Kuthe akungena etempileni, xa afundisayo, beza kuye ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu, besithi, Ezi zinto uzenza ngagunya lini na? ngubani na ke okunike eli gunya? Waphendula ke uYesu wathi kubo, Nam ndiya kubuza kuni zwi-nye; endothi, ukuba nithe nandixelela lona, ndinixelele nam ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto. Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma phi na? ezulwini, nokuba ngabantu? Bacamanga ke bona bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaphuma emazulwini; wothi kuthi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye? Ukuba ke sithe, Lwaphuma ebantwini; siyaboyika abantu; kuba bonke bebambe ukuthi uYohane ungumprofeti. Baphendula bathi kuYesu, Asazi. Wathi ke kubo, Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto. Nithini na ke? Umntu othile ube enoonyana ababini; weza kowokuqala, wathi, Mntwana wam, hamba uye kusebenza namhla esidiliyeni sam. Waphendula wathi, Andiyi; waguquka kamva, wemka. Weza nakowesibini, wathetha kwangokunjalo. Waphendula ke yena wathi, Ndiyaya, nkosi; Nguwuphi na kwabo bobabini owenza ukuthanda kukayise? Bathi kuye, Owokuqala. Athi kubo uYesu, Inene ndithi kuni, Bayaniphangela ke ukungena ebukumkanini bukaThixo ababuthi berhafu namahenyukazi. Ngokuba uYohane weza kuni ngendlela yobulungisa, anakholwa nguye; kodwa bakholwa nguye bona ababuthi berhafu namahenyukazi; ke nina, nakukubona oko, anibuyanga nizohlwaye, ukuze nikholwe nguye. Yivani omnye umzekeliso: Bekukho umninindlu othile, owatyala isidiliya, wasibiyela, wemba kuso isixovulelo seediliya, wakha inyango, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye. Lithe ke lakusondela ixesha leziqhamo, wathuma abakhonzi bakhe kubalimi abo, ukuya kwamkela iziqhamo zaso. Besuka abalimi babathabatha abakhonzi bakhe, bathi omnye bamtyabula, omnye bambulala, nomnye bamgibisela ngamatye. Wabuya ke wathuma abanye abakhonzi, bebaninzi kunabokuqala, benjenjalo nakubo. Uthe ke kamva wathuma kubo unyana wakhe, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam. Bathe ke bakumbona unyana abalimi, batshono ukuthi, Lo yindlalifa; yizani siyibulale, silihluthe ilifa layo. Bamthabatha, bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya, bambulala. Xa athe wafika ngoko umninisidiliya, uya kwenza ntoni na kwabo balimi? Bathi kuye, Uya kubatshabalalisa kakubi abo bangendawo, aze isidiliya eso aqeshise ngaso kubalimi bambi, abomamkelisa iziqhamo ngamaxesha azo. Athi kubo uYesu, Anizanga nikulese na ezibhalweni ukuthi, Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo; yenziwe yiNkosi le; Kungoko ndithi kuni, Ubukumkani bukaThixo buya kususwa kuni, bunikwe uhlanga oluzivelisayo iziqhamo zabo. Kanjalo lowo uwe phezu kweli litye uya kutyumka, ke lowo lithe lamwela liya kumcola. Bathi ababingeleli abakhulu nabaFarisi, bakuyiva imizekeliso yakhe, baqonda ukuba uthetha ngabo. Baza befuna ukumbamba, basuka boyika abantu, kuba babesithi ungumprofeti.