UMATEYU 21:23-46
UMATEYU 21:23-46 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kuthe akungena etempileni, xa afundisayo, beza kuye ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu, besithi, Ezi zinto ùzenza ngagunya lini na? Kananjalo ngubani na okunike eli gunya? Waphendula ke uYesu wathi kubo, Nam ndiya kubuza kuni zwi-nye; endothi, ukuba nithe nandixelela lona, ndinixelele nam ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto: Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma phi na, emazulwini, ebantwini, sini na? Bacamanga ke bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaphuma emazulwini, wothi kuthi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye? Ukuba ke sithe, Lwaphuma ebantwini, soyika abantu; kuba bonke bebambe ukuthi uYohane ungumprofeti. Bamphendula uYesu bathi, Asazi. Wathi naye kubo, Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto. Nithini na ke nina? Umntu wayenabantwana ababini; weza kowokuqala wathi, Mntwana wam, yiya kusebenza namhla esidiliyeni sam. Waphendula ke yena wathi, Andiyi; ke wabuya wazohlwaya, waya. Weza nakowesibini, wathetha kwangokunjalo. Waphendula ke yena wathi, Ndiyaya, nkosi; akaya. Nguwuphi na kwabo bobabini owenza ukuthanda kukayise? Bathi kuye, Ngowokuqala. Athi kubo uYesu, Inene ndithi kuni, Bayaniphangela ke ukungena ebukumkanini bukaThixo ababuthi berhafu namahenyukazi. Ngokuba uYohane weza kuni ngendlela yobulungisa, anakholwa nguye; kodwa bákholwa nguye bona ababuthi berhafu namahenyukazi; ke nina, nakukubona oko, anibuyanga nizohlwaye, ukuze nikholwe nguye. Yivani omnye umzekeliso. Bekukho umninindlu othile owatyala isidiliya, wasibiyela ngothango, wemba kuso isixovulelo seediliya, wakha inyango, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye. Kuthe ke lakusondela ixesha leziqhamo, wathuma abakhonzi bakhe kubalimi abo, ukuya kwamkela iziqhamo zaso. Besuka abalimi babathabatha abakhonzi bakhe, bathi omnye bamtyabula, omnye bambulala, nomnye bamgibisela ngamatye. Wabuya wathuma abanye abakhonzi, bebaninzi kunabokuqala, benjenjalo nakubo. Uthe ke kamva wathuma kubo unyana wakhe, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam. Bathe ke bakumbona unyana abalimi, batshono ukuthi, Lo yindlalifa; yizani simbulale, sihlale nelifa lakhe. Bamthabatha, bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya, bambulala. Xa athe weza ngoko umninisidiliya, uya kwenza ntoni na kwabo balimi? Bathi kuye, uya kubatshabalalisa kakubi abangendawo abo, aze isidiliya eso aqeshise ngaso kubalimi bambi, abomamkelisa iziqhamo ngamaxesha azo. Athi kubo uYesu, Anizanga nilese na ezibhalweni ukuthi, Ilitye abalicekisáyo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo; Kwavela eNkosini oku, Kungummangaliso emehlweni ethu? (INdum. 118:22) Ngenxa yoko ndithi kuni, Ubukumkani bukaThixo buya kususwa kuni, bunikwe uhlanga oluzivelisayo iziqhamo zabo. Kanjalo lowo uwe phezu kweli litye uya kutyumka, ke lowo lithe lamwela liya kumcola. Bathi ababingeleli abakhulu nabaFarisi, bakuyiva imizekeliso yakhe, baqonda ukuba uthetha ngabo. Bathi befuna ukumbamba, boyika abantu, ekubeni ke babebambe ukuthi ungumprofeti.
