UYesu wangena endlwini kaThixo wafundisa. Beza kuye ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu, bathi: “Ezi zinto uzenza ngagunya lini? Ngubani okunike eli gunya?”
UYesu wabaphendula esithi: “Nam ndiya kunibuza umbuzo ube mnye. Ukuba nithe nandiphendula, ndonixelela ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto. Ngaba igunya likaYohane lokubhaptiza laliphuma ezulwini, okanye laliphuma ebantwini?”
Baxoxa ke bodwa, besithi: “Ukuba sithe: ‘Laliphuma ezulwini,’ wothi: ‘Bekungani na phofu ukuba ningàkholwa kuye?’ Kodwa ukuba sithe: ‘Laphuma ebantwini,’ soyika isihlwele kuba bonke bathi uYohane *ungumshumayeli.” Baphendula bathi kuYesu: “Asazi.”
Waza yena wathi kubo: “Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.”
“Kwakukho umntu enoonyana ababini. Wathi kowokuqala: ‘Mntanam, yiya kusebenza esidiliyeni namhlanje.’ Wasuka waphendula wathi: ‘Andicingi.’ Kodwa kamva wazohlwaya, waya. UYise lowo wathetha kwaloo nto nakomnye unyana, waza yena wathi: ‘Ewe, tata.’ Kodwa àkaya. Khanitsho, nguwuphi kwaba bantwana oyenzileyo intando kayise?”
Baza bathi: “Ngowokuqala.”
Ke uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, abaqokeleli-rhafu namahenyukazi baxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo ningekabuva nina. Kaloku uYohane weza kuni ekweyona ndlela iyiyo, naza nina ànamamkela. Ke bona abaqokeleli-rhafu namahenyukazi bâmamkela. Naxa nakubonáyo oko, anizange nide nizohlwaye, nimamkele. ”
“Nangu omnye umzekeliso. Kwakukho umninimzi owatyala isidiliya, wasibiyela, wemba isixovulelo seediliya, wakha imboniselo, wasiqeshisa kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe. Lakufika ixesha lokuvuthwa kweziqhamo, wathumela izicaka zakhe kwabo balimi, ukuze amkele esakhe isabelo eziqhameni zesidiliya eso. Basuka bona abalimi basibetha esinye isicaka, esinye basibulala, esinye basigibisela ngamatye. Wabuya ke wathuma ezinye izicaka, zizininzi kunezokuqala, baza benza kwaloo nto nakuzo. Emva koko wathumela unyana wakhe kubo, esithi: ‘Noko bomhlonela yena unyana wam.’ Kodwa abalimi, bakumbona unyana, bathethana bodwa, besithi: ‘Yindlalifa le. Yizani siyibulale, ilifa libe lelethu.’ Bambamba, bamphosa ngaphandle kwesidiliya, bambulala.
“Akufika ke umnini-sidiliya, uya kubathini abo balimi?”
Baza bathi kuye: “Uya kubatshabalalisa kakubi abo bantu bakhohlakeleyo, isidiliya eso asiqeshise kwabanye abalimi, abaya kumnika isabelo sakhe seziqhamo ngexesha lokuvuthwa kwazo.”
UYesu wathi kubo: “Aniyifundanga na *eziBhalweni le ndawo ithi:
“ ‘Ilitye abalidelayo abakhi
lilo elaba lelona libalulekileyo lesiseko.
Oku kwênzeka kuvela eNkosini;
kungummangaliso emehlweni ethu.’
“Ke ngoko, ndithi kuni, ukulawulwa nguThixo kuya kuniphosa, kufunyanwe luhlanga oluzivelisayo iziqhamo zolawulo lukaThixo. [ Bonke abathe bawa phezu kweli litye botyumka; ke bona elithe labawela bocoleka.]”
Bakuyiva imizekeliso kaYesu, ababingeleli abaziintloko *nabaFarasi baqonda okokuba uthetha ngabo, baza bafuna ukumbamba, kodwa babesoyika isihlwele esasisithi uYesu *ungumshumayeli.