UMATEYU 22:1-22

UMATEYU 22:1-22 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Waphendula uYesu, wabuya wathetha kubo ngemizekeliso, esithi, Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu ongukumkani, owamenzela umsitho unyana wakhe. Wesusa abakhonzi bakhe ukuba baye kubabiza abamenyiweyo, beze emsithweni; basuka àbavuma ukuza. Wabuya wesusa abanye abakhonzi, esithi, Yitshoni kwabamenyiweyo ukuthi, Yabonani, isidlo sam sendisilungisile; iinkomo zam neento zam ezityetyisiweyo zixheliwe, konke sekulungile; yizani emsithweni. Abakhathalanga ke bona; basuka bemka, omnye waya kweyakhe intsimi, omnye waya ekurhwebeni kwakhe. Bathi ke abaseleyo bababamba abakhonzi bakhe, babaphatha kakubi, bababulala. Evile ke ukumkani, waqumba, wayikhupha imikhosi yakhe, wabatshabalalisa abo babulali, wawutshisa nomzi wabo. Aze athi kubakhonzi bakhe, Umsitho okunene sewulungile wona, kodwa abamenyiweyo bebengafanelekile. Yiyani ngoko ezintlanganweni zeendlela, nithi abo nithe nabafumana, nibabize beze emsithweni. Baphuma abo bakhonzi baya ezindleleni, bahlanganisa bonke ababafumanáyo, abakhohlakeleyo kwanabalungileyo; wazala umsitho ngabamenyiweyo. Ke kaloku akungena ukumkani, eza kukhangela abamenyiweyo, wabona apho umntu ongambethe ngubo yamsitho. Athi kuye, Wethu, utheni na ukungena apha, ungenáyo ingubo yomsitho? Lamkhohla ke. Wathi ukumkani kubalungiseleli, Mbopheni iinyawo nezandla, nimthabathe, nimkhuphele ebumnyameni bangaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. Kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo. Baza abaFarisi baya benza ibhunga lokuba bamthiyele ekuthetheni kwakhe. Bathumela kuye abafundi babo benamaHerode, besithi, Mfundisi, siyazi ukuba uyinyaniso, uyifundisa indlela kaThixo ngenyaniso; kananjalo akukhathali nangubani, kuba akukhethi buso bamntu. Sixelele ngoko, uthini na wena? Kuvumelekile na ukumnika irhafu uKesare,• akuvumelekile, sini na? Ke kaloku, eyazi uYesu inkohlakalo yabo, wathi, Nindilingelani na, bahanahanisindini? Ndiboniseni iqhosha lerhafu. Bamzisela ke idenariyo.• Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo? Bathi kuye, NgokaKesare. Andule ukuthi kubo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare, neento zikaThixo kuThixo. Bakuva bamangaliswa, basuka bamshiya, bemka.

UMATEYU 22:1-22 IBHAYIBHILE (XHO96)