UMATEYU 21:23-46 IBHAYIBHILE (XHO96)
UYesu wangena endlwini kaThixo wafundisa. Beza kuye ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu, bathi: “Ezi zinto uzenza ngagunya lini? Ngubani okunike eli gunya?” UYesu wabaphendula esithi: “Nam ndiya kunibuza umbuzo ube mnye. Ukuba nithe nandiphendula, ndonixelela ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto. Ngaba igunya likaYohane lokubhaptiza laliphuma ezulwini, okanye laliphuma ebantwini?” Baxoxa ke bodwa, besithi: “Ukuba sithe: ‘Laliphuma ezulwini,’ wothi: ‘Bekungani na phofu ukuba ningàkholwa kuye?’ Kodwa ukuba sithe: ‘Laphuma ebantwini,’ soyika isihlwele kuba bonke bathi uYohane *ungumshumayeli.” Baphendula bathi kuYesu: “Asazi.” Waza yena wathi kubo: “Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.” “Kwakukho umntu enoonyana ababini. Wathi kowokuqala: ‘Mntanam, yiya kusebenza esidiliyeni namhlanje.’ Wasuka waphendula wathi: ‘Andicingi.’ Kodwa kamva wazohlwaya, waya. UYise lowo wathetha kwaloo nto nakomnye unyana, waza yena wathi: ‘Ewe, tata.’ Kodwa àkaya. Khanitsho, nguwuphi kwaba bantwana oyenzileyo intando kayise?” Baza bathi: “Ngowokuqala.” Ke uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, abaqokeleli-rhafu namahenyukazi baxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo ningekabuva nina. Kaloku uYohane weza kuni ekweyona ndlela iyiyo, naza nina ànamamkela. Ke bona abaqokeleli-rhafu namahenyukazi bâmamkela. Naxa nakubonáyo oko, anizange nide nizohlwaye, nimamkele. ” “Nangu omnye umzekeliso. Kwakukho umninimzi owatyala isidiliya, wasibiyela, wemba isixovulelo seediliya, wakha imboniselo, wasiqeshisa kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe. Lakufika ixesha lokuvuthwa kweziqhamo, wathumela izicaka zakhe kwabo balimi, ukuze amkele esakhe isabelo eziqhameni zesidiliya eso. Basuka bona abalimi basibetha esinye isicaka, esinye basibulala, esinye basigibisela ngamatye. Wabuya ke wathuma ezinye izicaka, zizininzi kunezokuqala, baza benza kwaloo nto nakuzo. Emva koko wathumela unyana wakhe kubo, esithi: ‘Noko bomhlonela yena unyana wam.’ Kodwa abalimi, bakumbona unyana, bathethana bodwa, besithi: ‘Yindlalifa le. Yizani siyibulale, ilifa libe lelethu.’ Bambamba, bamphosa ngaphandle kwesidiliya, bambulala. “Akufika ke umnini-sidiliya, uya kubathini abo balimi?” Baza bathi kuye: “Uya kubatshabalalisa kakubi abo bantu bakhohlakeleyo, isidiliya eso asiqeshise kwabanye abalimi, abaya kumnika isabelo sakhe seziqhamo ngexesha lokuvuthwa kwazo.” UYesu wathi kubo: “Aniyifundanga na *eziBhalweni le ndawo ithi: “ ‘Ilitye abalidelayo abakhi lilo elaba lelona libalulekileyo lesiseko. Oku kwênzeka kuvela eNkosini; kungummangaliso emehlweni ethu.’ “Ke ngoko, ndithi kuni, ukulawulwa nguThixo kuya kuniphosa, kufunyanwe luhlanga oluzivelisayo iziqhamo zolawulo lukaThixo. [ Bonke abathe bawa phezu kweli litye botyumka; ke bona elithe labawela bocoleka.]” Bakuyiva imizekeliso kaYesu, ababingeleli abaziintloko *nabaFarasi baqonda okokuba uthetha ngabo, baza bafuna ukumbamba, kodwa babesoyika isihlwele esasisithi uYesu *ungumshumayeli.
