Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UMATEWU 15:32-39

UMATEWU 15:32-39 XHO96

UYesu, ebabizele kuye abafundi bakhe, wathi: “Ndiyasivela esi sihlwele saba bantu bangakanana, kuba sekuziintsuku ezintathu bekunye nam, yaye ke àbasenanto ityiwayo. Andifuni ukubandulula bengatyanga, hleze baphelelwe endleleni.” Baza bathi kuye abafundi: “Zingafumaneka phi na entlango apha izonka ezinokubanela abantu abangaka?” Waza wathi kubo uYesu: “Zingaphi izonka eninazo?” Bathi ke bona: “Zisixhenxe, neentlanzi ezimbalwa.” UYesu ke wasiyalela ukuba sihlale phantsi isihlwele; wazithatha ezo zonka zisixhenxe nezo ntlanzi, wabulela, waziqhekeza, wazinika abafundi bakhe, baza bona banika isihlwele. Batya bonke, bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iibhaskiti ezisixhenxe zizele yintsalela. Amadoda atyáyo aba kumawaka amane, bengekho kwelo nani abafazi nabantwana. Wasindulula ke uYesu isihlwele, wakhwela esikhitshaneni, wafika kummandla waseMagadan.