uMateyu uMateyu 21
uMateyu 21
1Ke kaloku, bakusondela eYerusalem, befikile eBhetefage, eNtabeni yemiNquma, uYesu wesusa abafundi bababini, wathi, 2Athi kubo, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani, nofumana kwaoko iesile libotshelelwe, linethole; likhululeni nilizise kum. 3Ukuba kukho othe wathetha into kuni, nothi, Ayafuneka eNkosini; wothi kwaoko azithumele. 4Konke oku kwenzeke, ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngomprofeti, esithi, 5Yithini kwintombi uZiyon, Yabona, uKumkani wakho uza kuwe, Elulamile, ekhwele e-esileni, nethole le-esile. 6Bahamba ke abafundi, benza njengoko uYesu wayebayalele ngako, 7balizisa iesile nethole, babeka iingubo zabo phezu kwazo, bamhlalisa phezu kwazo. 8Yathi ke inkoliso yezihlwele yazandlala iingubo zayo endleleni; abanye bagawula amasebe emithini, bawandlala endleleni. 9Zaye ke izihlwele, ebezihamba ngaphambili, nebezilandela, zidanduluka, zisithi, Hosana kuye unyana kaDavide! Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi; Hosana enyangweni. 10Akungena eYerusalem, wonke umzi wazamazama, usithi, Ngubani na lo? 11Zathi ke indimbane, Lo nguYesu, umprofeti ongowaseNazarete yelaseGalili. 12Waza uYesu wangena etempileni kaThixo, wabakhupha bonke ababethengisa nababethenga etempileni, wazibhukuqa iitafile zabatshintshi bemali, nezihlalo zabathengisa ngamahobe. 13Wathi kubo, Kubhaliwe kwathiwa, Indlu yam iya kubizwa ngokuba yindlu yokuthandaza; Ke nina niyenze umqolomba wezihange. 14Kweza kuye iimfama neziqhwala, etempileni apho, waziphilisa, wabaphilisa. 15Bathe ke ababingeleli abakhulu nababhali, bakuyibona imimangaliso awayenzayo, kwanabantwana bedanduluka etempileni, besithi, Hosana kuye uNyana kaDavide: bacaphuka kakhulu, 16bathi kuye, Uyayiva na into abayithethayo aba? Athi kubo uYesu, Ewe; anizanga nikulese na ukuthi, Emlonyeni weentsana nabanyayo ulungiselele indumiso? 17Wabashiya, waphuma ngaphandle komzi, waya eBhetani; walala khona. 18Uthe ke kwakusa, xa abuyela kuwo umzi, walamba. 19Wathi, ebone mkhiwane uthile ngasendleleni, waya kuwo, akafumana nto kuwo, yangamagqabi odwa; wathi kuwo, Makungaze kuvele siqhamo kuwe naphakade. Wabuna kwangoko umkhiwane lowo. 20Bakukubona oko abafundi bakhe, bamangaliswa, besithi, Utheni na ukubuna kwangoko umkhiwane? 21Waphendula uYesu wathi kubo, Inene, ndithi kuni, Ukuba nithe nanokholo, anathandabuza, anisayi kwenza le nto yomkhiwane yodwa; nothi kule ntaba, Thabatheka; uphoseke elwandle; iya kwenziwa. 22Neento zonke enithe nazicela ekuthandazeni nikholwa, nozamkela. 23Kuthe akungena etempileni, xa afundisayo, beza kuye ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu, besithi, Ezi zinto uzenza ngagunya lini na? ngubani na ke okunike eli gunya? 24Waphendula ke uYesu wathi kubo, Nam ndiya kubuza kuni zwi-nye; endothi, ukuba nithe nandixelela lona, ndinixelele nam ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto. 25Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma phi na? ezulwini, nokuba ngabantu? Bacamanga ke bona bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaphuma emazulwini; wothi kuthi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye? 26Ukuba ke sithe, Lwaphuma ebantwini; siyaboyika abantu; kuba bonke bebambe ukuthi uYohane ungumprofeti. 27Baphendula bathi kuYesu, Asazi. Wathi ke kubo, Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto. 28Nithini na ke? Umntu othile ube enoonyana ababini; weza kowokuqala, wathi, Mntwana wam, hamba uye kusebenza namhla esidiliyeni sam. 29Waphendula wathi, Andiyi; waguquka kamva, wemka. 30Weza nakowesibini, wathetha kwangokunjalo. Waphendula ke yena wathi, Ndiyaya, nkosi; 31Nguwuphi na kwabo bobabini owenza ukuthanda kukayise? Bathi kuye, Owokuqala. Athi kubo uYesu, Inene ndithi kuni, Bayaniphangela ke ukungena ebukumkanini bukaThixo ababuthi berhafu namahenyukazi. 32Ngokuba uYohane weza kuni ngendlela yobulungisa, anakholwa nguye; kodwa bakholwa nguye bona ababuthi berhafu namahenyukazi; ke nina, nakukubona oko, anibuyanga nizohlwaye, ukuze nikholwe nguye. 33Yivani omnye umzekeliso: Bekukho umninindlu othile, owatyala isidiliya, wasibiyela, wemba kuso isixovulelo seediliya, wakha inyango, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye. 34Lithe ke lakusondela ixesha leziqhamo, wathuma abakhonzi bakhe kubalimi abo, ukuya kwamkela iziqhamo zaso. 35Besuka abalimi babathabatha abakhonzi bakhe, bathi omnye bamtyabula, omnye bambulala, nomnye bamgibisela ngamatye. 36Wabuya ke wathuma abanye abakhonzi, bebaninzi kunabokuqala, benjenjalo nakubo. 37Uthe ke kamva wathuma kubo unyana wakhe, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam. 38Bathe ke bakumbona unyana abalimi, batshono ukuthi, Lo yindlalifa; yizani siyibulale, silihluthe ilifa layo. 39Bamthabatha, bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya, bambulala. 40Xa athe wafika ngoko umninisidiliya, uya kwenza ntoni na kwabo balimi? 41Bathi kuye, Uya kubatshabalalisa kakubi abo bangendawo, aze isidiliya eso aqeshise ngaso kubalimi bambi, abomamkelisa iziqhamo ngamaxesha azo. 42Athi kubo uYesu, Anizanga nikulese na ezibhalweni ukuthi, Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo; yenziwe yiNkosi le; 43Kungoko ndithi kuni, Ubukumkani bukaThixo buya kususwa kuni, bunikwe uhlanga oluzivelisayo iziqhamo zabo. 44Kanjalo lowo uwe phezu kweli litye uya kutyumka, ke lowo lithe lamwela liya kumcola. 45Bathi ababingeleli abakhulu nabaFarisi, bakuyiva imizekeliso yakhe, baqonda ukuba uthetha ngabo. 46Baza befuna ukumbamba, basuka boyika abantu, kuba babesithi ungumprofeti.
Currently Selected:
uMateyu uMateyu 21: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.