UMATEYU 21:23-46 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kuthe akungena etempileni, xa afundisayo, beza kuye ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu, besithi, Ezi zinto uzenza ngagunya lini na? ngubani na ke okunike eli gunya? Waphendula ke uYesu wathi kubo, Nam ndiya kubuza kuni zwi-nye; endothi, ukuba nithe nandixelela lona, ndinixelele nam ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto. Ubhaptizo lukaYohane lwaluphuma phi na? ezulwini, nokuba ngabantu? Bacamanga ke bona bodwa, besithi, Ukuba sithe, Lwaphuma emazulwini; wothi kuthi, Ibiyini na phofu ukuba ningakholwa nguye? Ukuba ke sithe, Lwaphuma ebantwini; siyaboyika abantu; kuba bonke bebambe ukuthi uYohane ungumprofeti. Baphendula bathi kuYesu, Asazi. Wathi ke kubo, Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto. Nithini na ke? Umntu othile ube enoonyana ababini; weza kowokuqala, wathi, Mntwana wam, hamba uye kusebenza namhla esidiliyeni sam. Waphendula wathi, Andiyi; waguquka kamva, wemka. Weza nakowesibini, wathetha kwangokunjalo. Waphendula ke yena wathi, Ndiyaya, nkosi; Nguwuphi na kwabo bobabini owenza ukuthanda kukayise? Bathi kuye, Owokuqala. Athi kubo uYesu, Inene ndithi kuni, Bayaniphangela ke ukungena ebukumkanini bukaThixo ababuthi berhafu namahenyukazi. Ngokuba uYohane weza kuni ngendlela yobulungisa, anakholwa nguye; kodwa bakholwa nguye bona ababuthi berhafu namahenyukazi; ke nina, nakukubona oko, anibuyanga nizohlwaye, ukuze nikholwe nguye. Yivani omnye umzekeliso: Bekukho umninindlu othile, owatyala isidiliya, wasibiyela, wemba kuso isixovulelo seediliya, wakha inyango, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye. Lithe ke lakusondela ixesha leziqhamo, wathuma abakhonzi bakhe kubalimi abo, ukuya kwamkela iziqhamo zaso. Besuka abalimi babathabatha abakhonzi bakhe, bathi omnye bamtyabula, omnye bambulala, nomnye bamgibisela ngamatye. Wabuya ke wathuma abanye abakhonzi, bebaninzi kunabokuqala, benjenjalo nakubo. Uthe ke kamva wathuma kubo unyana wakhe, esithi, Baya kumhlonela yena unyana wam. Bathe ke bakumbona unyana abalimi, batshono ukuthi, Lo yindlalifa; yizani siyibulale, silihluthe ilifa layo. Bamthabatha, bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya, bambulala. Xa athe wafika ngoko umninisidiliya, uya kwenza ntoni na kwabo balimi? Bathi kuye, Uya kubatshabalalisa kakubi abo bangendawo, aze isidiliya eso aqeshise ngaso kubalimi bambi, abomamkelisa iziqhamo ngamaxesha azo. Athi kubo uYesu, Anizanga nikulese na ezibhalweni ukuthi, Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo; yenziwe yiNkosi le; Kungoko ndithi kuni, Ubukumkani bukaThixo buya kususwa kuni, bunikwe uhlanga oluzivelisayo iziqhamo zabo. Kanjalo lowo uwe phezu kweli litye uya kutyumka, ke lowo lithe lamwela liya kumcola. Bathi ababingeleli abakhulu nabaFarisi, bakuyiva imizekeliso yakhe, baqonda ukuba uthetha ngabo. Baza befuna ukumbamba, basuka boyika abantu, kuba babesithi ungumprofeti.
