sakhe.’ Zimfamandini, ngaba yintoni na enkulu? Ngaba ngumnikelo lowo, okanye liqonga lamadini elenza ubaluleke loo mnikelo? Ngoko ke, othe wafunga iqonga lamadini, ufunga lona kwanako konke okuphezu kwalo; nalowo uthe wafunga indlu kaThixo, ufunga yona kwanalowo iyindlu yakhe. Othe wafunga izulu, ufunga ikomkhulu likaThixo, efunga lowo uphetheyo apho.
UMATEYU 23:1-22 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Waza uYesu wathetha kwindimbane nakubafundi bakhe, besithi, Ababhali nabaFarisi bahleli esihlalweni sikaMoses; Konke ngoko abasukuba besithi kuni kugcineni, ze nikugcine nikwenze; kodwa ze ningenzi ngokwemisebenzi yabo; kuba bayathetha baze bangenzi. Kuba babopha imithwalo enzima, esindayo, bayibeke emagxeni abantu; kodwa bona abafuni kuzishukumisa nangomnwe lo wabo. Yonke imisebenzi yabo ke bayenza ukuze babonwe ngabantu; bawenza banzi amafilakteriyu abo, bayandise imiqukumbelo yeengubo zabo. Bathanda izihlalo eziphambili esidlweni, nezihlalo eziphambili ezindlwini zesikhungu, nemibuliso ezindaweni zembutho, nokubizwa kwabantu ngokuthi, Rabhi, Rabhi. Ke nina maningabizwa kuthiwe Rabhi, kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu; nina ke nonke ningabazalwana. Ningabizi mntu ngokuba nguyihlo emhlabeni apha; kuba mnye uYihlo wenu, lowo usemazulwini. Kananjalo maningabizwa ngokuba ningabakhokeli; kuba mnye uMkhokeli wenu, uKristu. Omkhulu ke kuni makabe ngumlungiseleli wenu. Osukuba ke eziphakamisa uya kuthotywa; nozithobayo uya kuphakanyiswa. Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! Kuba nibuvala ubukumkani bamazulu phambi kwabantu; kuba aningeni nina, nabangenayo anibavumeli ukuba bangene. Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! ngokuba nizidla izindlu zabahlolokazi, nize ngokunyhwalaza nithandaze uzungu; Yeha nina, babhali nabaFarisi, bahanahanisindini! Ngokuba nijikajika ulwandle nomhlaba ukuze nenze abe mnye ongena ebuYudeni; nithi ke, nakuba nibe, nimenze abe ngumntwana wesihogo ngokuphindiweyo kunani. Yeha, nina bakhokelindini baziimfama! Nina nithi, Othe wafunga itempile, akunto oko; ke othe wafunga igolide yetempile, unetyala. Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Yigolide, yitempile eyingcwalisayo igolide, kusini na? Kanjalo nothi, Othe wafunga isibingelelo, akunto; ke othe wafunga umnikelo ophezu kwawo, unetyala. Ziyatha, zimfama, kanene yiyiphi na enkulu? Ngumnikelo, sisibingelelo esiwungcwalisayo umnikelo, kusini na? Lowo usifungayo ngoko isibingelelo ufunga sona neento zonke eziphezu kwaso. Nalowo uyifungayo itempile, ufunga yona nomiyo kuyo. Nalowo usifungayo izulu, ufunga itrone kaThixo nohleli phezu kwayo.
UMATEYU 23:1-22 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
WANDULA u‐Yesu wateta kwizihlwele nakubadisipile bake, esiti: Ababa̔li nabafarisi bayahlala esihlalweni sika‐Mosesi: ngako zonke izinto abasukuba benixelela ukuba nizigcine, zigcineni nizenze; kodwa ningenzi ngayo imisebenzi yabo; ngokuba beteta, kanti abenzi. Ngokuba bebopa imitwalo enzima esindayo, bayibeke emagxalabeni abantu; kodwa abavumi nokuyishukumisa ngomnwe wabo. Kanjalo yonke imisebenzi yabo bayayenza ngokunga bangabonelwa ngabantu: bayenza zibanzi izibotshana zabo zokukumbuza, nemiqukumbelo yengubo zabo bayayenza mikulu; bayatanda indawo zobukulu ezidlweni, nezihlalo zapambili ezindlwini zentlanganiso, nezibuliso ezindaweni zentengo, nokubizwa ngabantu ngokutiwa, Rabi, Rabi! Kodwa nina maningabizwa ngokutiwa, Rabi! ngokuba emnye umpati wenu, u‐Kristu; nani ningabazalwana nonke. Kanjalo maningabizi mntu ngokuti unguyihlo emhlabeni apa; ngokuba emnye uyihlo, lowo usezulwini. Maniti kanjako ningabizwa ngokutiwa ningabapati; ngokuba emnye umpati wenu, u‐Kristu. Omkulu pakati kwenu makabe ngumkonzi wenu. Oya kuzipakamisa, uya kutotywa; noya kuzitoba, uya kupakanyiswa. Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba nivalela abantu ubukumkani bezulu: ngokuba ningangeni nina, nabangenayo ningabavumeli ukuba bangene. Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba nisidla izindlu zabahlolokazi, nisenza nemitandazo emide ngokuzenzisa: ngako oku niya kwamkela ukugwetywa okukulu ngakumbi. Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba nijikajikela ulwandle nomhlaba owomileyo, ukuze nenze libe linye ikolwa lobujuda, eniti, lakuba njalo, nilenze umntwana wesihogo somlilo ngento epindiweyo kabini ngapezu kwenu. Kwoba nzima kuni, bakokeli abazimfama! eniti: Osukuba efunga itempile, asi nto yanto; kodwa osukuba efunga igolide yetempile, ufanelwe kukufeza. Nina bazidenge nemfama! ngokuba yiyipina enkulu, yigolide, yitempile eyingcwalisayo igolide, kusinina? Eniti kanjalo: Osukuba efunga isibingelo, asi nto yanto; kodwa osukuba efunga umnikelo opezu kwaso, ufanelwe kukufeza. Nina bazidenge nemfama! ngokuba yiyipina into enkulu, ngumnikelo, sisibingelo esiwungcwalisayo umnikelo, kusinina? Ngako ofungayo isibingelo, uyafunga sona nento zonke ezipezu kwaso: nofungayo itempile, uyafunga yona nalowo umiyo kuyo: nofungayo izulu, uyafunga iterone KATIXO nalowo uhleli pezu kwayo.