Waphinda uYesu wathetha nabo ngemizekeliso, esithi: “Ukulawula kukaThixo kunokufaniswa nokumkani owamenzela umsitho unyana wakhe. Wazithuma izicaka zakhe ukuba ziye kubabiza abamenyiweyo, beze emsithweni. Kodwa bona abavumanga; waphinda wathuma ezinye izicaka, esithi mazithi kwâbo bamenyiweyo: ‘Niyabona, isidlo sam sendisilungisile. Iinkomo zam nempahla yam etyetyisiweyo sezixheliwe. Konke sekulungile; yizani emsithweni.’ Kodwa nangoko abo bamenyiweyo abayikhathalelanga loo nto, basuka omnye waya emasimini akhe, omnye waya evenkileni yakhe; baza bathi abanye bazibamba izicaka ezi, baziphatha kakubi, bazibulala. Waba nomsindo ke ukumkani, wathuma amajoni akhe, wabatshabalalisa abo babulali, wayitshisa idolophu yabo. Waza wathi kwizicaka zakhe: ‘Okunene umsitho sewulungile, kodwa abamenyiweyo abafanelekanga. Ke ngoko yiyani apho zihlangana khona iindlela, nibamemele emsithweni bonke abantu enibafumanayo.’ Zaphuma ezo zicaka, zaya ezindleleni, zabahlanganisa bonke abo zabafumanáyo, abakhohlakeleyo kwanabalungileyo. Indlu yomsitho yazala yema ngeembambo.
“Kwathi, akungena ukumkani, esiya kubona abasemsithweni, wabona kukho umntu ongayambathanga ingubo yomsitho, waza wathi kuye: ‘Mfondini, ungene njani na apha ungenáyo ingubo yomsitho?’ Wakhohlwa kukuphendula. Waza ukumkani wathi kwizicaka: ‘Mbopheni izandla neenyawo, nimphose phandle ebumnyameni lee, apho kuya kubakho ukulila nokungcungcutheka.’ Kaloku baninzi abamenyiweyo, kodwa bambalwa abanyuliweyo.”
Bâya kubhunga ke *abaFarasi, becebisana ngokumbambisa ngamazwi uYesu. Bathumela abafundi babo kuye, *benamaHerode, bathi: “Mfundisi, siyazi ukuba uthembekile, uyifundisa ngenyaniso indlela kaThixo, kuba akucengi bani, ungenamkhethe. Khawutsho ke, ngaba kuvumelekile na ukurhafa *kuKhesare, okanye akuvumelekanga?”
Ke uYesu, eyazi inkohlakalo yabo, wathi kubo: “Bahanahanisindini, nindilingelani na? Ndiboniseni imali ekurhafwa ngayo.”
Bayizisa ke, waza wathi kubo: “Ngokabani lo mfanekiso neli gama?”
Bathi kuye: “NgokaKhesare.”
Waza uYesu wathi kubo: “Ke, nikani uKhesare okufanele uKhesare, ninike uThixo okufanele uThixo.”
Bakuva bamangaliswa, bamyeka bemka.