Waphinda uYesu wathetha nabo ngemizekeliso, esithi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nokumkani owamenzela umsitho unyana wakhe. Wazithuma izicaka zakhe ukuba ziye kubabiza abamenyiweyo, beze emsithweni. Kodwa bona abavumanga; waphinda wathuma ezinye izicaka, esithi mazithi kwâbo bamenyiweyo: ‘Niyabona, isidlo sam sendisilungisile. Iinkomo zam nempahla yam etyetyisiweyo sezixheliwe. Konke sekulungile; yizani emsithweni.’ Kodwa nangoko abo bamenyiweyo abayikhathalelanga loo nto, basuka omnye waya emasimini akhe, omnye waya evenkileni yakhe; baza bathi abanye bazibamba izicaka ezi, baziphatha kakubi, bazibulala. Waba nomsindo ke ukumkani, wathuma amajoni akhe, wabatshabalalisa abo babulali, wayitshisa idolophu yabo. Waza wathi kwizicaka zakhe: ‘Okunene umsitho sewulungile, kodwa abamenyiweyo abafanelekanga. Ke ngoko yiyani apho zihlangana khona iindlela, nibamemele emsithweni bonke abantu enibafumanayo.’ Zaphuma ezo zicaka, zaya ezindleleni, zabahlanganisa bonke abo zabafumanáyo, abakhohlakeleyo kwanabalungileyo. Indlu yomsitho yazala yema ngeembambo. “Kwathi, akungena ukumkani, esiya kubona abasemsithweni, wabona kukho umntu ongayambathanga ingubo yomsitho, waza wathi kuye: ‘Mfondini, ungene njani na apha ungenáyo ingubo yomsitho?’ Wakhohlwa kukuphendula. Waza ukumkani wathi kwizicaka: ‘Mbopheni izandla neenyawo, nimphose phandle ebumnyameni lee, apho kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka.’ Kaloku baninzi abamenyiweyo, kodwa bambalwa abanyuliweyo.” Bâya kubhunga ke *abaFarasi, becebisana ngokumbambisa ngamazwi uYesu. Bathumela abafundi babo kuye, *benamaHerode, bathi: “Mfundisi, siyazi ukuba uthembekile, uyifundisa ngenyaniso indlela kaThixo, kuba akucengi bani, ungenamkhethe. Khawutsho ke, ngaba kuvumelekile na ukurhafa *kuKhesare, okanye akuvumelekanga?” Ke uYesu, eyazi inkohlakalo yabo, wathi kubo: “Bahanahanisindini, nindilingelani na? Ndiboniseni imali ekurhafwa ngayo.” Bayizisa ke, waza wathi kubo: “Ngokabani lo mfanekiso neli gama?” Bathi kuye: “NgokaKhesare.” Waza uYesu wathi kubo: “Ke, nikani uKhesare okufanele uKhesare, ninike uThixo okufanele uThixo.” Bakuva bamangaliswa, bamyeka bemka.

UMATEYU 22:1-22 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Wabuya waphendula uYesu wathetha kubo ngemizekeliso, wathi, Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu ongukumkani, owenzela unyana wakhe umtshato; Wasusa abakhonzi bakhe ukuba baye kubabiza abamenyiweyo, beze emsithweni, kodwa abavumanga ukuza. Wabuya wesusa abanye abakhonzi, esithi, Yitshoni kwabamenyiweyo ukuthi, Yabonani, isidlo sam sendisilungisile; iinkomo zam neento zam ezityetyisiweyo zixheliwe, konke sekulungile; yizani emsithweni. Abakhathalanga ke bona; basuka bemka, omnye waya kweyakhe intsimi, omnye waya ekurhwebeni kwakhe. Bathi ke abaseleyo bababamba abakhonzi bakhe, babaphatha kakubi, bababulala. Evile ke ukumkani, waqumba, wawukhupha umkhosi wakhe, wabatshabalalisa abo babulali, wawutshisa nomzi wabo. Aze athi kubakhonzi bakhe, Umsitho okunene sewulungile wona, kodwa abamenyiweyo bebengafanelekile. Yiyani ngoko ezindleleni, nithi abo nithe nabafumana, nibabize beze emsithweni. Baphuma abo bakhonzi baya ezindleleni, bahlanganisa bonke ababafumanayo, abakhohlakeleyo kwanabalungileyo; wazala umsitho ngabamenyiweyo. Ke kaloku akungena ukumkani, eza kukhangela abamenyiweyo, wabona apho umntu ongambethe ngubo yamsitho. Athi kuye, Wethu, utheni na ukungena apha, ungenáyo ingubo yomsitho? Wabe engathethi. Wathi ukumkani kubalungiseleli, Mbopheni iinyawo nezandla, nimthabathe, nimkhuphele ebumnyameni bangaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. Kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo. Baza abaFarisi baya benza ibhunga lokuba bamthiyele ekuthetheni kwakhe. Bathumela kuye abafundi babo benamaHerode, besithi, Mfundisi, siyazi ukuba uyinyaniso, uyifundisa indlela kaThixo ngenyaniso; kananjalo akukhathali nangubani, kuba akukhethi buso bamntu. Sixelele ngoko, uthini na wena? Kuvumelekile na ukumnika irhafu uKesare, akuvumelekile, sini na? Eyazi ke uYesu inkohlakalo yabo, wathi, Nindilingelani na, bahanahanisindini? Ndiboniseni iqhosha lerhafu. Bamzisela ke idenariyo. Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo? Bathi kuye, NgokaKesare. Athi kubo, Ngoko ke buyiselani izinto zikaKesare kuKesare; nezinto zikaThixo kuThixo. Bakukuva ke oko, bamangaliswa, bamshiya, bemka.

