Ephumile khona apho, uYesu wasinga kwimida yaseTire neTsidon. Kwathi thu umKananekazi evela kuloo mida, ekhala esithi, Ndenzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide; intombi yam iphethwe yidemon kakubi. Kodwa akamphendulanga nelizwi eli. Beza abafundi bakhe, bamcela besithi, Mndulule; ngokuba uyakhala emva kwethu. Waphendula ke yena wathi, Ndithunywe kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli zodwa. Weza ke waqubuda kuye, esithi, Nkosi, ndincede. Uphendule ke wathi, Asinto intle ukusithabatha isonka sabantwana, siphoswe ezinjaneni. Wathi ke yena, Ewe, Nkosi; kuba neenjana zidla kwiimvuthuluka eziwa etafileni yabaninizo. Waphendula ke uYesu wathi kuye, Mfazi, lukhulu ukholo lwakho; makwenzeke kuwe ngokuthanda kwakho. Yaphiliswa intombi yakhe kwangelo lixa. Emka apho uYesu, weza ngaselwandle lwaseGalili; wenyuka intaba, wahlala phantsi khona. Kweza kuye izihlwele ezininzi, zinazo iziqhwala, iimfama, izidenge, izilima, nabanye abaninzi, zababeka phantsi ezinyaweni zikaYesu; wabaphilisa. Zada zamangaliswa izihlwele ezo, zakubona izidenge zithetha, izilima ziphilile, iziqhwala zihamba, neemfama zibona; zamzukisa uThixo kaSirayeli. Ebabizele ke kuye uYesu abafundi bakhe, wathi, Ndisikwa yimfesane ngenxa yezihlwele, ngokuba sekuntsuku ntathu behleli nam, bengenanto bangayidlayo; Bathi ke kuye abafundi bakhe, Sozizuza phi na entlango apho izonka ezingaka, zokuhluthisa isihlwele esingaka? Athi kubo uYesu, Zingaphi na izonka eninazo? Bathi ke bona, Zisixhenxe, neentlanzi ezimbalwa. Wathi kwizihlwele mazihlale phantsi emhlabeni. Wazithabatha ke izonka zosixhenxe neentlanzi, wabulela, waqhekeza, wanika abafundi bakhe, abafundi ke banika izihlwele. Badla bahlutha bonke, kwaza kwaqokelelwa iingobozi ezisixhenxe zizele yintsalela. Ke kaloku abo babesidla babengamawaka amane amadoda, ngaphandle kwabafazi nabantwana. Esindulule ke isihlwele, wangena emkhombeni, weza emacaleni aseMagadala.