Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uMateyu 15:32-39

uMateyu 15:32-39 CXB24

Ebabizele ke kuye uYesu abafundi bakhe, wathi, Ndisikwa yimfesane ngenxa yezihlwele, ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo; Bathi ke kuye abafundi bakhe, Sozizuza phi na entlango apho izonka ezingaka, zokuhluthisa isihlwele esingaka? Athi kubo uYesu, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe, neentlanzi ezimbalwa. Wathi kwizihlwele mazihlale phantsi emhlabeni. Wazithabatha ke izonka zosixhenxe neentlanzi, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, abafundi ke banika izihlwele. Badla bahlutha bonke, kwaza kwaqokelelwa iingobozi ezisixhenxe zizele yintsalela. Ke kaloku abo babesidla babengamawaka amane amadoda, ngaphandle kwabafazi nabantwana. Esindulule ke isihlwele, wangena emkhombeni, weza emacaleni aseMagadala.