UMATEYU 22:1-22

UMATEYU 22:1-22 XHO75

Waphendula uYesu, wabuya wathetha kubo ngemizekeliso, esithi, Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu ongukumkani, owamenzela umsitho unyana wakhe. Wesusa abakhonzi bakhe ukuba baye kubabiza abamenyiweyo, beze emsithweni; basuka àbavuma ukuza. Wabuya wesusa abanye abakhonzi, esithi, Yitshoni kwabamenyiweyo ukuthi, Yabonani, isidlo sam sendisilungisile; iinkomo zam neento zam ezityetyisiweyo zixheliwe, konke sekulungile; yizani emsithweni. Abakhathalanga ke bona; basuka bemka, omnye waya kweyakhe intsimi, omnye waya ekurhwebeni kwakhe. Bathi ke abaseleyo bababamba abakhonzi bakhe, babaphatha kakubi, bababulala. Evile ke ukumkani, waqumba, wayikhupha imikhosi yakhe, wabatshabalalisa abo babulali, wawutshisa nomzi wabo. Aze athi kubakhonzi bakhe, Umsitho okunene sewulungile wona, kodwa abamenyiweyo bebengafanelekile. Yiyani ngoko ezintlanganweni zeendlela, nithi abo nithe nabafumana, nibabize beze emsithweni. Baphuma abo bakhonzi baya ezindleleni, bahlanganisa bonke ababafumanáyo, abakhohlakeleyo kwanabalungileyo; wazala umsitho ngabamenyiweyo. Ke kaloku akungena ukumkani, eza kukhangela abamenyiweyo, wabona apho umntu ongambethe ngubo yamsitho. Athi kuye, Wethu, utheni na ukungena apha, ungenáyo ingubo yomsitho? Lamkhohla ke. Wathi ukumkani kubalungiseleli, Mbopheni iinyawo nezandla, nimthabathe, nimkhuphele ebumnyameni bangaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. Kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo. Baza abaFarisi baya benza ibhunga lokuba bamthiyele ekuthetheni kwakhe. Bathumela kuye abafundi babo benamaHerode, besithi, Mfundisi, siyazi ukuba uyinyaniso, uyifundisa indlela kaThixo ngenyaniso; kananjalo akukhathali nangubani, kuba akukhethi buso bamntu. Sixelele ngoko, uthini na wena? Kuvumelekile na ukumnika irhafu uKesare,• akuvumelekile, sini na? Ke kaloku, eyazi uYesu inkohlakalo yabo, wathi, Nindilingelani na, bahanahanisindini? Ndiboniseni iqhosha lerhafu. Bamzisela ke idenariyo.• Athi kubo, Ngokabani na lo mfanekiso nombhalo? Bathi kuye, NgokaKesare. Andule ukuthi kubo, Nikelani kaloku izinto zikaKesare kuKesare, neento zikaThixo kuThixo. Bakuva bamangaliswa, basuka bamshiya, bemka.