WANDULA u‐Yesu wateta kwizihlwele nakubadisipile bake, esiti: Ababa̔li nabafarisi bayahlala esihlalweni sika‐Mosesi: ngako zonke izinto abasukuba benixelela ukuba nizigcine, zigcineni nizenze; kodwa ningenzi ngayo imisebenzi yabo; ngokuba beteta, kanti abenzi. Ngokuba bebopa imitwalo enzima esindayo, bayibeke emagxalabeni abantu; kodwa abavumi nokuyishukumisa ngomnwe wabo. Kanjalo yonke imisebenzi yabo bayayenza ngokunga bangabonelwa ngabantu: bayenza zibanzi izibotshana zabo zokukumbuza, nemiqukumbelo yengubo zabo bayayenza mikulu; bayatanda indawo zobukulu ezidlweni, nezihlalo zapambili ezindlwini zentlanganiso, nezibuliso ezindaweni zentengo, nokubizwa ngabantu ngokutiwa, Rabi, Rabi! Kodwa nina maningabizwa ngokutiwa, Rabi! ngokuba emnye umpati wenu, u‐Kristu; nani ningabazalwana nonke. Kanjalo maningabizi mntu ngokuti unguyihlo emhlabeni apa; ngokuba emnye uyihlo, lowo usezulwini. Maniti kanjako ningabizwa ngokutiwa ningabapati; ngokuba emnye umpati wenu, u‐Kristu. Omkulu pakati kwenu makabe ngumkonzi wenu. Oya kuzipakamisa, uya kutotywa; noya kuzitoba, uya kupakanyiswa.
Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba nivalela abantu ubukumkani bezulu: ngokuba ningangeni nina, nabangenayo ningabavumeli ukuba bangene.
Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba nisidla izindlu zabahlolokazi, nisenza nemitandazo emide ngokuzenzisa: ngako oku niya kwamkela ukugwetywa okukulu ngakumbi.
Kwoba nzima kuni, baba̔li nabafarisi, zihanahanisi! ukuba nijikajikela ulwandle nomhlaba owomileyo, ukuze nenze libe linye ikolwa lobujuda, eniti, lakuba njalo, nilenze umntwana wesihogo somlilo ngento epindiweyo kabini ngapezu kwenu.
Kwoba nzima kuni, bakokeli abazimfama! eniti: Osukuba efunga itempile, asi nto yanto; kodwa osukuba efunga igolide yetempile, ufanelwe kukufeza. Nina bazidenge nemfama! ngokuba yiyipina enkulu, yigolide, yitempile eyingcwalisayo igolide, kusinina? Eniti kanjalo: Osukuba efunga isibingelo, asi nto yanto; kodwa osukuba efunga umnikelo opezu kwaso, ufanelwe kukufeza. Nina bazidenge nemfama! ngokuba yiyipina into enkulu, ngumnikelo, sisibingelo esiwungcwalisayo umnikelo, kusinina? Ngako ofungayo isibingelo, uyafunga sona nento zonke ezipezu kwaso: nofungayo itempile, uyafunga yona nalowo umiyo kuyo: nofungayo izulu, uyafunga iterone KATIXO nalowo uhleli pezu kwayo.