UMATEYU 15:32-39
UMATEYU 15:32-39 IBHAYIBHILE (XHO96)
UYesu, ebabizele kuye abafundi bakhe, wathi: “Ndiyasivela esi sihlwele saba bantu bangakanana, kuba sekuziintsuku ezintathu bekunye nam, yaye ke àbasenanto ityiwayo. Andifuni ukubandulula bengatyanga, hleze baphelelwe endleleni.” Baza bathi kuye abafundi: “Zingafumaneka phi na entlango apha izonka ezinokubanela abantu abangaka?” Waza wathi kubo uYesu: “Zingaphi izonka eninazo?” Bathi ke bona: “Zisixhenxe, neentlanzi ezimbalwa.” UYesu ke wasiyalela ukuba sihlale phantsi isihlwele; wazithatha ezo zonka zisixhenxe nezo ntlanzi, wabulela, waziqhekeza, wazinika abafundi bakhe, baza bona banika isihlwele. Batya bonke, bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iibhaskiti ezisixhenxe zizele yintsalela. Amadoda atyáyo aba kumawaka amane, bengekho kwelo nani abafazi nabantwana. Wasindulula ke uYesu isihlwele, wakhwela esikhitshaneni, wafika kummandla waseMagadan.
UMATEYU 15:32-39 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ebabizele ke kuye uYesu abafundi bakhe, wathi, Ndisikwa yimfesane ngenxa yezihlwele, ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo; ukuthi ke ndibandulule bengadlanga andikuthandi, hleze batyhafe endleleni. Bathi kuye abafundi bakhe, Sozizuza phi na entlango apha izonka ezingade zihluthise izihlwele ezingakanana? Athi kubo uYesu, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe, neentlanzana ezimbalwa. Wathi kwizihlwele mazihlale phantsi emhlabeni. Wazithabatha ke izonka zosixhenxe neentlanzi, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, abafundi ke banika izihlwele. Badla bonke bahlutha; basusa amaqhekeza aseleyo, iingobozi zasixhenxe zizele. Ke kaloku abo babesidla babengamawaka amané amadoda, ngaphandle kwabafazi nabantwana. Ezindulule izihlwele, wangena emkhombeni, weza emacaleni aseMagadala.
UMATEYU 15:32-39 IBHAYIBHILE (XHO96)
UYesu, ebabizele kuye abafundi bakhe, wathi: “Ndiyasivela esi sihlwele saba bantu bangakanana, kuba sekuziintsuku ezintathu bekunye nam, yaye ke àbasenanto ityiwayo. Andifuni ukubandulula bengatyanga, hleze baphelelwe endleleni.” Baza bathi kuye abafundi: “Zingafumaneka phi na entlango apha izonka ezinokubanela abantu abangaka?” Waza wathi kubo uYesu: “Zingaphi izonka eninazo?” Bathi ke bona: “Zisixhenxe, neentlanzi ezimbalwa.” UYesu ke wasiyalela ukuba sihlale phantsi isihlwele; wazithatha ezo zonka zisixhenxe nezo ntlanzi, wabulela, waziqhekeza, wazinika abafundi bakhe, baza bona banika isihlwele. Batya bonke, bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iibhaskiti ezisixhenxe zizele yintsalela. Amadoda atyáyo aba kumawaka amane, bengekho kwelo nani abafazi nabantwana. Wasindulula ke uYesu isihlwele, wakhwela esikhitshaneni, wafika kummandla waseMagadan.
UMATEYU 15:32-39 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ebabizele ke kuye uYesu abafundi bakhe, wathi, Ndisikwa yimfesane ngenxa yezihlwele, ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo; Bathi ke kuye abafundi bakhe, Sozizuza phi na entlango apho izonka ezingaka, zokuhluthisa isihlwele esingaka? Athi kubo uYesu, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe, neentlanzi ezimbalwa. Wathi kwizihlwele mazihlale phantsi emhlabeni. Wazithabatha ke izonka zosixhenxe neentlanzi, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, abafundi ke banika izihlwele. Badla bahlutha bonke, kwaza kwaqokelelwa iingobozi ezisixhenxe zizele yintsalela. Ke kaloku abo babesidla babengamawaka amane amadoda, ngaphandle kwabafazi nabantwana. Esindulule ke isihlwele, wangena emkhombeni, weza emacaleni aseMagadala.
UMATEYU 15:32-39 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wandula u‐Yesu wabiza abadisipile bake, wati: Ndibetwa lusizi pezu kwesihlwele, ukuba kuse kuntsuku ntatu behlala nam, bengenanto yokutya; kanjalo anditandi ukubandulula bengatyanga, hleze bacubuke endleleni. Baza abadisipile bake bati kuye: Sozuza pina entlango izonka ezininzi kangaka, ukuba sihlutiswe isihlwele esingakanana? Wayesiti kubo u‐Yesu: Zingapina izonka eninazo? Bati ke: Zisixe̔nxe, nento encinane yentlanzana. Waza wayalela izihlwele ukuba zihlale pantsi emhlabeni. Waza watabata izonka zozixe̔nxe nentlanzi, wabulela, waqezula, wanikela kubadisipile bake, nabadisipile banikela kwisihlwele. Batya ke bonke, bahluta: kanjalo kwasuswa amaqezu aseleyo, ingobozi zazisixe̔nxe zizele. Kekaloku abo babesitya bebengamawaka mane amadoda, ngapandle kwabafazi nabantwana. Wati akuba ezindulule izihlwele, wangena enqanaweni, weza emideni yase‐Magadala.