Wabuya waphendula uYesu wathetha kubo ngemizekeliso, wathi, Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu ongukumkani, owenzela unyana wakhe umtshato; Wasusa abakhonzi bakhe ukuba baye kubabiza abamenyiweyo, beze emsithweni, kodwa abavumanga ukuza. Wabuya wesusa abanye abakhonzi, esithi, Yitshoni kwabamenyiweyo ukuthi, Yabonani, isidlo sam sendisilungisile; iinkomo zam neento zam ezityetyisiweyo zixheliwe, konke sekulungile; yizani emsithweni. Abakhathalanga ke bona; basuka bemka, omnye waya kweyakhe intsimi, omnye waya ekurhwebeni kwakhe. Bathi ke abaseleyo bababamba abakhonzi bakhe, babaphatha kakubi, bababulala. Evile ke ukumkani, waqumba, wawukhupha umkhosi wakhe, wabatshabalalisa abo babulali, wawutshisa nomzi wabo. Aze athi kubakhonzi bakhe, Umsitho okunene sewulungile wona, kodwa abamenyiweyo bebengafanelekile. Yiyani ngoko ezindleleni, nithi abo nithe nabafumana, nibabize beze emsithweni. Baphuma abo bakhonzi baya ezindleleni, bahlanganisa bonke ababafumanayo, abakhohlakeleyo kwanabalungileyo; wazala umsitho ngabamenyiweyo. Ke kaloku akungena ukumkani, eza kukhangela abamenyiweyo, wabona apho umntu ongambethe ngubo yamsitho. Athi kuye, Wethu, utheni na ukungena apha, ungenáyo ingubo yomsitho? Wabe engathethi. Wathi ukumkani kubalungiseleli, Mbopheni iinyawo nezandla, nimthabathe, nimkhuphele ebumnyameni bangaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. Kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo. Baza abaFarisi baya benza ibhunga lokuba bamthiyele ekuthetheni kwakhe. Bathumela kuye abafundi babo benamaHerode, besithi, Mfundisi, siyazi ukuba uyinyaniso, uyifundisa indlela kaThixo ngenyaniso; kananjalo akukhathali nangubani, kuba akukhethi buso bamntu. Sixelele ngoko, uthini na wena? Kuvumelekile na ukumnika irhafu uKesare, akuvumelekile, sini na? Eyazi ke uYesu inkohlakalo yabo, wathi, Nindilingelani na, bahanahanisindini? Ndiboniseni iqhosha lerhafu. Bamzisela ke idenariyo. Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo? Bathi kuye, NgokaKesare. Athi kubo, Ngoko ke buyiselani izinto zikaKesare kuKesare; nezinto zikaThixo kuThixo. Bakukuva ke oko, bamangaliswa, bamshiya, bemka.