UMATEYU 22:1-22 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

WAZA wapendula u‐Yesu wabuya wateta kubo ngemizekeliso, esiti: Ubukumkani bezulu bufanekiswa nokumkani otile owamenzela umtshato unyana wake; waza watuma izicaka zake ukuya kubiza abamenyiweyo beze emtshatweni; abavumanga ukuza ke. Wabuya watuma ezinye izicaka, esiti: Yitshoni kwabamenyiweyo ukuti: Bona ke, isidlo sam ndisilungisile, inkabi zam nenkomo zam ezityetyisiweyo zixe̔liwe, ewe, konke sekulungisiwe; yizani emtshatweni. Kodwa bona bengakatalanga bemka, omnye ukuya entsimini yake, omnye ukuya entengweni yake: bati abaseleyo babamba izicaka zake, bazipata kakubi, bazibulala. Waza ukumkani, akuva oko, waqumba, watuma imikosi yake, watshabalalisa ababulali abo, nesixeko sabo wasitshisa ngomlilo. Wandula wati ezicakeni zake: Umtshato ke seulungisiwe, kodwa abamenyiweyo bebengafanelekile; hambani ngoko niye ekuhlanganeni kwendlela, niti abo nisukuba nibafumana, nibabize beze emtshatweni, zapuma ke izicaka ezo zaya ezindleleni, zabuta bonke ezabafumanayo, nabakohlakeleyo nabalungileyo; yaza indawo yomtshato yazaliswa ngabahleli ekutyeni. Kekaloku akungena ukumkani ukuza kubonela abahleli ekutyeni, wabona apo umntu ongavatanga isivato somtshato; waza wati kuye: Sihlobo! ute nina ukungena apa ungenaso isivato somtshato? Wati cwaka ke. Wandula wati ukumkani ebakonzini bake: Mbopeni izandla nenyawo, nimsuse, nimku̔pele ebumnyameni bangapandle: apo kwobako ukulila, nokuqaqazela kwamazinyo. Ngokuba bebaninzi ababiziweyo, koko bebancinane abaqashiweyo. Bandula abafarisi baya bacebisana ukuba bangati nina ukumtiyela ekuteteni. Baza batuma kuye abadisipile babo kunye nabaherodi, besiti: Mfundisi! siyazi ukuba uyinene, ufundisa indlela KATIXO ngokwenyaniso, ungakatali ngumntu: ngokuba ungabuki ubuso babantu: sixelele ngoko, ukuba uti nina wena? kufanelekile ukunika umnikelo ku‐Kesare, akufanelekile, kusinina? Kodwa u‐Yesu wanakana inkohlakalo yabo, wati: Yinina ukuba nindilinge, Zihanahanisindini? ndiboniseni iqosha lomnikelo. Bamzisela idenari ke. Waza wati kubo: Ngokabanina lomfanekiso nesiba̔lwa? Bati kuye: Ngoka‐Kesare. Wandula wati kubo: Nikelani ngoko izinto zika‐Kesare kuye u‐Kesare, nezinto ZIKATIXO kuye UTIXO. Bati bakuva bati nqa; baza bamshiya bemka.