UMATEYU 21:23-46 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku akungena etempileni, kweza kuye, xa afundisayo, abaperisite abakulu nabadala babantu, besiti: Uzenza ezizinto ngegunya lanina? kanjalo ngubanina owanika eligunya kuwe? Koko wapendula u‐Yesu wati kubo: Nam ndobuza kuni indawo ibe nye, endiya kuti, nxa nindixelele yona, ndandul’ ukunixelela nam kungelanina igunya endizenza ezizinto: Ubapitizesho luka‐Johane beluvela pina? ezulwini, ebantwini, kusinina? Baza babuzana bodwa, besiti: Ukuba siti: Ezulwini; woti kuti: Kunganina pofu ukuba anikolwanga nguye? Kodwa ukuba siti: Ebantwini; siyoyika isihlwele; ngokuba bonke bebala u‐Johane ukuba ngumprofite. Baza bapendula ku‐Yesu bati: Asazi. Wati kubo naye: Nam andixeleli nina kungelanina igunya endizenza ezizinto. Kodwa niti nina ke? Umntu otile wabenonyana ababini; weza kowokuqala, wati: Nyana! yiya usebenze namhla esitiyeni sam. Koko wapendula wati: Andivumi: kodwa kamva waguquka, waya. Weza nakowesibini, watsho ngokunjalo. Waza wapendula wati: Nanku ndisiya, nkosi! kanti akaya. Nguwupina kwabo babini owenza intando kayise? Bati kuye: Ngowokuqala. Wati kubo u‐Yesu: Ngokwenene nditi kuni: Ababuti beminikelo nabapinyiswa bayanipangela ukungena ebukumkanini BUKATIXO. Ngokuba u‐Johane weza kuni endleleni yobulungisa, kanti anakolwa nguye: kodwa ababuti beminikelo nabapinyiswa bakolwa nguye: nati ke nina nakubona oko, anaguquka kamva, nize nikolwe nguye. Omnye umzekeliso wuveni. Bekuko umninindlu otile, owatyala isitiya, wasibiyela ngotango, wembela kuso isincinezelo seveyine, waka inqaba, wasiqeshisela kubalimi, waza wahambela kwelinye ilizwe. Kwati kwakuba kufupi ixesha leziqa̔mo, watuma izicaka zake kubalimi, ukuya kwamkela iziqa̔mo zake. Baza abalimi batabata izicaka zake, bati ke esinye basityabula, nesinye basibulala, nesinye basigibisela ngamatye. Wabuya watuma ezinye izicaka, zizininzi kwezokuqala: benza nakuzo ngokunjalo. Wada wati kamva watuma kubo unyana wake, esiti: Baya kumhlonela unyana wam. Kodwa abalimi, bakubona unyana, batsho pakati kwabo ukuti: Lo uyindlalifa; yizani, masimbulale, size sibambe ilifa lake. Baza bamtabata, bamku̔pela ngapandle kwesitiya, bambulala. Ngako xeshekweni afikileyo umninisitiya, uya kwenza nto nina kubalimi abo? Bati kuye: Abobantu bakohlakeleyo wobatshabalalisa kakubi; nesitiya eso wosiqeshisela kwabanye abalimi, abaya kumamkelisa iziqa̔mo ngamaxesha azo. Wati kubo u‐Yesu: Anizanga nileseshe eziba̔lweni na ukuti: Ilitye babelilahlile abaki, elona laba yintloko yegumbi; bekukukwenza KUKAYEHOVA oku, kungummangaliso ke emehlweni etu? Ngako oko nditi kuni: Ubukumkani BUKATIXO buya kususwa kuni, bupiwe uhlanga oluvelisa iziqa̔mo zabo. Nowayo pezu kwelilitye, uya kutyunyuzwa; kodwa lowo liwa pezu kwake, liya kumti viti. Baza abaperisite abakulu nabafarisi, bakuba bevile imizekeliso yake, banakana ukuba uteta ngabo. Bati bakufuna ukumbamba, bazoyika izihlwele, ngokokuba zibe zimbala ukuba ngumprofite.