WAZA wapendula u‐Yesu wabuya wateta kubo ngemizekeliso, esiti: Ubukumkani bezulu bufanekiswa nokumkani otile owamenzela umtshato unyana wake; waza watuma izicaka zake ukuya kubiza abamenyiweyo beze emtshatweni; abavumanga ukuza ke. Wabuya watuma ezinye izicaka, esiti: Yitshoni kwabamenyiweyo ukuti: Bona ke, isidlo sam ndisilungisile, inkabi zam nenkomo zam ezityetyisiweyo zixe̔liwe, ewe, konke sekulungisiwe; yizani emtshatweni. Kodwa bona bengakatalanga bemka, omnye ukuya entsimini yake, omnye ukuya entengweni yake: bati abaseleyo babamba izicaka zake, bazipata kakubi, bazibulala. Waza ukumkani, akuva oko, waqumba, watuma imikosi yake, watshabalalisa ababulali abo, nesixeko sabo wasitshisa ngomlilo. Wandula wati ezicakeni zake: Umtshato ke seulungisiwe, kodwa abamenyiweyo bebengafanelekile; hambani ngoko niye ekuhlanganeni kwendlela, niti abo nisukuba nibafumana, nibabize beze emtshatweni, zapuma ke izicaka ezo zaya ezindleleni, zabuta bonke ezabafumanayo, nabakohlakeleyo nabalungileyo; yaza indawo yomtshato yazaliswa ngabahleli ekutyeni. Kekaloku akungena ukumkani ukuza kubonela abahleli ekutyeni, wabona apo umntu ongavatanga isivato somtshato; waza wati kuye: Sihlobo! ute nina ukungena apa ungenaso isivato somtshato? Wati cwaka ke. Wandula wati ukumkani ebakonzini bake: Mbopeni izandla nenyawo, nimsuse, nimku̔pele ebumnyameni bangapandle: apo kwobako ukulila, nokuqaqazela kwamazinyo. Ngokuba bebaninzi ababiziweyo, koko bebancinane abaqashiweyo.
Bandula abafarisi baya bacebisana ukuba bangati nina ukumtiyela ekuteteni. Baza batuma kuye abadisipile babo kunye nabaherodi, besiti: Mfundisi! siyazi ukuba uyinene, ufundisa indlela KATIXO ngokwenyaniso, ungakatali ngumntu: ngokuba ungabuki ubuso babantu: sixelele ngoko, ukuba uti nina wena? kufanelekile ukunika umnikelo ku‐Kesare, akufanelekile, kusinina? Kodwa u‐Yesu wanakana inkohlakalo yabo, wati: Yinina ukuba nindilinge, Zihanahanisindini? ndiboniseni iqosha lomnikelo. Bamzisela idenari ke. Waza wati kubo: Ngokabanina lomfanekiso nesiba̔lwa? Bati kuye: Ngoka‐Kesare. Wandula wati kubo: Nikelani ngoko izinto zika‐Kesare kuye u‐Kesare, nezinto ZIKATIXO kuye UTIXO. Bati bakuva bati nqa; baza bamshiya bemka.